Title
eng Impawana (IMVO_1885-02-23_i025)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
SubType of Article
eng News Summary
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-02-23
Identifier
eng IMVO_1885-02-23_i025
Word Count
eng 1001
Print Page
eng IMVO_1885-02-23_p003
Page Spread
eng 3.1-3.3
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 1
eng 3
Coder
eng Sipile Nqiyama
Siyakolwa ukuba isininzi, ukuba asi- ngabo bonke abafundi betu, soba sisayi- kumbulainteto eyakayabonakala kumhla- ti wa Manqaku ngokusingisele kwi Hotele ezise zindleleni. Bokumbula abafundi betu ukuba sakankanya into esekumzuzu ibakalisa abantsundu eyenziwayo kwezi 'hotele, yokuba uti kanti noko unyanzelwa kwelakitshi nje, kwaye nokutya okufuma- nayo kungelomo nokuba lorn' oku kokufu- nyanwa ngomhlope, ibe yona imali oli- ndelwe ukuba uyirole ikwangangaleyo akupe yona omhlope, obeqikaqikeka ebo- mvu yena, xa wena ube uselunga ungade ugqibe nalomula ngenxa yobushushu no- kuxhasana kwalomngxuma wehodi okuwo. Lenletoke amapepa ayitabatele pezulu ngokukodwa wona amoya mbi ngakontsu- ndu, ebonisa ukuba lise le ixa angade ontsundu aye kuhlaliswa ndawonye no mhlope; lide liti Iona elase Monti ngesi- libulela nelo kitshi sisenetamsanqa loku- lingena. Ayisotusanga tina inteto volo- luhlobo kuba besesihleli siyiva kakade, kodwake noko kuyasanelisa ukuba sazi ukuba namhla bayakwazi ukuba indawo zoluhlobo sizite nqokoqo sizikangele. Ngapezulu sivuyiswa kubona umoya omhle awayitabata ngawo amanye. *** Kuti kwakuba kunje tina sisuke sive ukuba kusifanele ukubuya sipinde senze ujntyangampo kurnzi wakowetu wokuba kubeko indawo ezilungiswayo ngaba ntsu¬ndu ngokwabo, bezilungisela indwayi za- kowabo ezibetwe ngomalanga nazindlala ezindleleni, layeko ilinga elinjalo ukuqala belingalingwa kwimizi emikulu enjengo- ina Bayi, oina Qonce noma Komani. Oku kokwetu tina sinenkolo yokuba angati umntenze ilinga elinjalo, nokubana uke wanga uyalahlekelwa ekuqaleni, ekugqi- beleni abuyiselwe kalishumi. Kodwake kungafuneka kulungiswe indawo ezifane- lekileyo. *** Kokwetu ukuqonda akukazanga kwaba- ko hotele ifanelwe nalelogama yenziwa zngabamnyama isenzelwa amawabo. Si-ngeva kusitiwa unantsi wasekutini une- hotele sekusuke tina kufike ezingqondwe- ni zetu umfanekiso wendlu emdaka exi- neneyo ongaxeli nto, angenakuyingena umntu osenomoya wokuzidla ngobuntu bake. Xa siti makubeko ihotele zabantu abantsundu asiteti izindlu ezinjalo. Bako abantu abakululekileyo abazama uKunyuka abangarola nantonina ukuba balungiselwe ukudla nendawo yokulala. Siteta ngesi- kwaziyo neseke sanamava ako apa e-Qo- nce, esaziyo ukuba abahlobo abase Bayi nabase Rini baya kusivumela. Ababantu bakululekileyo sebesuke bancatame kuba- hlobo babo abase zidolopini xa bangene ezixekweni, zabeke ezizihlobo sezakolwa yeyekosa zindwendwe, zibandezelekile nazo njengokuba abantu bedolopu bahla- la benjalo. Ekuwaqondeni tina amanani endwendwe angayihlaula indoda xa imise indlu efanelekileyo enendawo zokulala. Amadoda anentloko afuna elona tuba lo- kungenisa amaceba angake ayicinge lenda- wo. *** Angati umntu eke wahamba pakati kwa- ma Jelimani, ngoku linje ukubalela, anga- fumani kumangaliswa kodwa luhlobo lo- kuxatisa okuxatise ngako ukutya kwawo kulamalanga anje, koko angati wumbi afunde isifundo. Lamabandla angama Jelimani ayaziwa nangongadanga abe uke wahlalelana nawo, ukuba ngamadoda, abafo abakwaziyo ukusebenzana nomhla- ba, esingade siti ngakwelocala kona aya- wakupa na Mangesi. Kuhleliwenje tina bake baba namalungelo okubona, siteleki- se ukudla kwalamabandla nokwaba ntsu- ndu, asiwuhlanganisi umlomo. Yinto ekuti pofu kumlanjeni mnye, masiti ntili- ni nye, uze pofu uti wakukangela ubone isahlukokazi esikulu, uti wakupos' ame- hlo wakukangela kokwama Jelimani utike kusuke kwasisibikibiki inzongonzongo into enmyama, ode uti ukufuna entlizi- iyweni, mayibe kuyancenceshelwa ngo- mjelo, kanti hayi. Uze uti kaloku waku- kangela kokom' Africa wakowenu utike ubone intsalubana, intwana ezinganele kuti sa ukupuma, utike kwinto