Title
eng Iveki (IMVO_1885-02-09_i028)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
SubType of Article
eng News Summary
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-02-09
Identifier
eng IMVO_1885-02-09_i028
Word Count
eng 725
Print Page
eng IMVO_1885-02-09_p002
Page Spread
eng 2.3-2.4
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 3
eng 4
Coder
eng Sipile Nqiyama
IPEPA la Pesheya elinamatuba okuyazi imixelo yamalungu e-Rulumeni ya Pesheya liti u-Sir Charles Warren uyakundulula Amabulu angene kwa Zulu emva kokucita abapangi bomhlaba wa Bahlambeli. NGO Mvulo (2 Feb.) uloliwe ufumene isi pani siqumla indlela yake ngase Nxaruni, wasinqumla kubini. Unyatele inkabi zambini. KUKO itemba lokuba u-Sir Donald Currie, oqela lenqanawa lihamba lendlela isuka kweli iya Pesheya, angake afike apa e-South Africa ngezinyanga. U-Sir Donald ukwalilungu le Palamente yela Mangeei. UMBALI ose Mampondweni obala ngo 24 Jan., uti amare amaninzi awoyikisayo nge micimbi yelozwe akanasiseko, ziko impambano ezincinane pakati kwamapakati yi nyaniso kodwa asizezingabanga ukuba sekusitiwa ubukumnkani belo sebuhlalele ukupalala. KWALOMBALI uncoma ukuba lihle kweli zwe la Mampondo. Kusand' ukuna izipa ngo ezimnandi. IPEPA lase Fauresmith, e-Free State, libika ukuba amalahle amahle afunyenwe ezintabeni ezimelene ne Jagersfonteiu. U-REV. CANON WOODROOFFE, M.A., ohlola izikolo pesheya kwe Nciba udlule apa ngolwesi-Tatu esinga kwelo kwangomsebenzi wake. Liti ipepa lase Somerset ingati angabuyela kwasemsebenzini wake wobufundisi ekupeleni ko June 1885. IBULWANA eligama lingu Van der Mervwe lisand' ukufakwa entolongweni unyaka yi mantyi yase Qumra ngokusuka libe ihashe lomntu omnyama. Langa, kuqala, liyaliqesha kanti lizakusuka libaleke nalo. Selifu-nyanwa e-Dikeni ngocingo (akuba elise nga. pambili omnyama) selilungiselela ukumnka nemikosi eya kwela Bahlambeli. E-NXARUNI kuvakala ukuba inkomo ziyafa kusela amanzi, aselesuke asisifo ngenxa yelanga eli. Ucingo oluvela e-England lutunyelwe kumadoda alaulayo lubika ukuba u-Hon. Jonathan Ayliff ufike kakuhle kwelo nokuba impilo yake iyatembiea. U-GENF.RAL WARREN kwinteto yake no President., Kruger ngokumayelana uemihlaba etengiswe zinkosi ngokwazo, ute inkosi azinamandla okugqiba nto ngomhlaba zodwa ngapandle kwemvume yesizwe sipela, ke ngoko naleyo kufuneka ibuyisiwe. PESHEYA kwe Nciba kuko imizi ekutiwa seyihleze kwe tu into ezimpontshane kumasimi abaselenazo, kungoku eseyipile yimifuno yasendle. NGASE Monti kuko isifo esingenele amatole sokusuka etyapa-tyap' amehlo ngapandle kokuba abe enzakaliswe nto. UMHLEKAZI i-Ruluneli usiguqule isigwebo se Jaji ku Nomayeza no Xabashe ababegwetyelwe ukufa, omnye ngokubulala indoda yake, omnye ngokuncedisa ekurwitsheni kwomfazi otile. Ke u-Nomayeza uyakuhlala ubomi bake bonke entolongweni, aze u-Xabashe abe ngumbanjwa iminyaka eli 15 esebenza nzima. AMA Bulu enza ngako konke anako ukunga angancediswa nga Besutu, koko bona bangangeniyo. KUFUMANEKE ukuba ibuxoki indawo yokuba sekuko ingqakaqa e-Lady Frere. PESHEYA intombazana esisicakakazi yati ngabusuku butile yapupa ipumile enkonzweni apo, suka ekuseni yabopa yonke impahlana yayo nantso igoduka. Ite