Title
eng Amanqaku (IMVO_1885-03-09_i025)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
SubType of Article
eng News Summary
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-03-09
Identifier
eng IMVO_1885-03-09_i025
Word Count
eng 996
Print Page
eng IMVO_1885-03-09_p002
Page Spread
eng 2.4-3.1
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 3
Print Column
eng 4
eng 1
Coder
eng Sipile Nqiyama
KUYAVUYISA ukubona ukuba nakumcimbi wokutengiswa kotywala abahlobo betu amafama aseleko ukuza kusinceda. Into leyo yanekwa pambi kwawo kwi— ntlanganiso yawo ebise Katikati ngu Mr. W. J. Warren M.L.A., obonise iziganeko zokubiwa kotywala kwezondawo bekutiwa bucitiwe, kuba indawo ezo zingebanzi. Yena uti u-Rulumeni makungeniswe umteto wokuba kungabisabiko ukutengisa utywala komnyama. U-Mr. J. S. Brown ute lentengiso yotywala kwaba ntsundu ililishwa, nati siyavumelana naye. U-Mr. Murray ukucasile ukuvalwa kwenkanti, kuba esiti, kuyakuba kumiswa umteto owodwa, ukumiselwa abantsundu ekubeni umteto ngewubamnye kwabamnyama nakwa bamhlope. Ukwendela kwolunqwenelo Iuka Mr. Murray kungaqondwa kakuhle xa sisiti ngezolo kwayena ubetetelela indawo yokuba abantu abantsundu benzelwe umteto wepasi obukali—into aziyo ukuba ibaruqule. Ubehle kodwa walivelisa itupa lemfene. Olusizi Iwake lusuka ekubeni iyakuswela abaseli iwayini eyenziwa ngase Kapa xa kwaliweyolikuba itengiswe kwabamnyama. Emva kwengxoxo etile ate kuyo u-Mr. Gray watetelela abatengisi botywala, u-Mr. King no Mr. Landrey bamela ukubujiswa kwenkanti komnyama, yamnkeIwe inteto ka Mr. Warren kwakuba kuvotiwe, abayivumayo be 9 abayicasileyo be 8, u-Mr. Landre y uvakele edum' esiti, Hure! Asinakuyiqonda tina indawo yokuba kuko abantu abangaboniyo ukuba abantsundu bayakudlulisa kwinto abayiyo enkutalweni nasekubekekeni xa itemba letamo lase nkantini lipelisiweyo. KUTIWA u-Rulumeni wase Kapa ubo- lekwe ngu Rulumeni wa Pesheya amawaka amakulu mane eponti ukuba afeze uloliwe osuka emlanjeni wase Gqili oya ekaya e-Dayimani. Wanyanisa mhla wati u-Mr. Upington, sisisenzo esinjengokuba umntu angazibulala ngokwake ukuba u- Rulumeni engamngenisi e-Dayimani ulo¬liwe kodwa apele e-Gqili, indawo awati yintlango; kodwa lwati ulaulo alongameleyo alusakumfeza babona abaninzi uku¬ba uzama ukuzirodomisha ngokwake, bamangaliswa badlula. Tyapile ukuba avume ukumenza nakuba ixesha lidlulileyo. Lomsebenzi ke uzakuhanjiswa kwangoku. Kuyakuvuleka itubake lo¬kuba inkita yabantu bakowetu ifumane indawo enomsebenzi ukuze ipile ngalamaxesha inabi. Siyatemba ukuba u-Ru¬lumeni uyakUbalungisela abantu elituba lokusebenza. ELIXA sisati kufuneka abamnyama belungiselwa amatuba okuya kusebenza kwaloliwe, singasesitabata inteto epuma emlonyeni wompati wo Loliwe eteta nga- lamadoda emba indlela. Eteta nebandla elitile lamadoda evenkile alomzi, ute u- Mr. Elliot ' Lamadoda emba uloliwe