Title
eng Imvo Zabantsundu (IMVO_1885-03-09_i024)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
SubType of Article
eng Politics
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-03-09
Identifier
eng IMVO_1885-03-09_i024
Word Count
eng 514
Print Page
eng IMVO_1885-03-09_p002
Page Spread
eng 2.3-2.5
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 3
eng 5
Coder
eng Sipile Nqiyama
INGQUNGQUTELA enkulu yabantsundu iyakuba se Tyume, ngomso ukuze icinge ngeqinga lokubandakanywa kwezizwe ezintsu-ndu, pakati kwento eziyakwenziwa koba kukuba kukuvakaliswa komoya wabantu mayelana nokutobela INKOSAZANA. Asiyiyo indawo yokuvakalisa umoya wokutobela INKOSAZANA yodwa ejongwe yilentlanganiso. Kuko kodwa nomoya wokunakana iziqamo ezingadubula kwingxoxo ngengxoxo ezisingetweyo ngoku ngamadoda asebandla elilizwe. Abanumzana abameme lentlanganiso bayazi ukuba kuko ulwandile oselude Iwaya kufika nase zindlebeni ze NKOSAZANA lokuba abantu belilizwe bangenelwe kubanda malungana nomcimbi wokulaulwa kwabo, oko kukuti abasateni kupatwa yi NKOSAZANA ; oku kubanje ke kuvuse omnye umbuzo, ongowokuba ingaba kanti INKOSAZANA isazidinisa nganina, isacita imali zayo nga tuba nina, uka ntinje ayisafunwa bani kule Koloni. Lemibuzo, ibisabekiselwe kubantu abamhlope elixa lonke kungekaka- ngelwa ukuba ziyintonina izimvo zamawaka abantu abamnyama be NKOSAZANA. Kufanelekileke ukuba abantsundu belilase Mazantsi e-Afrika, abaqayisa ngokuba bepantsi kwe NKOSAZANA u-VIKITOLIYA,nabaziyo mhlope ukuba pantsi kolunye ulaulo kuteta ukuba abasakuba nawo amalungelo nemfanelo abanazo ngoku—siti kulungileke ukuba ababantu babe luqilima emcimbini woluhlobo nasexesheni elinje. Ngokumayelana namandla abo entweni zolaulo ngalo lonke ixesha abenze uqilima, bevisisana, bengasakufumana bahlulwe yinto, akunakubako matanda. Olu lungeniso Iwamagama encwadini yabazigxina zelilizwe abanelu-ngelo lokunyula amadoda ase Palamente, lupumelele ekungenisweni kwamawaka abantsundu. Ke kuse- kusebenziseni ilungelo labo lokunyula ekunyulweni kwamalungu e-Palamente abanokuti abamnyama bavakalise amazwi abo ze kanjalo babe nokwaziwa. Kuninzi osekutetiwe ngo Manyano Iwa Mabulu, okutiwa yi ' Afrikander Bond,' nangolaulo oluyakuba lolwamazantsi e-Afrika ebandakanyiwe, nezinye izinto ezinjalo. Akumcimbi wetu ukwalata ukufaneleka nokungafaneleki kolu Manyano lwa Mabulu. Asimnqweno wetu nakukupulukwa nalilizwi elinye elingenzakalisa nalipina iqela kumaqela amaninzi ase Mangesini. Ukuba besingena ekwenjeninjalo akungebi nganganto ingozi noburara pakati kwabamhlope nabantsundu. Ngati kusasilungele tina ukuke siyeke ukwalata izipako kwintlanganiso ngentlanganiso zelilizwe, sizanelise ngokuvakalisa mhlope ukuba sizimisele ukuba pantsi kwe NKOSAZANA yase Ngilane ngalo lonke ixa esipantsi kwentlanga ezimhlope. Mayibe yileke imbasa yomanyano olungaba luyabungwa ngamawetu, esaziyo ukuba ngamawaka abantsundu kulo lonke eli na Pesheya kwe Nciba ayakuti ayamnkele lendawo. Okwangoku asikuteta nto ngabamnyana abakwe- ziya ndawo zilungiswa ngu Sir CHARLES WARREN namhla, make si-zishiye zona namhla. Abahlambeli bangaba bayaliqonda ngoku ixabiso lokuba pantsi kwepiko le NKOSAZANA. Akumhlope noko ukuba kuyaku- bako into egqitywayo kwintlanga¬niso eyakuba kwa MBOVANE ngomso, owona msebenzi wofezwa kwenye intlanganiso engabuye yenziwe, ilungiselelwe ukuze kubeko nabakude abendawo ezinjengoma Qonce nezi¬nye. Kodwa koba kwanele ukuba intlanganiso yahlukene iliqonda ixa¬biso lo Manyano lwezizwe ezintsundu, oluyakumanywa kukuba kuxaswe INKOSAZANA, nempembelelo yayo kwelilizwe. Bekungamiswa iqe- lana lokubala izimiselo zomanyano olo lulingwayo—izimiselo esingasa- yi kungena nzulu kuzo namhla. Kulemimiselo sinokuzimisela ukuba kungatunyelwa siti bantsundu na- banina ongasa kuxasa ukuba INKO-SAZANA ibe lipiko elipezu kwetu kwelilizwe nokuba uli Ngesi, Bulu, Mxosa ntonina. Kwelipepa lanamhla singenise isicatshulo kwinteto ka Right Hon. G. J. GOSCHEN aye- nze kumzi wama Skotshi e Edin¬burgh. Singa abantu bakowetu bangawaqwalasela lomazwi ka Mr. GOSCHEN ngokupatelele elulaulweni lwama Ngesi. Kuyinene ukuba kuko abantu abati nakuba bengate tyatyasini ukuti makungalauli INKO- SAZANA kwelilizwe, babe noko beza ma ukulupanga amandla ulaulo esi nalo lwayo. Into enjaloke ayibukeki kwabantsundu. Abafuni kupuma kwi NKOSAZANA baye kupatwa ngama Jelimeni, umhlaumbi ngama Erentshi nangabapina abanye abantu. Bayazi ukuba ngokwenjenjalo bangaba banana inkululeko ngobukoboka, intsikelelo ngobuhlwempu, babe bezenzela imigibe yokubagiba ngokwabo. Kuyatyapake ukuba amawetu ayindwebele lento ngexesha ekubonakalayo ukuba ukuti zole tu kuteta ingozi. Mabahlangane batete ngenteto evakalayo nenesonti. Ekwenjeninjalo bayakuxaswa, singatandabuzi, nguye wonke omhlophe otanda INKOSAZANA kwelilizwe.