Title
eng Abantwana Babafundisi (IMVO_1885-02-16_i027)
Found in Newspaper
Article Type
xho Organization
SubType of Article
eng Religion
eng Meeting
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-02-16
Identifier
eng IMVO_1885-02-16_i027
Word Count
eng 177
Print Page
eng IMVO_1885-02-16_p003
Page Spread
eng 3.5
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 5
Coder
eng Sipile Nqiyama
INTLANGANISO yabafundisi base Wesile ebise Bayi, ibe ixoxa nangoncedo olufa- nele ukwenzelwa abafundisi abantsundu ukuze babe nokufundisa abantwana babo. Lendawo inkulu kanye ; banga bangayi- kangela abantu bakowetu. Siyazi ukuba abafundisi abantsundu base Wesile be- ngene nje kulomsebenzi abangonele mali, iqoshana abalifumanayo alikulingene no¬kuba bafumane kakuhle isonka nengubo. Kunqabileke ukuba babafundise aba¬ntwana babo; kanti kaloku bebenga ba- ngapambili ezintweni zokukanya ababo abantwana, ukuze sizive iziyalo zabo. Enye into ekuza kufuneka ikangelwe ye- yokuba zinendawo yokufundana intombi zabafundisi bakowetu. Indawo efuneka- yo yonje ngale yase Lovedale nakoma Peelton nomi Gwali, apo abantwana ba¬ya kufunda incwadi, nokupata indlu, ba¬be pantsi kwamagunya abanokuwahlo- nela xa base mfundweni. Eyase Nxu- kwebe indawo siyibulela kwelamadodana lodwa icala. Asiboni ukuba iya kuzi- nceda kangakanani intombi, kanti ama¬ndla omzi asezintombini apa. Siya ku- bona kona ukuba ziyakwazi ukupata isi- kolo; kantike isikolo esi asiyona nto inkulu siyijongileyo kuzo. Ingxoxo yo- kufundiswa kwentombi zakowetu soza sibuye siyikumbule. Okwanamhla sisa- ti yibani nizicinga nani ezindawo; eli- nye sisati abantu abagxeka ukupatwa kwezindlu zamakosikazi ekutiwa afundi- le, inabake bazivele intombi zetu, baku- kangele kakuhle ukufunda ezikufume- neyo