Title
eng Abalimi Base Batenjini (IMVO_1885-02-16_i024)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
SubType of Article
eng Farmers
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-02-16
Identifier
eng IMVO_1885-02-16_i024
Word Count
eng 960
Print Page
eng IMVO_1885-02-16_p003
Page Spread
eng 3.2-3.3
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 2
eng 3
Coder
eng Sipile Nqiyama
U-Mr. P. Mtyoba, ongu Nobala we Bandla la Balimi bela Batemba, usitumele ingxelo ayibale ezincwadini zelo Bandla oko belihla- ngene ngomhla we 7 nowe 8 ku January. Kakade ke ingxelo edla ngokungeniswa ezi. ncwadini zama Bandla anjengeli ikolisango- kufana namatambo omntu awomileyo esekn- yakutike kuba sasiko nati ezintlanganisweni apo sesimana ukuwagubungela ngenyama lo- matambo engxelo. Indlu ya Mahala (watsho omnye umfo obomvu wase Ncora) yavulwa ngo 17 Janu¬ary ngonyaka odluleyo. Imi kum'mango omble kulomzana uyakuba rahle kunene wa¬se mantla e-Tsomo bati li Cala. Yindlu ebu¬kulu bulingeneyo. Yakiwa ngeratshi elikulu nga Mahala awarola imali nempahla kwada kwabonakala ukuba igqitile kwinto eyayika- ngelwe ngamashumi osibozo eponti £80. Ine- gunjana esatyelwa ukuba lelencwadi (Li¬brary). Ziko indawo ezasidanisayo tina ngokumayelana nokufezwa kwendlu. Akwa- ba izitulo zazinendawo zokwayama. Asazi ukuba kwala ntonina ukuba indawo ezihamba abantu zingandlalwa inkuko apa zase Mlu¬ngwini ezitambileyo (carpet). Ngenxa yo- kusweleka kwazo ingxolo yezihlangu za Batembu yafuna ukugqita emgceni. Ezona ncwadi zinoncedo asizibonanga endlwini yencwadi, ngazwinye akuko zincwadi okwa- ngoku ngapandle kwencwadi zentsomi za Mangesi (Fiction) esingazi ukuba zinasaci sanina kumafama. Indlu inezipato ezihle zezibane ezatengwa e-Kapa. Iqalwe intlanganiso yeli Bandla, eyeyesi- bini evayingena oko yati lendlu yavulwa, ngomhla we 7 ngentsimbi ye 11 kusasa. U- C. J. Levev, Esq., u-Mantyi wase Xalanga nase Cala esesihlalweni. Kumanene awayeko sa- paula abanumzana o Messrs. Mankayi Re- nqe, Solomon Kalipa, Mtengwane Ngcwabe, Joseph Tele Seva, Landule Ngcwabe, Adonis Ntovise, Palmer Kula, Joseph Nqose, Jantje Mgcodo, S. Tshokotsha, M. Mxaku, D. Makohliso, P. Figiland, John Somtunzi, Richard Tsengiwe, F. Mashiyi, Jas. Mfamana, namanye. Umongaraeli uyivule ngambalwa intlanga-niso ate pakati kwawo uyavuya kunye na- madoda ukuba besabambelele kuyo intlanga¬niso. Intshaba beseziqalile ukuti lento yabo iyakupelela emoyeni. Into emayenziwe ngu- msebenzi—mabazame into ebonakalayo. Into yokuqala eyakwenziwa yintlanganiso kukupulapula ingxelo yento ezenziwe ekuse. tyenzweni komhlaba zifama ngalonyaka. Kwakulentlanganiso mabenze amacebo apa- telele kumteto wotywala—ukuba ingatiwa- nina ukupeliswa intengiso yabo, bangatinina kanjako ukuxuma imigudu yabahlobo abalwa elidabi abakwezinye indawo. Enye into ekuyakufuneka beyicingile yeyokuncipisa ubusela. Pakati kwento ezingati zingalu- ncedo kukuba abantu baqiniselwe kwimihla- ba abakuyo bazeke babe nokuyipendulela into ehla kuyo. Ndawo yimbi kukuhlwayela imbewu ezizizo, nezifanele amaxesha atile. Bekungabanceda kakulu ukulandela emko- ndweni wa Majelimane kwinto zoluhlobo. Kambe ngabantu abatyekele kwinto zolaulo, kodwa zininzi izinto ezinokwenziwa ngapa- ndle kwezo zaselulaulweni. Amadoda aqale ngokubalula imisebenzi ayenze ngonyaka odluleyo, esiyive savuma nati ukuba asebenzile xa sikumbula inxwa- leko abesebenza pakati kwazo zelanga nezo- kuba umhlaba wawo ungekadanga walungi- swa njengokuba wona ebefuna- Intsebenzo ebalulekileyo yengokwakiwa kwezindlu ze- zitena ezifulelwe ngezinki, ukutsalwa kwe- mijelo, ukutyalwa kwemiti, nokulima oku- kulu. Amanye amadoda ayelindele ukubu- la ingxowa ezisemakulwini zengqolowa ne- nto eninzi yehabile. Ingande kakulu lengxe- lo ukuba silinge ukuzibalula izinto ezisetye- nziweyo ngabantu ngabantu. Saneliseka tina. Siyayincoma intsebenzo yamawetu. Kusebenza okute qo okunyusa uhlanga. ULUBO. Ingxoxo yobusela indululwe ngu Mr. DUN-CAN MAKOHLISO