Title
eng Amangesi Nabantsundu (IMVO_1885-03-02_i031)
Found in Newspaper
Article Type
xho Sports Report
SubType of Article
eng Cricket
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-03-02
Identifier
eng IMVO_1885-03-02_i031
Word Count
eng 430
Print Page
eng IMVO_1885-03-02_p003
Page Spread
eng 3.5
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 5
Coder
eng Sipile Nqiyama
Indawo yokuba ibandla le Bola le Champion labeta lenza isikukula ukuzoyisa ekudlaleni i club zendawo ngendawo ekuqaleni konyaka, yangenisa ikwele ku Mangesi apambili kulomdlalo apa e- Qonce awayeyisiwe kumaduli amakula ase Bayi. Ayiceleke i Champion ukuze ayicofe. Umdlalo ube ngalo Mgqibelo udluleyo kumhlaba omhle kunene oyi Town Lords. Yinto esuke yayinkungu nelanga abantu abamhlope nabamnyama abebeye kubonela. Uqale umdlalo ngo 11.30 kanye. Angene Amagwangqa kuqala akauleziswa ngumfo ka Mjuza u- John W. Gawler, no Austen into ka Ngcumbe esikangele ukuba lifike igama layo lewonga ekriketini lobu LL.D, live- la e-America. Amagwangqa apuma na 55. Engene ama-Afrika apume ne 89 wavuma wonke ukuba uloyiso, nokuba sekutenina, lolwawo. Ekungeneni kwe- sibini aqondakele amarwexu ukuba ake aya kunqula iminyanya yakowawo; atshele ezibatini wena wabona imbaza, alinyusa inani apuma likwi 102. Kufuneke amawetu enze 68 ukuze abe ayavena. Engene alinyusile inani lapela ixesha isengawo ezibatini sekusele batatu inani selikwi 51. Ngo 6.30 siwuve uduma umzi uncoma onyana baka Ham ukuba boyisile. Agoduke amhlope ezizarwadi ngenxa yelishwangushwa lokoyiswa nga- bati ngo Dakise. Oku kupela kwebango kubangele ukuba nati midaka saziwe ukuba singamadoda. Masiprofiteshe siti, igama lemfene alisoze libesasingiswa kuti apa e-Qonce. Ligwetyiwe! Umdla¬lo wokupinda woba ngo 21 March. Ma- shologu ama-Africa, zenibe nomlibo wenu; Uknncoma abadlali ngabanye asinakukwenza kwelipepa, aliseko ixesha. Ngawo lawo amanani siwalandelisa : — ALBERT CRICKET CLUB. 1st Innings. 2nd Innnings. Simpson b Gawler ... 0 not out 19 Leary b Ngcumbe ... 1 b Gawler 13 Randall h Ngcumbe ... 2 run out 3 Sheehan b Ngcumbe ... l(i c Seti 9 Schermbrucker b Gaw- b Ngcumbe... 1 ler ... 3 Tully b Gawler ... ... 8 b Ngcumbe 32 Byrne (absent) ... ... c Mgoqi 4 Crozier b Gawler ... 5 c Nozwane 3 Straker b Ngcumbe ... 6 b Ngcumbe 7 Hepburn, not out ... 6 c Zondani 6 Copeland, b Gawler ... 0 b Gawler 0 Extras ... ... 8 Extras 6 Total . .. 55 102 55 Grand Total 157 CHAMPION CRICKET CLUB (NATIVES). Gawler c Hepburn ... 17 b Schermbrucker ... 5 Mantsayi b Scherm brucker 1 Tshatshu b Straker ... 21 c Schermbrucker .. 1 Umvalo b Straker 16 b Straker ... 3 Seti b Simpson 10 c Hepburn ... ... 10 Ngcumbe c Simpson ... 2 c Crozier ... 0 Umhala b Simpson ... 1 lbw b Leary ... ... 0 Sidaia b Simpson 2 b Hepburn ... .. 6 Nozwane c Randell ... 4 not out ... 20 Mgoqi b Simpson 0 not out ... 1 Zondani not out 5 c Crozier ... 0 Extras 12 Extras ... 5 Total 89 51 Grand Total ... 89 140