Title
eng Iveki (IMVO_1885-02-23_i022)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
SubType of Article
eng News Summary
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-02-23
Identifier
eng IMVO_1885-02-23_i022
Word Count
eng 1005
Print Page
eng IMVO_1885-02-23_p002
Page Spread
eng 2.2-2.4
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 2
eng 4
Coder
eng Sipile Nqiyama
EKUTSHENI kwendlu e-Bultfontein, e-Da- yimani, ngolwesi-Bini 10 February, kutshe belele abantu ababini, unyana nonina. UDABA lokuba kuko amanz' abomvu ezi- nkomeni kwa Wezo ngase Bofolo, kufuma- neka ukuba alunyaniso. MAKUBE kuko ama Bulu elilizwe anyuka ngamatunzi ukuya kwela Barolong ukuya kunceda owabo abakwelo, kuba nge-engatsho ku Mr. Upington u-General Warren ukuti gcina inja zako ukuba zingayi kunceda aba- pangi bomhlaba wabamnyama. KUTIWA ayapitizela ama Bulu ase Trans- vaal ngenxa yokuba ela Barolong lizakupa- twa ngamadoda ezirweqe, kusitiwa kwakona u-Nityalike (Niekerk ubanjiwe. KWELA Barolong imikosi ikumbule pezulu. —Induluke e-Taungs ngolwesi-Ne, ikumbule pambili e-Freyberera (Vryburg). U-RULUMENI ugqibe kwelokuba ukuhanji- swa kwemicimbi yo Cingo neye Posi kube sesandleni somnt' omnye. Okwangoku ngo- bengumpatiswa we Posi oyipete yombini, kupume u-Mr. Sivewright. Oku kumanywa kwalamasebe mabioi kuqale ngo 16 Feb. KWEZIVEKI zidlulileyo u-Mr. Austen inku- lu yomzi wase Du Toit's Pan, e-Dayimani, ubetwe ngesabo/cwe ngu Mr. R. D. Cumming. Udushe luqale entlanganisweni yemicimbi yomzi. Ate ipuma waselekumbula kwinku- lu (Mayor) yomzi u.Austen ngesabokwe. Oku kwenzeke emini emaqanda kuko iqela labantu. ABAPATI bemicimbi yomzi wase Bofolo ba- gqibe kwelokuba bamse ematyaleni wonke ofunyanwa equba, mhlaimbi ehlamba ingu. bo ngasentla kwe hospital yalomzi. IMVULA enobonyana ine e-Cradook nase Skapu nakwizitili ezingakwa Komani ngo- lwesi-Tatu lweveki engapaya kwedluleyo. ULOLIWE uyakuvulwa e-Bekesdorp (Bur- ghersdorp) ngolwesi-Ne, 19 March ozayo. Kulungiselelwa ukuba olosuku lube lolwe- migcobo. INGQAKAQA ibuye yazibonakalisa e-Alvani. Ifunyanwa ngu Dr. Impey e-plasini abati yi Folfanteni (Vogelfontein) ngase Jamestown. U-Mxosa onayo uvela kumandla wase Beke- sdorp. Imigudu iyenziwa ukuba isifo singa- ndi. UMKOMBE osand' ukufika uvela e-England, uza nodaba lokuba isebe lomkosi opetwe ngu General Lord Wolseley, elonganyelwe ngu General Sir Herbert Stewart lilwe nama Arab amawaka alishumi e-Abuklear Wells. Ama-Arab awasala etafeni efile abakwi 800, kuko nenkita engxweleriweyo. Woyisa u- Sir H. Stewart. KUVAKALA ukuba ama Bulu ase Bekesdorp nawase Alvani ayitenga yonke imipu nepis- toli ezinokufunyanwa kwindawo ezingi- swa kuzo. Kuzindlelwa ngabanye uku- ba esisenzo