Title
eng Ezababaleli (amafama Ase Rabula) (IMVO_1885-03-02_i027)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Lusiba, E.Jos
SubType of Article
eng Farmers
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-03-02
Identifier
eng IMVO_1885-03-02_i027
Word Count
eng 174
Print Page
eng IMVO_1885-03-02_p003
Page Spread
eng 3.3-3.4
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 3
eng 4
Coder
eng Sipile Nqiyama
AMAFAMA ASE RABULA. NKOSI—Mhleli we Mvo Zabantsundu, kauncede undine isitutyana kwelopepa lamanene,—ngokoyikela' ukutabata isituba esikulu ndiyakwenza ngokufupi, ngengxelo yefama zase Rabula. Intlanganiso ekutiwa yeyo Notenga base Ra¬bula, sekumzuzwana iqaliwe. Kuqala yayiyilwe ngomnqweno wokuba babe nedlelo lenkomo zabo, bahlangane benze isicelo ku Rulumeni; beyenzileke lonto balumana imvume ku Rulumeni, wabanika netayitile yelodlelo. Bateke bakubona kubalungele, basebevumelana ngokuti lentlanganiso mayingapeli koko mayibe ngenyanga zonke, ibe njenge Divisional Council. Kubenjaloke okwe¬nene, yati lentlanganiso yaman' ukubako. Kwingxoxo zayo—kukukangela ilungelo labo nokulinga ngako konke abanako ukuzamela kwizinto zokukanya, nenkutalo, nokufundisa. U-Mr. Tontsi kwintlanganiso eyayise mzini wake nge 10th kulenyanga, wenza inteto eyanandipeka kakulu, wayebonisa ukuba amafama ase Rabula asemva ka¬kulu, akazi nento ngehambiseko yezinto zamacala ngamacala—watsho, watsho wati ukuba onotenga base Rabula bebengabatati bamapepa Imvo ngebesiva into ezinkulu ezenziwa ngamadoda namadodana kwintlanganiso anazo kumacala ngamacala. Watsho umfo ka To¬ntsi, wati, siyakuhlala sisemva sinyabile site kahla bubutongo. Amanye amahlelo anentlanganiso, azivakalisa imvo zawo kulamapepa (Imvo Zabantsundu). Ndinetemba elikulu ngalentlanganiso, ukuba ite nqi, siyakoyisa uninzi, ukuba lube ngabamnkeli balamapepa sesiwakankanyile. Make nditshonele okwanamhla, ndiyoyika ngati nditate ibala elikulu; ndobuya ndibale ukuba kuko luto luvelayo.