Title
eng Ijaji E Qonce (IMVO_1885-03-09_i026)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
SubType of Article
eng Prosecutions
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-03-09
Identifier
eng IMVO_1885-03-09_i026
Word Count
eng 1219
Print Page
eng IMVO_1885-03-09_p003
Page Spread
eng 3.1-3.3
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 1
eng 3
Coder
eng Sipile Nqiyama
Ngokommiselo Umgwebi ongu Sir Dirk Barry, Inkulu ye Jaji ezibotwe lise Rini, ugaleleke apa e-Qonce, waqala ukuteta ngo- mhla we 4. Igqweta le Nkosazana belingu H. Lardner-Burke, Esq. B.A., LL.B. Pakati kwamanye amanene angabaqondisi-mteto pa-mbi kwejaji abeko sipaule u-Advocate Richard Solomon, M.A.; no Advocate H. T. Tamplin, Advocate Brown, Advocate Frames, Advocate Blaine, no Advocate Ayliff. Ikumsha ibingu Mr. R. Ayliff. Kwanjengokwasemihleni ke ukubako kwalamanene ase mtetweni kubange ukuba umzi upitizele ngabantu abavela ngapandle. Amatyala ebengemaninzi, engemakulu kanjako. Izohlwayo abezinika Umgwebi sizifumene ziqata abebengafundayo abanentloko ezitambileyo. Njengokuba siyakwenza impawana ngamatyala abeko akufuneki ukuba siyenze-nde intshayelelo. Ityala lokuqala ibilelenkwenkwana emi- nyaka ilishumi linane ubudala abati ngu Mfana, eyabulala enye edabini e-Gwiligwili. Yona igwetyelwe ekubeni itunyelwe kwindlu ese Kapa, ekufundiswa kuyo bonke abantwana abafumaneka benezimilo ezibi umnyaka onenyanga ezintandatu. Elesibini ibilelenkabi zamadoda ezintatu nenkwenkwe, ezadunduluzisa inkabi ezimbini zomlungu abati ngu Mr. Pringle e-Nciba. Elityala latetwa yimatyi yase Cumakala kuqala. U-Santi no Jantji noTomase, nenkwenkwe u Jack bafunyenwe ngamapolisa sebesidla inyama ezindlwini zabo, ekubeni kulahleke inkomo ezimbini zika Pilingile ote yena waya kubika kumapolisa. Akulandwanga mkondo pofu. Amadoda amabini alomzi angqine ukuba inkomo ezinjalo zafika awazi kodwa ukuba zatinina abona zingasabonakali, kodwa zona izinja sezihluta kunuka nenyama. Inkwenkwe ibanjwe ngamapolisa ekuseni ibaleka izama ukufaka inyama engxoweni. U-Santi no Jantji bati abebengababonise ukuba kwakulele amadoda kwa Pilingile mhla zabiwa ezonkomo, pofu lamadoda ikwa- ngabahlobo bawo. Bazame ukubonisa ukuba inkomo zibiwe ngo Loqani no Funda aba. ntu ababelele kwa Pilingile, wazimela u-Funda kwapela: u-Loqani wazibulala akuba ebanjiwe. Intambo ibangene kwindawo yokuba bamnkela impahla ebiweyo besazi uku¬ba ibiwe. Ijuri zifumene u-Santi no Dyantyi benetyala, indoda yesitatu nenkwenkwe be- msulwa. U-Santi utunyelwe entolongweni unyaka onenyanga ezintandatu, ze adliwe £30, kuba unazo ezake inkomo ; u-Dyantyi unyaka, ze adliwe £24 naye kuba unenkomo. Kuti ukuba lemali ayifumaueki bahlale inyanga ezintatu ngapezulu. Ekuviweni kwelityala ingqina elingu Ngele libete asabinako ukungahleki tina. Lite xa lifungiswayo likumsha u-Mr. R. Ayliff akuti yena ' Qaulake iti, ndifung' u-Tixo,' wati (u-Ngele)' ndifunga u-Tixo Inkosazana!' Iizwi malibe alikahambi kakulu kule mimandla imele i-Cumakala, xa kanti kumaqaba u-Tixo lo yinto inye ne Nkosazana. U-Daniso, yindodana yo Mxosa yase Debe, emehlo makulu nentloko inkulu, enomkita. Ibipambi komgwebi ngokubeta u- Dyani Mjekula, Imfengu yakwa Matubela e-Debe. U-Dyani ufunyanwa yile mambane etenga ikofu neswekile kwa Krowu Elukalweni. Uti akuti gqi pandle ixeshana eyishiye impahla etafileni angene seyingaseko. Bafuneke no Bobo unyana ka Krowu bangayifumani, de ati u-Bobo ngati ubone umntu eyitabata, kanti ngulo Daniso, selemnke nayo, wamfumana gama endleleni. Ati akuyi- biza impahla yake ' Uyageza Mfengundini.' Omnye ajokise abize impahla yake. U-Daniso selemgalela emtyoba ngenduku, apikele u-Dyani ukuhluta ' isonka sake semihla ngemihla.' Bade baye kwa Krowu. Apume u-Bobo alamle kungancedi luto, abuye asi- putume isivivane sake u-Daniso. Wamenza induma ezitile ezabonwa ligqira lase Dikeni abengengawo awengozi amanxeba kodwa. U-Daniso yena uti wacelwa umngeni ngu Dyani, akananto yimbi ngapaya. Ufunyenwe