esezishwe- nca zashiwenca, obonayo nawe ukuba aku- seko temba lani, mhlaumbi utike ezinye sezitshabalala impela *** N * He! Kunganinake lento isahluko siba ngaka pofunje ababantu belime mhlabeni mnye? Kuti kwakuba kuvuke lombuzo pakati kwetu sibone tina ukuba okwenene kusafuneka okuninzi okufundiweyo nga- bantu bakowetu. (1) Kufuneka inkutalo yokukwazi ukusebenzana nomhlaba, inge- yiyo into enjengale yenziwa ngamakowe- tu, njengokwenteto ka Tand' Uhlanga ati, ikuba yinto esuka ibanjiswe abantwana endaweni yokuba umhiaba usetyenzwe ngolufezekileyo ngabantu abakulu ngo- kwabo, into enkulu ingabi kukumana ku- tiwe qikili ngemihlana emitunzini kuli- ndwe ikofu nesitabataba. (2) Kufuneka njengoko watshoyo kuba Tembu umfo ka Levey, kufundwe nentlobo zembewu zo- kulinywa, ingabiyiyo lento yokuti kanti kusoloko kwatini intsimi le yahlwayelwa imbewu yombona kupela, kungenjalo amazimba. Konake nokubana umhlaba ube uselulunge ngalupina uhlobo, ubu- ngede uputena kukuba kube kusoloko wa- tiwa jokolo ngaluhlobo lunye Iwembewu ? Lamalanga akwaba augaba awufundise isifundo nonyaka umzi ontsundu. Enye into einayinyanyekelwe ngabalimi kuku¬ba bagcine imbewu elungileyo. Eyona mbewu iyenkozo zinkulu emboneni. Indwayana apa zenkozo aziniki kakuhle zenza umbona ongakangelekiyo. Into eyakubanceda abantu bakowetu kukuti xa balimayo bawulime kakuhle umhiaba, oku kufuna inyameko engepi. Xa kuli- nywayo kunanina kungasekulinyisiswa, kuyekwe ukukohlisa. Kanjalo mayihle- lwe kakuhle imbewu ? Oku kwenziwe ku- ya kubahlaula abantu ekupeleni ngokuve- lisa amaxabiso afanelekileyo ezindaweni zemisito. *** Iqela lamadodana ase Lovedale lale club kutiwa yi Brotherly Unity C. C., eyevabasebenzi, ngo Mgqibelo odluleyo liqubisene neyabamhlope base Alice i- Victoria C. C. Uti owakona kwaqubisana shushu kanye ngohlobo lokuba ikumhla lomadoda adibanayo. Qolokoto, enge- ne kuqala amagwangqa apuma ne 32 ; yangena imidaka yatsho yapuma ne 85. Kumangeno esibini ange angaqunu- qunuza amagwangqa, koko havi, asinto into ka Mzimasi neka Xinishe sikolwake zaw'avuma, abonakala epuma ne 49 kupe- la. Yaba iyacitakala njalo impi. Emnka njalo nelozenene amagwangqa, edliwe nge 4 runs ne 11 wipKets ipela. Si- saKangele Kambe maKaba uKuba KO- da Kuti Kupi, Kutinina. Yangamana KU- ngajoKa ibe yilonto. V Abafundi bamapepa Amangesi boku- mbula ukuba amapolisa ake anexa ate ahlalelwa ngentlamba, kusitiwa ayanqena ubuko bawo abuncedi nento lek ubak ubiwa noko akoyo. Inxenye ke yamapepa noko ibingecala lamapolisa yona isiti noko inko- liso yalempahla kutiwa iyebiwa yelahle- kayo, angegxekwa nganto e ngoko amapo- lisa. I-Cape Mercury ibalisa ngento eyenze ke kwakuzo eziveki. ibonisa ukuba amala- ma akasayifuni nokuyifuna oku impahla yawo.koko selesuke ati umntu yakuti shwa- ka into yake nanko seletsala emapoliseni eyakuti nampa okafile bebe okutile noku- tile, noko angayifumananganje lonto. Iti ke ngamhla utile kwafika ingxelo emapo- liseni yokuba u-Sitileshe wasekutini ula- hlekwe yinkunzi nemazi zombini zenko- mo ekuntsuku mbini zibiwe. Koko ite inkosana yamapolisa yona ayadvuduzela yakangela kumaqela empahla ekwizikiti zendawo ngendawo, kanti ezinkomo sezi- nenyanga ziseskiti kufupi kanye kwifama ka Sitileshe lowo. Kubanjeke ngalempahla kutiwa iyabiwa. *** Kuvasivuyisa ukuva ngokwamkeleka kwe Mvo pakati kwamawetu. Ku Bengu kwela Batembu, yenjenje enye imamba- ne ukuwupokoza kwamanye umoya wa- yo: ' Udatyana oluncinane nge Mvo Zaba- ntsundu, xa ndibe ndixoxa neqela laba Tembu bakowetu lakwa Bengu ngelipepa ndicaza ukulunga, nelungelo lokuba aba- ntu balamnkele. Yenjenje enye indoda ukuteta pambi kweqela lamadodana, ' Mna madoda akowetu oko ndite nda- lamnkela elipepa ndifunde into ezinkulu, ekubonakala ukuba bendinokungazazi ndinjengendoda ehambela nxam ernado- deni; ongalamnkeliyo usisidenge.' Ya- tsho yati, 'kuti mhla ngo Mvulo, ngomhla we posi yetu, ndinge nditume umntu endaweni ondizela nento ezinkulu ezi- mnandi; zamani madodana akowetu ase Batenjini, incinane lemali silamnkele so- nke elipepa.'