zicaka, zezamadoda atabate izitokwe. Ku¬tiwa abantu abantsundu baka bapatwa kakubi ngase Burghersdorp. Kuvakala ukuba baninzi abafuna umsebenzi peshe¬ya kwe Nciba. Imantyi azivumi kubanika ipasi zokuya e-Dayimani ngenxa yengqakaqa ekutiwa ikwelozwe, abantsu¬ndu abavumi ukuya e-Burghersdorp ku¬ba besiti bapatwa kakubi apo. Saka sayikankanya kula 'Manqaku' impato embi yabasebenzi e-Burghersdorp. Ke namhla sisivanje ukuba into leyo yaziwa nangu Rulumeni, site nqa ukuba ete aka- shukuma. Bekumfanele u-Rulumeni ukunceda abantu bake abasekungaqondini ngelituba. Siyakalaza ngalento ete wayeka abantu ukuba bapatwe kubi ngamabedengu e-Burghersdorp. INYATELO elitatyatwe ngamadoda apambili ebandla la Mawesile, elivakaliswa yilenteto siyitabata kwingxelo yentla- nganiso ebise Komani ngo January liyatomalalisa, singenamatanda ukuti liyakomeleza likutaze iramente nabafundisi- abantsundu belohlelo ; kuba ukwazi uku¬ba umsebenzi upumle pezu kwamagxa ako kwapela kubanga ukuba uwubinqele ngakumbi kunokuba wazi ukuba akuwedwa kuwo. Sifumana lenteto kwingxelo ebonakala kwipepa la Mangesieliyolileyo lebandla lase Wesile ekutiwa yi South African Methodist.—' Kubeko ingxoxo enkulu ngendawo yokuba abafundisi abantsundu babe ngabongameli beziqingata, epelele ekubeni kuvunyelwane ngalenteto. ' Njengokuba kunqwenelwa . ukuba abafundisi betu abantsundu baha- mbele pambili, kwanomsebenzi werame- nte, lentlanganiso yesiqingata iti vona kuyanqweneleka, icebisa Enkulu ke (i-Konferens) ukuba apo kuko ituba anako umfundisi ukuyifeza imicimbi vendawo leyo, mabamiselwe ekongameleni iziqingata abafundisi abantsundu.' Ukuhlutisa esisigqibo ke kumiselwe ukuba iramente entsundu yase Monti ibandakanywe nentsundu yase Qonce zonganyelwe ngu Rev Charles Pamla.' Kambe ngapambili ubesitixa atunyelwe endaweni umfundisi ontsundu wase Wesile abe uyakubakokulaulwa komhlope. Intoke leyo abebesebeqalile abafundisi neramenteezifikelwe kukanya ukuyicukuceza umsebenzi ngokomtetowe Ramente. Siyatemba ukuba i-Konferens iyakumisa lendawo kubaiyakuba inika abantsundu imfanelo yabo. LENTETO siyikupa kwelase Bayi eliyi Telegraph :—Umdlalo webola wokusula Pakati kwebuto la Mangesi ase Cradockstown nabamnyama ubeko ngo Mgqibelo odlulileyo (21 Feb.) ayawoyisa kwakona amabandla antsundu. Amaxosa afumene lamanani 71,—69, abenze amanani amakulu ngo Swaartbooy 13, 19; Makwe- na 35; April 14, u-Martin 13. Ibandla la- se Cradockstown lenze 45 lilonke, u-G. Carpenter ubepambili kwakona wenza 21; Robertson no F. Carpenter 4 emnye ; o D. no G. Devenish benze 2 emnye. Bayanconywa abantsundu kuba u-Mayo inzutela ekubeteni ibola ikutshwe ngu Moses Foley yenze 1.' Heke ! ma-Africa, Tyapile! KWINTETO yobuciko ayenze e-Edinburgh kwelama Skotshi, ngo 3 February, lenjenje ukuteta ngolaulo lwama Ngesi itshawe abati ngu Right Hon. G. J. Goschen, elalike lilelinye lamapakati