Title
eng Imvo Zabantsundu (IMVO_1885-02-09_i030)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
SubType of Article
eng Alcohol
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-02-09
Identifier
eng IMVO_1885-02-09_i030
Word Count
eng 528
Print Page
eng IMVO_1885-02-09_p002
Page Spread
eng 2.4-3.1
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 3
Print Column
eng 4
eng 1
Coder
eng Sipile Nqiyama
ABANTSUNDU NO TYWALA. KWINGXOXO ezinefa eziya kukangelwa ngokwendeleyo e-Palamente ngentlangano yayo ezayo, kuya kubako pakati kwazo neyokutengiswa kweziselo ezitshisayo kwa Bantsundu. Ingxoxo eyaka yako yabashushu ngokumayelana nalendawo ngentlangano edluleyo ye Palamente yasuka yangena bucala, kwakupela yatabata malungana nendawo yemigama eyayimiselwe ukuba kungatengiswa ndywala kuyo kwa Bantsundu kwesisiqingata nakwezinye, ukukangela ukuba kubeko luncedo iluvelisayo alubangako sinina. Noyena ubengolucase mpela olulumiso lwemigama emakungatengiswa tywala kuyo akabanga nakuyikanyela yona indawo yokuba lomteto wenze ukulunga okutile. Ewe kwinxenye kuyabonakala ukuba incasano nalomteto eyibonisileyo ibangelwe kuko yika ukuti yosuka intengo yotywala ibiwe ukwenziwa kwayo,—abamnyama babutenge kwindawo ezingapandle kwezo kungavunyelwe ukuba butengise ize beze nabo emakaya —kwindawo yesibini babangwa luvelwano abanalo naba tengisi-tywala abampilo ipela bayifumana ngokutengisa lamanz'-amlilo kubantu bakow'etu. Kwakubonakala, nokoke, ukuba lomteto wokunqumla intengiso yotywala kwiziqingata ezitile, awukalingwa ngokwaneleyo ekuteke ngaso kanye eso sizatu i-Palamente yabona ukuba ungake uqutywe ide ibe ngomnye unyaka ngapandle kwalahlekelo enkulu yani. Kuyanelisa ngakumbi kona ukuqonda ukuba onke amalungu e-Palamente aba nalemvo inye, yokuba intengiso yotywala ngeyisima ngalendlela— yokuba kungavunyelwa nabani kuyo yonke i-Koloni ukuba atengise ngotywala kumntu ontsundu. Ububi besipelo esa kuso, lentengiso yotywala ekuboneni kwabantsundu ngokwabo ibiseyimiswe yazotywa kwangapambili esingati ukuwubonisa kakuhle lomfanekiso uzotywe ngabantsundu ngokwabo, esingoyikisi 'nto ukuti bonke, sisuke salate kwi sicelo somnumzana uWILLIAM S. KAMA namadoda ama 55 kunye naye, esisingisa ku Sir LEICESTER SMYTHE owayebambele i-Ruluneli ke ngoko, afike ati ' bona abazicase nganto ihotele ezisezindleleni ezimele ukulungiselela abahambi umhlaumbi ivenkile ezililungelo kwa Bantsundu abahleli mgama nedolopu; kodwa ke bona ngabakade bebona namava abasebenawo ngenkohlakalo eyenziwa zezinkanti zikwa zihotele zimele indlela, banako ukuti zenza inkohlakalo engatetekiyo. Zilolona tshaba lwentshaba zomntu ontsundu kwelilizwe. Abantu ziyabahluta inkutalo zibenze amavila, ngokubenza izinto kupela imini ezi ezizibelana nendawo apo kunokufunyanwa kona utywala : abantu zibenza ukuba babe kusoloko baba ngamahlwempu ngo kuginya kwazo yonke intwana engeyiba iyabangenela ; zilikusi elimelene nehambiselo pambili yabo ekukanyeni nasebu krestwini ngokubadobelela ekwenzeni imikwa yobunxila ; ziya zibaqetula zibakwelelisa kuzo zonke izinto zodumo nezokulunga ; ziyintshabalalo kulo lonke umanyano nolonwabo lokuzalana ezindlwini, ngokuvelisa ubuhlwempu nencwina zembandezelo emakayeni abo, zibangela izipitipiti nentswelo imvukelwano ezindlwini, kwanamapike ; zibangela ukuba amadoda angazikataleli kuba umtyoli ewagonyamele ngoluselo lunamandla; zibangela ukuba abantu bangayisi so inkonzo, bangene kuzo zonke intlobo zamatyala nokungcola; zibangela ukuba intolongo zizale ngababanjwa, siti isihogo sixinane yimipefumlo elahlekileyo! Zingamawaka into esizaziyo ezikohlakeleyo eziveliswa zezinkantini; ukantike ngakwicala elilungileye asikaboni nokuba ibenye.'' Inxenye yoyikela ukuti koti kwakuvalwa kuti mu tu kanye intengiso yotywala, i-Koloni ibe lihlwempu ingangenelwa. Kungade kube njalo, kambe, nakuba kodwa kungabonakali ukuba kunganjalo, kuba abantsundu abasebengamanxila abasenayo nento le imali, kuba abananto ibangenelayo ngokungenzinto kupela bajikelezana nenkanti ezi, ke ngoko akunakuba kube kuko nto ipi bamngenisela yona umgcini nkanti. Lowoke angaba uyabukanyela ubunjalo bayo into le makabeke uyayiyo lemali batyebisa ngayo umgcini nkanti mabaye kuba kumafama, xa silapo masize kulombuzo wokuba u-Rulumente welilizwe womkuselana umgcini nkanti emkusela ngokucinezela ifama, ngawambi, siyakuvumelana na nalendlela ingaqonda- ndakaliyo yokupanga U-PAULOSI si- mpangela ukuba sityebise U-PETROSI. Inyaniso yona ilapa ekubeni intengiso yotywala inqanyulwe kwakanye, abantsundu siyakubafumana ingabantu abangemanxila, abantu abaya kukatalela ukucinga ngempumelelo yentsapo yabo abamandla bayakuwasebenzisa ngayimbi indlela, abayakuti, nakuba kuyakuba ngendlela engaqondekiyo, bayingenisele i-Koloni imali ebebe fudula beyingenisa ngase tywaleni. Nangokungapezulu koko bekuya kuvelela ituba lokuba babuye baki- we abantsundu babe ngabantu, abantu abayakuti kumgama otile bazipate ngokwabo.—Intoke ezo eseyingunotshe ukuke babe zizo okunje basemnka nalomkukula walentengiso yotywala.