okalaze ukuba indlela awo- hlwaya ngayo u-Rulumeni amasela ayincedi luto, kuba amagq weta nokutya kwentolongo— ezizinto ziwakutaze ngokunye amasela. Ucebi- se ngelokuba ubusela bohlwaywe kwangala- ndlela yomteto wase Maxoseni ukuze pezu kwawo kubuye kwalekwe intolongo. Kulenteto kutete into ka Seya u-Jeseph Tele no Palmer Kula, no Pambani Figilan, no Richard Tsengiwe, no Solomon Kalipa, no Philip Siwundla, no Landule Ngcwabe, | ide emva kwengxoxo abete kuyo abanye ba- dulusela ekutini makwandiswe amapolisa, kwavunyelwana. Le ilandelayo yingxelo esivitunyelwe ngu- mbali wentlanganiso u-Mr. P. Mtyoba: K^gqitywe kwelokuba u-Rulumente ma- kacelwe ukuba anqande ukutengiswa ko- tywala bomlungu kwabamnyama e-Koloni nakwezinye indawo. Kuba utywala ngu- mzali wobusela nezinye inkohlakalo. Kusuke u-Mr. D. Makohliso watelelwa ngu Mr. P. Figilan ukuba u-Mr. J. G. Maboza abe lilungu lolumanyano. Yatakazelwa lo- ndawo. Kusuke u-Mr. Figilan watelelwa ngu Mr. Tsengiwe ukuba u-Mr. J. Tengo-Jabavu abe lilungu lolumanyano—kwavunywa. Emva koku kwamnkelwe amagama o j Messrs. Meli Xanti, John Mbane, no Paul Mazwi ebulungwini. Kuvunyelwene kwelokuba u-Mongameli anikwe igunya lokubatala i ' lamp ' awazi. tenga efandesini ezitengela elibandla. Kusuke u-Mr. Siwundla watelelwa ngu Mr. B. Hlazo ukuba makubizwe ishumi le- sheleni (10/) ngobusuku xa sukuba abelu- ngu besenza umdlalo kulendlu yelibandla. Yatakazelwa londawo. Kute apa kwamnkelwa u-Mr. J. Mba ebu-lungwini. Kusuke u-Mr. Tsengiwe watelelwa ngu Mr. J. Mbane okokokuba kubekiswe ku Ru. lumente ngedlelo kubantu be Morgen, eya- gqitywa yi Komityi lomhlaba wase Batenjini, yokuba ' nge Morgen enye yokulima kuku- tshwe 15 Morgen zedlelo' isigqibo ke eku- ngabonakaliyo ukuba safezwa. Yavunywa ! londawo. Kusuke u-Mr. Figilan watelelwa ngu Mr. Mbane ukuba o Messrs. Maboza, Makohliso no Tsengiwe babalele ku Rulumente nge- ndawo yedlelo, iti kodwa incwadi ingene nge- mantyi, yavunywa londawo. Kusuke u-Mr. Tsengiwe watelelwa ngu Mr. Kosana, ukuba o Messrs. Nqose, M. Ngcwabe no Solomon Kalipa bongezwe ku- lamadoda matatu, yavunywa londawo. Ipu- mile intlanganiso kuba sekuhlwile kwavu¬nyelwana kwelokuba ibuye ihlangane kusile. 8th January 1885. Intlanganiso ihlangene ngexa elikufutsha. ne no 11 o'clock a.m. Isihlalo sitatyatwe ngu Vice-President M. Renqe. Emva kwe- nteto emfupi eyenziwa ngu Mongameli, uha- mbile umsebenzi. Kusuke u-Mr. Makohliso wati makuhla- nganiswe imali kubo bonke abesi siqingata, engayikudlula kwi 5/ ngonyaka endodeni, imali ke. 1. Eyakunceda wonke umntu osengxakekweni, xa sukuba ingotembekileyo abolekwe kuyo. 2. Eyakutenga intlobo ezi- tile zembewu zokulima, ezingati zifuneke, ukuze zitengiswe kotandayo. U-Mr. Figiland uteleie wati, kodwa ubona yena ukuba ilizwi lokuti ' bonke abesi siqi¬ngata' lisuswe kufakwe elokuti amalungu olumanyanc. O Messrs. Tshokotsha no Tele bavume- leneno Mr. Makohliso. u-Mr. Kula no Mr. Gagela bavumelene no Mr. Figilan. Kusuke u-Mr. Tengo-Jabavu wati, lendawo itetwa ngu Mr. Makohliso ilungekunene, yena ke uti elake make kuhlanganwe nomzi ngale- ndawo, ingagqitywa ngapandle kwawo, kuba lonto iyakwenza ukungavani okukulu. U-Mr. Makohliso uyiroxisile eyake inteto wavume- lana no Mr. Tengo-Jabavu. Kuxoxwe ke pezukwenteto ka Mr. Figilan no Mr. Tengo-Jabavu—Kwamnkelwa eka Mr. Tengo-Jabavu. Kusuke u-Mr. Mfamana watelelwa ngu Mr. Tshokotsha ukuba kumiswe i-Sikiti— yatakazelwa londawo. Kusuke u-Mr. Makohliso watelelwa ngu Ngcwabe, okokuba o Messrs. Mxako, Tele, Kula, Figilan, Tshokotsha no Toise baba¬lele izipata-magunya, ngokumiswa kwe sikiti —yavunywa londawo. Kusuke u-Mr. Tengo-Jabavu watelelwa ngu Mr. Kula, ukuba amagosa anyakenye apate umsebenzi de ibe yintlanganiso ezayo, eku- yakuti kuyo kunyulwe amatsha—yavu¬nywa londawo. Kusuke u-Mr. Tengo-Jabavu watelelwa ngu Mr. Makohliso, ukuba intlanganiso ezayo ibe nge 21st. yalenyanga—kwavunyelwana. Kuvunyelwene kwelokuba lentlanganiso ivulwe ngomtandazo.—Yacitakala intlanga- iso.