Title
eng Imvo Zabantsundu (IMVO_1885-02-16_i022)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
SubType of Article
eng Language
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-02-16
Identifier
eng IMVO_1885-02-16_i022
Word Count
eng 797
Print Page
eng IMVO_1885-02-16_p002
Page Spread
eng 2.4-3.1
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 3
Print Column
eng 4
eng 1
Coder
eng Sipile Nqiyama
AMAKUMSHA ANTSUNDU. PANTSI kwala magama ipepa lakwa Komani cligama liyi Free Press, liteta bukali licase isigqibo sika Rulumeni kuba ete alisafuneki ikumsba elimhlope kwi ofisi yemantyi yalomzi, inyule ukuba ku kumshe omnyama ; oku kutiwa kubangwe kukubalela, amakancipise imali ke ngenxa enoko. Elipepa liti livakalisa umxelo walo ' njengokuba u Komani emi kwindawo akuyor emideni yelase Maxoseni akunqwenelekile akulungile ukuba indawo epakame njengeye kumsha iwele kumntu omnyama.' Okwezetu iziqu asihlutiswa lilizwi lokuba ' kuba umzi wakwa Komani umi kwindawo okuyo ngenxa enoko akunqwenelekile ukuba ontsundu abelikumsba.' Sibangelwa yilenteto ukuba senze amanqakwana ngendawo yokuba izakuba nguwupina ngoku umsebenzi abazakuwenza abamnyama abafundisiweyo xa nje bahlutwa nokukumsha. Ukuze singavisiswa kakubi make siti sihlanza okwayizolo tina sakubona umhlanjana apa wododana Iwakowetu oti wakuba udle amadinana atile kwizikolo ezinjengezasema Dikeni, noma Nxukwebe no Mitwaku, ube. selubamba ukaba utuli, usiti awufanelwe misebenzi yazandla. kodwa ubizo Iwawo luse misebenzini enziwa ngobucopo. Kwinteto ete ke sazenza ngemisebenzi ekulindelwe ukuba bayenze abafundileyo ibingenguwo umnqweno wetu ukuba ibe kanti umntu efundiswa nje akasakuba sasebenza nto yenziwa ngezandla, makabe selemelwe kusabenza ngentloko mhlaimbi afe. Yabeke yona into ejongwe yimfundo ikukuba imenze onayo abe nokuwenza ngokudlulise kongafundanga wonke umsebenzi afaka. isandla kuwo. NGOLWESi-Tatu ine kakulu kanjako kwa Komani, liti ipepa lakona ukuyixela kude kwangati kupalazwa amanzi nge mpompo. KUBA FUNDI,—Impawana, I-Cricket Ye Holide, ipepa elabalwa ngu Mr. W. Hay eli- balela Umanyano Ngemfundo—ezinteto azi- fumananga situba kwelanamhla E-MTATA umbona usahamba pakati kwe 10/ ne 12/ ngengxowa. E-TOLENI nakwezinye indawo zangakona umbona usaya kulunga usindile kanye yena —batsho abavela ngakona. IMITWALO yenqwelo ukusuka e-Aliwal North ukuya e-Kimberley, ihamba kwi 8/ ne 9/ ngekulu. IXABISO lombona liya linyuka ngokunyuka emarkeni, kwiveki edluleyo nye wema kwi 16/ ngekulu. KWESENTO ka Ross kwa Hleke pantsi kwa- mahlati, siva ukuba kwakuyo leveki idluleyo bekwenziwe intlanganiso enkulu kunene yo- kutandazela imvula, ebikungwe kunene nga- maqaba. Ukudliswa abantu kuwiswe inko- mo. E-MONTI bayipiwe kanobom kanye bona imvula, batsho ababala bekona. Kodwa kuyenzakalisa ukuva inteto enjengale yelipepa ebonakala ukuba iyaxaba endleleni yokuba abantsundu bafumane amasebenzi akwa Rulumeni, ngenxa yebala abalinikwe Yinkosi pofu. Kan tike elipepa alizixeli izizatu zokuba ku ngafaneleki ukuba abantsundu bangabi zitoliki ezi ofisi, emasiti kuba nati ngasazi ikwali kwele elidala elisekwe pezu kwebala. Kuyakutiwa Amangesi anokutolika ngokudluliseleyo kunabantu abantsundu. Kungaba njalo mhlaimbi: u Komani nezinye indawo