sibangwa kukuba ama Bulu ezi- misele ukukulula i-Bulu elingu Pelser xa ligwetyiwe ngokubulala u-Mxosa. E-MARKENI yase Bayi kuleveki idluleyo ibotolo ibihamba kwi 3/ ne 3/6 ngeponti. IMVULA inile e-Kanibo. IDILIYA ibifunyaniswa ngamanani alula e- Bayi ngeveki edluleyo ngenxa yobuninzi ; ihamba entle kwi lfd. ngeponti. AMAFAMA amhlope akwa Daliwe enze ko- nke anako ukubonisa ku Rulumeni imfanelo yokuba asuswe u-Mr. Osler imantyi, ngenxa yokuba esiti utanda abantu abamnyama. AMABANDLA omkosi wosindiso (Salvation Army) aqeshe indlu e-Monti nge £5 nge- nyanga. U-Captain May ukangele ukufika kweqela lalomkosi msinyane. UMBANJWA abati ngu Ohlsen owayepume entolongweni ngecebo ledindala legwangqa elingumhlobo walo, ubanjwe e-Dayimani wa- buyiselwa kwase Monti apo unikwe unyaka ngenxa yokuzimela. NGENXA yokupapama kwamapolisa apetwe ngu Lieut. Stewart kutiwa ubusela buncipe kakulu e-Burghersdorp. LINCONYWA ukubalela e-Colesberg. Mu tu umsebenzi. IMVULA ezimnandi ziwe kwelasema Mpo- ndweni u-Mzimvubu uzele ngokukulu. UDABA lokuba kuko ohliwe yingqakaqa kwa Buluneli alunyaniso. U-Dr. Chute omxilongileyo lowo uberanelwa ugqibe kwe lokuba intombazana leyo inerashalala. KUNCONYWA ukufa kwamahashe kwimi- mandla yase Qumra. nase Gqunube. Esosifo afa siso asicace kakuhle. IMVULA ezinkulu ziwe ngo Mvulo eKapa nakwezi zitili : e.Rafu, Victoria West, Rich- mond, Robertson, Carnarvon, Beaufort West, Murraysburg, Prince Albert, Fraserburg. U-NIEKERK obemana ukuvakala malunga ne micimbi yela Barolong njengendoda epambili yase Stellaland ubanjiwe ngomyolelo ka Sir. C. Warren. Ityala lake kutiwa wapemba ukuba u-Housy abulawe, kwano Rey uyafu- neka kodwa ubalekele e.Transvaal. I- General itumele kulawulo Iwase Transvaal ukuba lumbambe lumtumele. IMVULA zine kakulu e-Vryburg kwela Baborong INTO enkulu yesipango idlule e-Mhlanga ngo Mgqibelo (7 Feb.) yabeta kwavuleka amadam. Akuko lahleko ngapava koku- mnka kwegusha ezilishumi linantutu. UNTAMNANI abati ngu Mango wase Dor- drecht, usand' ukwenza into engumangaliso. Ufumene inkomo ezintandatu, nehashe impa- hla ebibiwe kumfo abati ngu Hendrick wase Hoptoni (Hope Town), amasela uwafumana kwesika Ndabeni, Engcobo. ISANDLA esitsha se mantyi yase Dodoloro ngu Mr. T. T. C. Purland, apo ebekona nga- pambili kuse Mossel Bavi. E-BARKLY EAST kwakiwa ivenkile enkulu yo Messrs. Baker, King & Co. U-MR. DE WET, Umpatiswa Micimbi Ya- bantsundu ubeke wahambela e-Somerset ngaleveki idluleyo. Ubesagoduke ngenxa yemicimbi yomzi wale. IHABILE e-Somerset kuleveki idluleyo ibi- hamba kwi sheleni zontandatu ngekulu. NGAYO leveki idluleyo ihabile ihambe emarkeni yase Nyara kwi 18/ ne 21/ ngezi- tungu ezilikulu. Emayibe ikwi 5/ ngekulu lobunzima. IJAJI