Title
eng Imidlalo Ye Holide (IMVO_1885-02-23_i026)
Found in Newspaper
Article Type
xho Sports Report
SubType of Article
eng Cricket
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-02-23
Identifier
eng IMVO_1885-02-23_i026
Word Count
eng 546
Print Page
eng IMVO_1885-02-23_p003
Page Spread
eng 3.3
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 3
Coder
eng Sipile Nqiyama
INTSALELA. YENGXEL0 YEB0LA NGE HOLIDE E-RINI. Yatii'Champion'' C. C. idlalane 'S. A.' C. C., kwelatafazana lipezu kwentaba ye Zono ngo January 1st. yayei ' Thiopian '' C. C. idlala ne 'College' C. C. (ngabe Semnary yase Church ke abo) kw'awelo tafazana kude-kufupi. Iqashiso lawa ku- ma College, alingenisa i-Bayi, kute uka- ngeleka ngokudeleka ukubola kwama College, kodwa zeroqo ngokuwa i-wicket zamadoda, kwabonakala ukuba ibola zi- ka Kase zinendawo eziwa kuyo ngohlo- bo lokuba umdlali azifake esandleni kwa- ko point nakufupi e-fieldini. Lapelelwa i-Bayi lifumene inanana elincinane le 29 runs. Yangena i-College, kute kungeka- de yahla yazibonisa ukuba okwenene iyinkunzi e-Rini. I-bowling yase Bayi yayiqata, kodwa amadoda ayehlanganisa, apele enze umsebenzi olungileyo 43 runs. Lapinda i-Bayi, ngelixesha labonisa i- batting e-better kuba abokuqala, u-Xini- we no Pezisa bahlukana i-scora siyi 22. Lahlanganisa 55. Yapinda i-College, ko¬dwa kuhle kwabonakala kwase kuqaleni ukuba into ka Swaartbooi neka Ross zi- minisha ububi kuye wonke ongxata pa¬mbi kwentonga kangangokuba kufe umntu nababini, kupantse ukuba ngazo zonke i-overs bapela nge 22 runs. U-Gu- la walimela icala lake nge batting e sound nakwi innings yesibini ngokukodwa ma- xa icala lake laiiseligxadekile. Nge 2nd January kwahlangana i-Cham- pion C. C. ne 'Ethiopian'' C. C. Seyi- bonakele lengxelo, kodwa singalekelasiti i ' Champion '' yayidla i-Ethiopian nge 6 wickets, not 7 wickets njenge ngxelo. Le match yeyona yayinendawo etsalayo ka- kulu, kuba kwakuza kuhlanganaabanga- zaniyo, kwabe kunjalonje i-Champion iseyiwabonisile amandla ayo kwi Rini, nowase Rini ngako oko wane interest enkulu. Singati isipelo sale match saba ngummangaliso, siyakuhlala sinjalo ide intyilo yenziwe kukuhlangana kwesibini kwalamacala. Ukubola kwase Bayi kwa-- kulungile kuzo zombini ezi match kwa- da kweqelele kakulu ekubateni, kantike i-average nge innings yama Bayi ibe yi 45 runs. Imihlaba yomibini yayingalu- ngile, into eyabanga ukuba amanye ama- cala afumane i-byes kakulu kwi Ethio¬pian kuba yayinebola ezi swift, ezibola zakuhlangana neziganga zomhlaba ne- ngca zixurne, zipambe kakubi. Kuya- nqweneleka ukuba kufunwe imihlaba elungileyo nokuba iyaqeshwana maxa kudlalwa i-match eziloluhlobo. Sabone- la eyona hit inkulu kulomdlalo ka Chris- tian for 8 engebafumana ne 10 ukuba wa- yengesiqwala. Sinosizi ukuba siti baswe- leka ubulungisa kwi Umpires, kweye College i-Ethiopian yada yakutshwa inye i-Umpire yase College.—Pakati kwezinye ihambiso zake angase zicingela ngokwa- ke umlesi maxa i Umpire isiti—PINDANI ! PINDANI !!kwicala la.yo. Ne match Champion v. Ethiopian kwasweleka ubu- lungisa kuba i-umpires zazingama Rini abalutshaba lwe Bayi! Nge 3rd January kwakumele ukudlala i-Graham's Town 'Native' C. C. (yabe Location yase Rini) ne Bayi kwakona ko- dwa i-Captain yase Rini yaroxa kwakufi- ka ixesha lokudlala ngesizatu sokuba inabantu bayo abangekoyo, kanti yayite kwayona kwi Captain yase Bayi kusasa ngalemini ukungabiko kwabo bantu aku- kuwupazamisa, uyipazamise i-match le- yo emelwe kukudlalwa. Izinto zimbini, yoyika, okanye yayiquba isimilo sayo so- busuku obungapambili bokuswela uku- beka icala lase Bayi—yenye yazo. Kubo- nakala ukuba ama Bayi nama Rini aka- kapuzisani ngendebe yoxolo. Ifikile ekaya i-Ethiopian yadibana na- ma Slamsi qolokoto, yayawa ginya i- Ethiopian, eyamaslamsi 'Star of Venice' yenza 50 ngamangeno okupinda ayangena i-Ethiopian, yahlulwa i-match 'nge in- nings zokuqala. I-scora sesilandelayo. ETHOPIAN CC C. C. 1ST. INNINGS. Mdana, b Powells 4 Msengana, c Somar, b Powell ... 6 Ross, c Dolly, b Abdula 24 Pezisa, b Abdula 1 Christian, c Joie, b Powells 2 Moli, b Abdula 0 Bopi, c At rias 15 Ngqina, run out 2 Ciliwe, b Abdula 1 Mabope, b do 3 Xiniwe, not out 2 Extras 10