Title
eng Ezababaleli (intlaba Mkosi) (IMVO_1885-03-02_i030)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
SubType of Article
eng Meeting
Language
Locations Mentioned
eng Macfarlane
Date
19 February 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-03-02
Identifier
eng IMVO_1885-03-02_i030
Word Count
eng 360
Print Page
eng IMVO_1885-03-02_p003
Page Spread
eng 3.4
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 4
Coder
eng Sipile Nqiyama
INTLABA MKOSI. Macfarlane, 19 February 1885. Nkosi,—Ndiyakubongeza Mhleli weli- pepa le Mvo Zabantsundu ndike ndabona ipepa lako ngo December 22. Ukutsho kwam ukuti lelako kuba lipuma eofisini yako lateta inteto enkulu laza laba yintla- ba inkosi ecacileyo, endibacela bonke aba¬ntu ababala linjengeli lam abantsundu, wena upesheya kyve Nciba vuka nawe use Tsitsa vuka nawe use Wetteberg vuka na¬we use Kamastone vuka nawe use Baten¬jini vuka nawe use Ngqushwa vuka nawe ukummandla wase Dikeni vuka nawe use Bofolo vuka, nendawo endingazikanyanga baze bazi ukuba ndibacela ngokufanayo bonke; into endiyicelayo kuni malipele ikwele, ati omnye andinakubizwa ngo- mnye, mayaziwe lonto ukuba asilotamsa- nqa ikukufa, ama Jainana nama Bulu na- Uka Ngesi ayadibana ngentlanganiso. ak uba uyandibuza u-Mr. Shambuluka kea Ngesi, u-Mr. Upington uyindoda eko- mle ama Bulu kodwa aka Bulu. Ngali- eyeke yonke into yakwa Xosa nayo yonke nyase Mbo mayidibane iyilandele lenteto yepepa elashicilelwa ngolwa 22 ku Decem¬ber. Awam amalinga okuva nanga ngo- suku Iwesihlanu ku February ndandine ntlanganiso e-Kwezana, o Mr? Fuba Zibi no Yantolo bati abanakubizwa yenye inkosi bezinkosi nabo, ndide ndahambela futi kubo bada bayiqonda lenteto ikweli pepa. Bateke bakuyiqonda ndacela zonke inko¬si zakwa Qoboqobo ukuba sihlangane kwa Mdledle. Ndafika seziko zonke, yehla mfondini, imibuzo ukuba mininzi kwayo ndabaqonondisela amalungelo oko besisa- petwe yi Nkosazana, bawaqonda bonke ndibafundela elipepa le 22 ku December. Ndabashiya bewaqondile abatsha naba- dala. Umntu endingamvanga ngu Mr. Nkamba ipakati lika Mduna, wasuka wati mayiyekwe lenteto yonke, kutetweleyokuti abafazi mabangasili utywala; wati ke sekukufutshane ukuba amangalele igqoboka neti nje alibone igqoboka endlwini yake alibambe ati lihamba nomnkake ; kokoke bekungeko mntu umpendulayo, ku¬ba bekungatetwa nto ngomfazi wake. E-yase Burnshill ndobuya ndikwazise ngayo ; umntu obenteto ingavakaliyo ngu Mr. Diniso Sanqela, inteto yake andiyivisisanga kakuhle, wati nakuba ababulelayo ndaba ndingayivanga inteto yake ; ndipela apoke mna mntu ungafundanga, ndiyabakalazela abafundisi abantsundu nabamhlope, ukuba bangabi bayasiluleka ngalenteto itetwa lelipepa. U-Elefu uhlanga Iwase Mbo walutata kwa Hintsa, waluni- kela esandleni se Nkosazana wada wabu- ba lupantsi kwe Nkosazana; nolutsha Iwakowetu olufundileyo lungabi luyasi- vusa tina zidenge.—ndiyapelake apa. Ndim WOHLANGA LWASE MABELENI. KUBABALELI. 'FUN' UKUQONDA.'—Incwadi yako eyalata amasikizi kwinteto ka ' Mntuye- dwa' asiyingenisi kwangenxa enokupu- lapula icebo lako; kuba ukucedulula kwako inteto oti nawe ngesingayingeni- sanga, kuyakuba yintshontsho ngakumbi kubantu abampumlo zinjengaleyo yako