kusenjalo yakubeka etyeni yawa, kwapululu, kanti hleliwenje umntu ulele. IGQIRA elitile e-America lenze ummangaliso omkulu kumntu obenesifo esitile. Ukumnyanga lisuke laqagqulula, kwako ndawo lizisusayo lizisikayo esiswini, kanti uyakupila okwenene umntu lowo. U-GENERAL GORDON nakuba esavingcelwe usaxatisile. Indaba zokuba imikosi eno Lord Wolseley iyasondela kutiwa zibete kwavuka nentliziyo ebesezityafa kulompi yake. AMANANI ezinto apantsi kanye e-Mtata. Ingxowa yombona idla i-12/6, ize isitungu sisinye sehabile sidle idobilityi zone (4). ELASE Dodoloro lincoma ukutyeba kwenkabi zenqwelo ezibeka kwela Bahlambeli zipuma e-Xalanga. LIBALELE kanye apa, kungoku kubonakala ukuba iza kupelelwa nayinto yokucola impahla. E-DAYIMANI umfo ontsundu ose stoleni ute xa kutulwa impahla ebitulwa enqweleni etile, wati ngokutsala enye ikasi, kanti kuko umpu ongxashiweyo kufupi naye, wasuka wadubula ngokucukunyiswa yikasi leyo, yatsho imbumbulu yamtyutya intloko wafa. E-NYARA amadoda amabini ebesebenza ndlwini nye, acapukisana ngamhla utile, ete enye yaselikwela kuwabo ngenduku yatsho ngenkenkema induma zambini. Indoda leyo ibetiweyo ihle yaqauka. E-RINI o Messrs. W. Hutton & Co., baya kuba nefandesi elikulu lempahla nokutya ngowe 11 ku February lo. UMQOMBOTI uyawa nengxwelera kwakona. E-Rini abafazi ababini balwe bakubona ukuba bazindaka ukunxila oku, intoke leyo asuke omnye waqaula isitshetshe wamtsho ngamanxebakazi amabi uwabo. UMBEXESHI we pos-kali ngase Kapa uxu zulwe ngamahashe waya wawa, wabeteka ngentloko bapalala ubucopo. INANI labantu abafe e-Spain, kwelabamhlope, bebulawa lungcangcazelo lomhlaba obelukwelo,—kutiwa likumawaka amatatu. U-HON. MR. MERRIMAN utyelele e-Kimberley, apo siva ukuba wamnkelwe ngovuyokazi olukulu kunene. Wenze inteto ecasa ihambiso yala madoda alaulayo. KUNCONYWA ukubalela kwelanga e-Free State. Bati abavela kona ingatanga ine kwisituba seveki ezimbini, akubonakali ukuba kobako nto iya kusinda, kuba sekusweleke namanzi ambala. ABANTU ekutiwa bebesentolongweni e-Kimberly kwiveki edluleyo, bakumakulu asibozo ananci nye. IQEYA ebelibe inkuku e-Rini, linikwe inyanga entolongweni lisebenza nzima. INYOKA kutiwa ngati zipume umkosi ukuba ninzi kwazo ngase Somerset. NGASE Gqili amahashe akolisile ukufa, ebulawa zinkumbi azibutela kunye nengca ezindle. INGQAKAQA kuvakalisiwe ngu Dr. Zievogel ukuba ipelile kwisiqingata sase Herschel. INTO eninzi yamafama angase Zwaart Kei ihamba ifuna impiliso Emaxoseni nase Batenjini. KUMZI ogcina abantu abane ngqakaqa e-Burghersdorp, abafayo babe 36. ' OTA kuzalisa indawo yobu Bishop e-Bloemfontein kuvakala ukuba ngu Rev. William Ingram, M.A., obese Leicester. USUKU ekude kwati nqo kwamiswa ukuba lube lolokuvulwa kololiwe oya e-Burghersdorp lolwe 18 ku March. NGENXA yokuyelana kwalamagama ezindawo i-Maclear ne Maclean, kumiswe ngoku ukuba ati obalela e-Maclean ati, Macleantown, aze ati obalela e-Maclear ati, Maclear, East Griqualand. ISICAKAKAZI esimhlope e-Natal site ngenxa yokufumaneka kobubi besimilo saso sazamela ukuzibulala ngokutya ityefu, koko igqira lifike iselixesha, lasisindisa ngoko. IKULI ebelisand' ukufika e-Natal kwasa ngamhla utile lizibulele, lizixome ngomkala estalini.