zingaba zibezina mashwa okufumana amaqitala amakumsba, lityala lazo elo, kuba inyamekwana encinane ibiya kuti nce-disa ukuba zifumane amadodana afanalekileyo kwinkita efundileyo ngoku. Asifuni kwalata ndawo siti etile injalo, kodwa singati asikazanga sifumane toliki ya Ngesi igqibeleleyo. Ayakusivumela Amangesi xa siti amatyala awo atandana emiswe ngomxolo ngazo zonke indlela, ukuhanjiswa kwamatyala kusicenge sokuba konakale kuku musha okusiqwala ; iyinto epokeleyo ukuba ubagqitile kwiminwe yesa- ndla salombali Abelungu abayaziyo kanye inteto ye-Sixosa kunye nama- qalo ayo; zabeke ezimpinzana zi- ngeko edinisweni lakwa Rulumeni. Kekaloku kuba ofundisiweyo ontsu- ndu iyinteto yonina-kulu le ye-Sixo¬sa makabe ugqibelele ukuyazi kwa- kunye namaqalo ayo lawo maninzi kunene, yabeke iyinto ekapukapu ukuyifunda eye Singesi inteto kuba yona iyinteto ekungeko zinkani ngamazwi ayo, ebalwa ngohlobo elumiyo nolwazekayo—nto ezo zo- mbini ezingekoyo kweye Sixosa, kwaye kunjalonje sebeko kwabantsu- ndu abasebeyifundile ngokwanelisa- yo inteto ye-Singesi. Kuko enye inkalo, mayelana nale ngxoxo, ebonakalayo kuye wonke umntu ozikisayo ukueinga. Yinto eyaziwayo siti sonke ukuba imali le ye Rafu siyihlaula ku Rulumeni usebenza imisebenzi ebuya inike ituba lokuba ifunyanwe ngabayi- hlaulayo kwakona ; ukuba bekunge- ko temba linjalo ngesebakucasa ukuhlaula i-Rafu bonke abantu aba- kanyiselweyo. Lemali ke siyinika iRulumeni singati ibuyela kwaba- yihlaulayo ngendlela ezimbini: (1) ngemisebenzi ati u-Rulumeni aye- nze ilungelo labemi bendawo ezi- hlaula i-Rafu ; (2) ekubataleni aba¬ntu abazicaka zake, abati lomali ba- hlaulwa ngayo bayanane pakati kwetu ngokutenga into abazifunayo kwakuti. Kwingqili zetu bamnya- ma akuko misebenzi ibalulekileyo ayenzayo u-Rulumeni, kuba nati asiyifuni nganto. Akuko kubuyisa imali zetu ke ngalondlela. Ngoku- patelele kwisango lesibini singati ababaninzi kuti abasedinisweni lika Rulumeni ngoluhlobo angena ngalo amagwangqa, esingati ukulihlamba elilizwi siputume inteto ye Ruluneli elandelwa yile ikoyo u-Sir BARTLE FRERE, oti ' Akuko nto kwelilizwe ' injengaleyo yase India eluncedo ' olukuiu—isebe labantsundu lezi- ' caka zakwa Rulumeni. Kuswele- 'ke onobala namakumsha, kodwa ' andazi mntu mnyama upete inda- ' wo yokuba atenjwe kuyo enewo- ' nga ngapandle mblaimbi kweyo ' kutolika. . . . Endingeze ndabo- ' nisa nangomntu omnye owaka wa- ' miselwa kwindawo yegunya enje ' ngokuba yimantyi mhlaimbi ngu- ' mamnkeli mali zakwa Rulumeni ' ngenxa yokuba, eyifanele nge- ' mfundo indawo leyo. [Tyila kwi- ncwadi zenteto ze Ruluneli ne Pa¬kati Elikulu Lenkosazana Elipete Ikoloni (C.—2100) July 1878.] Eteta ke ngomvuzo wabo bambalwa bangaba baqesbiwe ngu Rulumeni ngoku uti u-Sir BARTLE FRERE, ' bapete indawo ezimisebenzi miku- ' lu pofu bengavuzwa kakuhle.' Makube kumhlope ke ukuba nakwi- tuba lesibini ayibuyisa ngalo u-Ru- lumeni imali ye Rafu abantsundu abakoti nabapantsi. Kufanelekilena oko? Kutiwa ngoku mabablutwe nokutolika abengati umntu yeyona ndawana sebenyatama kuyo! Si- bona tina iluncedo ku Rulumeni ukuba abakutaze ngokubavulela itu- ba lokufumana umsebenzi abamnya- ma abafundileyo, ukuze nabo babe nokuma ngenyawo zombini kulo- mhlaba bayeke ukusoloko bengo no- twali-mpahlana.