Title
eng Ezababaleli (umhambi) (IMVO_1885-03-02_i023)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Mhambi
SubType of Article
eng Visitor
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-03-02
Identifier
eng IMVO_1885-03-02_i023
Word Count
eng 288
Print Page
eng IMVO_1885-03-02_p003
Page Spread
eng 3.2
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
UMHAMBI. Wesuka e-Bihra ngase Ngqushwa; olu datyana ndifnna ukulupaula ; ndiyakuziyeka into ebendiziva nendizibonileyo, ngaso isinio sase Bayi. Mandinibalisele ngendawana encinane ekukangeleleni, nase kubonakaleni, kuba ndandifike e-Bavi malunga nokupela kuka January. Ndite ndihamba ndakangela ezizindlu ziyimimangaliso zase Bayi nge Cawa elandelayo, kuba kaloku tina bantu baqele ukuhlala kongqupantsi zisuke ezizindlu zinge ngamawa aza kusiwela, sihambe sipunguza, kwaye kulapo abantu iyiinisi- mbati ngati zinyosi, lada labeta ixa ledi- nala ndisayilata kwezo sitilato, ndabona- kala ndisiya A-windawo yembuto yabase- benzi, baye benengxoxokazi enkulu apo, ndati komnye wabo, ndabuza ukuba yintonina? Ute kungenxa yo/cuvalelwa ngamadoda amatandatu agcina ihotele angavumiyo ukuba batye ngetyala aba¬ntsundu, nditej ndakulanda, ute kunge¬nxa yokuba bengabatalwa yinkoliso yabo batya kubo, ndite yintonina ebange uku-ba ningxole? Ute isizatu sinye, ukuti amalungisa abandakanywe nabangalu- ngisiyo. Ndibuze amagama alamanene agcina ihotele ezo wandixelela. Eyona ndawo ibange ukuba ndibe nokuyicimga inye, yeyokubona ukuba abantu base Ba¬yi ubuninzi babo lentaba ingenakunyu- kwa zezinye indawo bona sekuko abase beyinyukile. Mfundi uyabuza, uti yiyipina lentaba? Uti ayiutonina lamazwi mabini, ati, umnt' ontsundu mna andinakudliwa ngumnt' omnyama, ndingadliwa ngumlungu ! Nantso lontaba itintela abantsundu ukuxasana. Ndibone ke ukuba ezihotele zabantsundu zibe zixaswa ngabantsundu bengateni nokuya kwezabamhlope, ke nalongxolo babeyenza kukungafuni ukuya kweza¬bamhlope. Lendawo ndiyipaule kangaka nje ku- ngokuba kwidolopu ngedolopu maninzi amadodana akad' ezama ukumisa imisebenzi pakati kwamawawo ababanga nabaxasi, kuba umntu ontsundu eyenza nje into sukuba etemba amakowabo kuba akuko umhlope unokumxasa, sendite i-Bayi liloyisile elilizwi liti andinakudliwa ngoinnye omnyama, kanye mandidliwe ngumlungu. Kuba ezihotele kudala zimi bezixasa, ngapezu koko abantsundu abanevenkilana abaziqubayo ezibonakala bezixasile nazo, kuba ndibuzile, akuko mtengi mhlope kuzo, ebekungavuyekayo nezinye indawo ziwutate lomlinganiselo wase Bayi. Enditembayo ukuba nalomanene ehotele obuya ayilungise londawo ipakati kwabalungisayo nabangalungisiyo, oyikumbula indawo yokupela kuka Ngcayecibi, kuba kwahlutwa imipu kondiyalwa nakondilele, ukuba isongo salonto saba njanina? Make ndime apa okwanamhlanje.