ezakujikeleza ngesisiqingata sonya- ka ngu Sir Jacob Barry, Kt. ELINYE ikulu lamadoda lindulnke e-Ko- mani lisinga kwaloliwe ngase Bekesdorp no Mr. Hadnott- Umvuzo ukwi 2/ ne 3/ nge- mini. ISIPANGO esikulu siwe e-Bolotwa ngolwesi- Tatu 11 Feb, sabeta ilizwe lalidam elinye. Sitshabalalise ityalike yase Tshatshi ebisa- nd' ukwakiwa. U-Rev. F. C. Patten ufuna uncedo. LISHUMI linantandatu abantu abanengqa- kaqa e-Berlin ngoku. KUTIWA kusafunwa amakulu amatatu ama- doda okuya kumba uloliwe. EYONA Dayimani inkulu isand' ukufunya- nwa ngu Mr. Turabian e-Du Toit's Pan; ubunzima bukwi 352 1/2 carats. NGO Mgqibelo ongapaya kodlulileyo u-Mr. E. P. Schermbrucker wenze isikora esikwi 134 eboleni kungeko tuba lilodwa alinikiwe- yo. SIVA ukuba e-Dayimani ontamnani boku- bamba abatengi bamatye anqabileyo ngapa- ndle kwelungelo, bapume ngamini nye kuba usuke umvuzo wabo watotyelwa kwi £4 nge. veki. INDAWO apa ebiyingqili yabapangi bomhla- ba ka Montsiwa kutiwa yi Rooi Grond, kuti- wa ilubala ngoku, abantu abebekuyo basa- bile. I-PALAMENTE ya Pesheya iqale ukuquba umsebenzi wayo ngo 19 February ngaleveki idlulileyo. UDABA lokuba u-Hon. C. J. Rhodes upumi- le ekubeni ngu Mpati-Micimbi yela Barolong luyakanyezwa. Eyona nyaniso yeyokuba usayipete indawo yake e-Freyiberera (Vry- burg). KEKWATIWA Amangesi akwimisebenzi epa- telele kuloliwe alungiselela ukuwuyeka um¬sebenzi, ngenxa yokuba imali yawo itotyiwe. Into leyo ibuye yapikiswa ngu Mr. Scherm¬brucker. UMONGAMELI we Transvaal, u-Mr. Kruger, ufike e-Pretoria kwelakowabo ngolwesi-Bini, 17 Feb., evela kuhlangana no Sir. C. Warren kwela Barolong. NGO 17 Feb., ifama engu De Villiers ipa- ngwe £580 endleleni evela e-Dayimani, ku- fupi ne Kimberley. Awukafunyanwa umko- ndo wabapangi. U-De Villiers ubeye kute- ngisa ngempahla apo e-Dayimani. NGENXA yemvula ezinkulu i-Cacadu (Lady Frere), indawo ebelibalele ngokoyikisayi ngeziveki zisand' ukudlula, inconywa ubulu- hlaza. KWINKUNDLA yamatyala yase Bayi ingwe- vu yegwangqa egama lingu Bushnell, udliwe 10/ ngokusuka abete intombi yake ngefisa. Umangalelwe yintombi- Uhlaula kuba ku¬sitiwa intombi leyo seyigqitile exabisweni lokubetwa nguyise, kuba seyiminyaka ima- shumi mabini anane. INCIPE kunene ingqakaqa ngoku e-Coles- berg. U-MRS. WALTON no Miss G. Walton no Mrs. Solomon (oyintombi ka Rev. J. Walton) basuke e-Rini nge Cawa edluliieyo besinga e-England. U-Rev. J. Walton usakuke agqi- be unyaka yena kwelilizwe. AMAPEPA ase Kapa abika ukububa (ngo 11 Feb.,) kuka Hon. W. F. Duckitt, M.L.C., obemele kwindlu enkulu ye Palamente izitili ezingase ntshona-langa. INDAWO evuleke ngokububa kuka Mr. Duckitt e-Palamente siva ukuba seyidyare- lwa ngo Mr. J. Duckitt, no Mr. J. C. Hof- myer wase Kapa.