Title
eng Imvo Zabantsundu (IMVO_1885-03-02_i022)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
SubType of Article
eng Politics
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-03-02
Identifier
eng IMVO_1885-03-02_i022
Word Count
eng 662
Print Page
eng IMVO_1885-03-02_p003
Page Spread
eng 3.1-3.2
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
U-GENERAL GORDON. KWISITUBA selixesha langoku kunzima ukubala ngenye into eyiyimbi, engeyiyo engokuwa kwe Khartoum iwela ezandleni zentshaba, okute, ngenx' enokuba kubangele ukufa kuka General GORDON, kwase kusuka kuba yeyona ndaba ipokeleyo pakati kwento ezaka zenzeka nezihlayo ngawo lamaxesha. Isimilo esingelinganiswe nasimbi kwanornoya oshushu kwano balulekileyo ngendlela ngendlela wale Rosana yase Mangesini, etshabalele kunye neshwangusha lokuwa kwesisixeko sakudala—zonke ezindawo zimenze okokuba abe ngumfo wokondelwa nokungafundwa into kuye 'zizigidi ezimi kulo lonke eli selikanyiselwe. Kubonakele kuti kengoko, ngendawo yokwazalelela abafundi betu abantsundu, nangenxa vendawo esinazo nati zokubanga ngobubom bungummangaliso nobudumileyo busand' ukutshona, okokuba eli asililo ixa lokuba situngwe imilomo. Ike yako imisebenzi ebukekayo yobugora ebonakalisiweyo emikosini nasekupateni eyenziwa ngamadoda anamawonga nalungileyo, engati kuti xake sitetela abantsundu bonke, isuke ibe nga-paya kwawetu amandla ukuyiqondisisa oko ingako nokokubana siyakuyicinga ixesha elingakananina, kodwa bona ubom buka General GORDON X' umntu abukangele ebuvelele kweyona ndawo ebufaneleyo, asibubo ubom ekungatiwa ngabo buyimfuyo (ukubake ingaba lento ubom ike ikangelwe njengemfuyo) ye Ngesi mhlaumbi yentlanga zase Yulopu kupela. Indawo yokokuba wayikonza kakuhle kanye inkosi yake nesizwe sakowabo kwimfazwe yase Crimea nase Asia ayingepikwe bani, kwanezenzo zake zobugora e- China epete lomkosana ungepi pofu, ode wazifumanela wona ngokwawo elobizo lingafanelayo nokwenzelwa ikwele, elilelokuba ' Ngumkosi Osoloko Woyisayo,' azisayi kuke zime nganeno kokuvusa zimangalise ziyivuse intliziyo yomfundi wembali ngamaxesha onke ; eyati kodwa yona le Africa yobudenge yaba yindawo ate wanikwa ituba lokuke aze kuyo kubonisa lomandla awodwa amangalise ihlabati lipela. Lentengiso ingeyiyo yabuntu, ebiqutywa ngamandla emantla e-Nile, ngangohlobo lokude kubonakale ukuba ukukanya makupakamisele pezulu izandla zabo zobungcwele kumelane nayo, kwazake kwacelwa ukuba i-KHEDIVE (umpati we Yepute) izingise ngangoko inako ukuyicitacita iyipelise tu lontengo. U-Sir SAMUEL BAKER watike ngo 1869 wamiselwa ekubeni abe ngumpati welocala lomhlaba wama JePuta, ekwatike lakuba lipelile ixesha lake ngo 1873, wabe engekabenzi luto. Lomsebenzi washiywa no GORDON PASHA owatabata indawo yake ' ekuciteni ' lontengiso yamakoboka kwezondawo, ewe nakuba kungatshiwoyo kube kunyanisiwe ukuti lontengiso yenkohlakalo ayikapeli, kwaye kukwayinyaniso nokokuba sekuya kufuneka kupela ngokwake ukuba ibe ngukukanya ngokwake uyakumana eneso ukuyinqumamisa. Xa sikangela kwindawo yokuba lomsebenzi ongaka ubukulu uwenze eyedwa, singasuka siti uwufeze impela; uti kwenye yencwadi zake azibale ekulondawo asebenza kuyo 'Oku ndiyakukwenza, kuba andibazele luto nobom bam, kuba ndiya kushiya inkatazo ezininzi ndiye eluxolweni.'' Ukulixela ibali loku laula kwake e-Soudan, ibali elusizi usizi kanye, asindawo yetu. kusanele ukuba sisuke siti kupela ibilu Laulo obeluquba ngendlela eyiyona ibingaba yenempumelelo kulaulo Iwentlanga ezisesebudengeni ukuzenza ukuba atenjwe ngabantu nokupatana kwake ngqongqo nangobulungisa nabanamandla kwanaba neratshi. Wabuya e-Soudan apo ngo 1879, waza ngo 1881 wamnkela indawo yokuba abe pantsi kuka Lord Ripon owayesuka e- Ingilane esiya kuba ngu Mongame-li wayo yonke i-India. ke apo ukuba u; ekubeni ati kwaoko ayihlambulule impato yase India kububi ebebusebude baqokelelana iminyaka, ababecinga ukuba abanye, ababengenabo ubugcisa awayenabo yena, bububi obuyakupeliswa ngokutatyatwa ixesha nangonyamezelo, wapumake kuleyo indawo kwabesafika e-India bakut' ukuti cakata e-Bombay. Wehla kwakamsinya emva koko wabizwa e-China, apoke impenibelelo yake yanqanda isipitipiti esasivuka pakati kwelozwe ne Russia, esasibonakala ukuba sasiyakuba yintintelo enkulu ekubambeleni pambili kwe- ntengiselwano yento-ngento naseku- kanyeni. Emva koko wamnkela indawo yokuba abe ngumpati wemikosi yalapa e-Koloni, ete nyi iso yena ekangele kwindawo yokuba alinge ukwenza ukuba kubeko uvisiswano pakati ko Rulumente welilizwe na Besutu, abantuke abo ababe patelene intonga ngeloxa, nangapezulu alungelelanise intlalelwano pakati ko Rulumente naba ntsundu bonke. Kodwake kuba u-Rulumente weloxesha wayenga angatwala indwe naye, akavumanga ukuba u-General GORDON enze apo abonayo, alicombulule iqina elisisinyoponyopo elilu Laulo Iwaba ntsundu. Awatike yena u-General lowo ebonanje ukuba unxitywe isinxibo sentsotelo emqaleni sokumana erutwa ngaso, waya wati kwangobobukuwu bezi- gqibo zake waselepuma eyilahla lo- ndawo, wahla wakauleza kwaoko ukukwelela ukuba isale i-Koloni izi- pungela lomhluzi wayo. Zakuba zibuye zaya zikula ngokukula inkatazo Emantla e-Jeputa wabuya watunyelwa e-Soudan,—kanti ngeli ixa uyela umya-kanye ukuba angaze abuye abuye. Inxenye seyiyawa- qala igxeka u-Mr. GLADSTONE imgxeka ngento angenanto nayo, intoke leyo ekupela engasuka ifane- kiswe nalamkwa wasebubedenini wokuba kubeko bani unukwayo xa ngaba kuko umntu ofileyo, U-Ru- lumente wa Pesheya uyenzile eyake imfanelo ngokumayelana nalonko- sana ikalipe kunene enamhla eseyi ngumfi, eyayicinga nayo ngokwayo ukuba i-Khartoum ingake ixatise kude kube yiminyaka, ekodwake ' iyelenqe langabom ' liyelenqe langabom.