Title
eng Ezababaleli (cape Town) (IMVO_1885-02-09_i035)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
SubType of Article
eng Newspaper Subscribers
Language
Date
21 January 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-02-09
Identifier
eng IMVO_1885-02-09_i035
Word Count
eng 368
Print Page
eng IMVO_1885-02-09_p003
Page Spread
eng 3.2-3.3
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 2
eng 3
Coder
eng Sipile Nqiyama
January 21, 1885. Abafundi be 'Mvo' nabahlobo baba ntsundu abalapa kwesisixeko, bavuye kakulu bakuba bevile, kwiveki ezidlulileyo ngempumelelo yaba ntsundu ababenayo kwinkundla yase Dikeni ngokuma- yelana nokungeniswa kwamagama abanyuli, bada bavuya ngakumbi kona bakuva ukuba kwesase Qonce isiqingata inkita eninzi kunene ekwi 217 ngeveki edluleyo ifumaneke inalo ilungele yokuba ngaba voti bokunyula amalungu e- Palamente. Ewe Imvo ite gqwidi kuhle, ngeliya ite wonke opantsi Kolaulo lwe Nkosazana unemfanelo yokuba angene encwadini yabanyuli, etike i-Evening Express yase Kapa yaseyiba nenxeba lokungena, ku¬ba noko asipepa linamoya umhle kwaba ntsundu. Ilungelo lobunyuli asililo eliyimfanelo kubani wonke, koko lilungelo elifunyanwa ngonantsi, kantike kwelili- zwe apa e-Koloni, linako ukufikelelwa nangubani kungakataleki nokuba ngoba- la linjanina—kanti ke akunjalo kuwo onke amazwe apantsi kolaulo Iwabamhlope. Abantsundu abase Dikeni nase Qonce ngoku banako ukuteta kuviwe kweza zi- ndlu zipete Ulaulo, oko kukuti kobanjalo ' ukuba baya kuhlala beyikumbula indawo yokuba 'amandla kukuba yimbumba.'— Ngebekangela ukuba koti ngeminyaka ezayo bamelwe ngamadoda afanelekileyo ebala labo ; ke bati kodwa okwangoku bakangele ukuba bamelwe ngamadoda afanelekileyo, afanelekileyo namadoda anezwi elilelawo angalandeli ngakubona buninzi bacala anjengo Mr. lunes omncinane olilungu elimele i-Dike ngoku, umfo osihombo kanye kwindlu esezantsi osisa saba ntsundu abamtumele kona apo e-Palamente. Ukuba ngamanxila kwaba ntsundu belo cala lenu kubonakala kutatelwe pezulu kanye ngamapepa, kwayeke kufanele. Kwincwadi zamanene ase Dikeni kuvakala ingxelo ezimbi kunene, mayelana no- kwanda kwolubo kulomzana, sekude kwako nokungati, njengokuba kwesika Kama ukutshatyalaliswa kwe nkanti kungati ku¬be luncedo nje, sekusiti kuso sonke esosiqingata sase Dikeni ke kulingwe eloqinga. Lendawo ibe njalo ingaba linyatelo lobom kanye, ebebefanele ukutike ngoko abazintloko kwaba ntsundu benze isicelo solo- hlobo, kuba mabaqiniseke asinto u-Rulu-mente angake angayikangeli londawo. Ngokwenyaniso lixesha ngoku ukuba ziti zonke Inkantini ezipakati kwaba ntsundu zivalwe.—Zibangela ukuba zizale intolo- ngo zetu, zitshabalalise abantu umzimba ndawonye nompefumlo, zitintele nentlumo yezwe letu—konke oku kusenzeka ukuba abatengisi bendywala batyebe ngapandle kokuba babe nomsebenzi abawenzayo. U-Mr. Saul Solomon ogama lazeka kangaka kwabo abangabafundileyo ba¬ba ntsundu, okungabiko kwake kuvakala kakubi kangaka kuma Qumru aselulau- Iweni lwelilizwe, usand' ukubalela inewa¬di komnye wemizalwana yake apa; kuti¬wa loncwadi yake ivuyisa itembisa kanye okokuba kunokutembeka kanye ukuba wobuyela empilweni. Ulindelweke uku¬ba wobuya kwakwisituba senyanga ezimbalwa. U-Sir John Molteno, omnye umhlobo waba ntsundu, uyemnka uya e- Ingilane kwangayo leveki izayo. U-Mr. Dick oyi mantyi yase Qonce ulindelwe ukubuya e-Ingilane ngenyanga ezayo.