e- Nkosazana onganyelwe ngu Mr. Glad¬stone ngenxa engapambili. Njengokuba lenteto ingentlanga ezintsundu ezipetwe phesheya singa abantu bakowetu bangawaqwalasela amazwi ka Mr. Goschen. Ute Woze ube ngumhla omdaka mhla ulaulo lwama Ngesi lubuya ngomva kulendawo lukuyo ngendlela yokupela kwempatwano entle, nenkululeko, nokulungiselelwa kwentlanga ezingena mandla ezipantsi kolaulo lwetu Mangesi, mhla kanjako sipelileyo isidima selilizwe letu kwinkudla zentlanga ezinkulu zase Yuropu Olulaulo lwetu aluqayisi ngamandla kupela. Apo ulaulo lwelizwe letu lukona masikumbule ukuba luteta inkululeko kuye wonke. Masikumbule ukuba pakati kwezizwe zase Yuropu olwetu ulaulo lumele imfanelo zabo bonke. Siyazi ukuba kolwetu ulaulo intlanga ekutiwa zipantsi, zezipetweyo zinoku- zezipetweyo zinokukangela ngetemba, nolindelo lwento ezintle. Lolona laulo ekubalwe pezu kwalo amagama anyunyulu nawokukanya la—'Imfanelo ne nceba komhlope nako mnyama.' LENTETO siyilandelisayo, yenziwe ngu Bishop wase Rini ngokumayelana nabantu abantsundu :—' Kuya kuba ngomsebenzi ongcwalisekileyo nopakamileyo, akusayi kuba ngayimbi indlela, eyakuti ingxingwakazi enkulu eyahlula ubom nolangazelelo lontsundu, imahlula kumasiko nezimvo zozalwana lwake olungafundisiweyo ziditywe, nayakuti ngawo noli Qaba enzelwe umtantato wokuba ade ngawo aze afikelele abe sigangeni sinye nommelwane wake ongum-krestu.' Esiqubela nangapezulu koko, ke tina siti kukwa ngalomtantato ayakuti ontsundu ongafundisweyo awelele neno ukuba abe sigangeni sinye nentlanga ezimhlope zelilizwe. MASITEMBE okokuba lendawo yenziwe likomkulu elintsundu empakatini weli lakowetu ngoumayelana neziselo ezitshisayo iyakude ibangele novena ubeyingqolana ukukolwa kukunyaniseka abayitiye ngako intengiso yotywala kwelilizwe 'abantsundu, ukuba ade naye akolwe. kwingxelo enikwa ngohambo luka Dr. A. Schulz empakatini wayo i-Africa le sifunda oku :'Yonke into enemitombo, nokokuba yeyalupina uhlobo, ayivunyelwe kweso sizwe sake, akwenziwa nomqomboti umntu omhlope ongumrwebi ofunyewe etengisa utywalwa udliwa nekulu leponti, ongowesizwe sake ofunyenwe epeke utywala uyagxotwa. Bonke kususela kwinkosi ngokwayo ngamaqwela.' XA ateta ngomlauli welilizwe u-Dr. Schulz ude 'atete azonde.' U-Kama (Kuba lilo elo kambe igama lalonkosi) ngumfo, ngokutsho kuka Dr. Schulz, 'okufanelwa kuba ngumpati wabantu kungummangaliso, ngumfo onesitozela, onobubele nolincoko, ngapezu kwako konke, ozolileyo, onezwi, enamandla. Indlela akuhlangabeza ngayo, akubulise, akupe isihlalo akwamnkele ngokukubuka, ayinakuba hlazo nakweyona ncekenceke ye Ngesi.' Obubom balendodanabungedluli kuyapi kwinto abangaba yiyo abantsundu belilizwe xa ngaba intengiso yotywala nezinye iziselo ezinxilisayo ide yatintelwa kanye kwabantsundu; kuba sinokuqiniseka okokuba inkosi yoluhlobo luxelwayo, abantu bayo mababe ngabantu abazolileyo.