enetyala, wagwetyelwa unyaka ehokweni. Ingquva abati ngu Tomsana yakwa Bulu- neli, ingeniswe emkombeni ngokubinza u-Ze- nzile ngase Zibalakisini ngemela ecaleni. Ite yona ayiyazi lonto yabona seyibanjwa, Ibe ngumsebenzike ukuteta ityala layo, ko-dwa ubungqina bo Blom ote elamla wasikwa naye ezibatyini naseminweni. no William no Harry beteta into enye baba bobungashiyi matunzi amatanda ezingqondweni zamanene abelipu lapula ityala. U-Tomsana ufunyenwe wayeke wahlaba omnye umntu ngapambili. Imtetise bukali ijaji yamfaka entolongweni inyanga zontandatu eziyakuqukunjelwa ngemivumbo emashumi matatu anantandatu. U-Santi ubuye wangeniswa ngokuba imazi yenkomo netokazi impahla yommelwane wa-ke ontsundu. Ute yena akayazi yafunyanwa enye leyo iyimazi ezintabeni kwezinye inko-mo njengokuba yonke into xa ilahlekileyo iya kwenye impahla. Amgwebile wanikwa unya- ka ngelityala, kuba ubungqina bubonisile uku¬ba akunjengokuba yena u-Santi eteta. Upume erora u-Santi. Elika Elsie Yapi ityala linge lincinane uku- qala kwalo laya lisanda. U-Elsie ungena entanjeni ngetyala lokuxoka. Wafunga pambi ko mantyi walapa e-Qonce ukuba umfo ongu Gqibisinga wabulala ngase Nxaruni abafazi ababini nabantwana ababini ebanqumla imiqala ngezembe nyaka omnye, nokuba yena u-Elsie akubona lonto wamzuzisa uduma ebunzi, wabaleka u-Gqibisinga. Umbona esixekweni apa waselemsa ngapambili. Kufumaneke into enjengokufa kwabantu abanjalo ingaziwa mntu ngase Nxaruni apo nase matyaleni e-Monti. Ube kubuzwa amangqina ake u-Elsie wati ngabo bantu bafileyo, kodwa ufuna ukubuza lomntu ati wenzakaliswa nguye u-Gqibisinga. U-Gqibisinga wati uyise wabetwa emdudweni Elinye ingqina ngumlungu wabo bantu ose Free State ngoku. Akabizwanga ke. Ufunyenwe enetyala, yati i-Jaji ukufundisa abanye abafazi abaxokayo, imfaka entolongweni iminyaka emibini. U-Elsie ute emva kokuwa kwesigwebo, ufela inyaniniso. Lamatyala ngawo mhla wokuqala. Kusile ngolwesi-Ne ibuye yahlala esihla lweni i-Jaji. Kumatyala angeneyo kubeko elama Jelimani amabini angakwa Qoboqobo abenetyala lokubeta ngeziqosho nangezitwe- bile ama Xosa amabini. Engene emkombeni ama Xosa ate afumana amokomelwanje abetwa ngama Jelimeni, ati esatsho ati aqale ngokuwanyatelisa ngamahashe. Omnye ku-ma Xosa ute yena ubenxilile waqabuka ngentsasa ekomnye umzi selezele zinduma. Ingqina lomlungu elingeneyo lite lona nga-ma Xosa aqalileyo ate kuma Jamani yihlani nize silwe azake awagxoga ngamatye nangeziqosho ukuze ade aze kubetwanje ngama Jelimani. Sinqumle—liyeke ezi jurini, ezifumene abobafo bangama Jelimani benetyala— banikwake inyanga zontatu, kungenjalo ba- hlaule ishumi leponti emnye. Ama Jelimeni ebemelwe ngu Mr. Solomon. Lipumile elo kungene elokudlwengula. Aba bantu bebe bancinane bobabini, inkwenkwe yilentangana isalusa amatole, oyintombazana ulula kanye yena, oku kuhle Emgwali. Iqube yaquba ngokwayo intombazana, kwange-niswa nodade wayo oze yena wabikelwa ngumsakwabo okwenzekileyo. Ibuziwe inkw- enkwe ikanyele yati yona ibivumelene nentombazana. Liyileke ejurini ibuye neliti inkwe-nkwe inetyala, nokoke ngenxa yobuncinane sesiyicelela itaru kuwe Mhle. Hayike iselisuke yanikwa ukuba ike yolulwe umhlana ipiwe imivinjana emashumi mabini. Lipumile elo kungene elomlungu wase Bolo owadubula umfazi otile u-Sarah ngegama. Ingene lentokazi, kungene umntu ongati akanantloko ilungileyo, ukuzipata kwake njengomfazi pakati kwamadoda, kube zintlo-ni kanye.—Ite lentokazi lomlungu u-Peters wagaleleka ngamhla utile emzini wam eza kucela intombi yam ukuba imhlambele ingubo zake woyinika itiki. Ke yona ayivuma- nga. Epumile umlungu uye wazeka umpu endlwini yake kwavakala isitonga, ndakut' ukubeka ndeva ukuba ndenzakele. Ndiyeke emapoliseni kwaoko azake wona ambamba. Ingene intombi, yenjekwanjalo ukuxela ngo- kwazi kwayo. Engene awomlungu amangqi¬na axele ukuba intombazana iyaxoka ibinge- ko yona ngeloxa lesitonga ibiye emanzini, ekubenike ebetshilo nomlungu ikonxwa ngokwake ; ute kananjalo umbanjwa yena ubekupa isikoti kodwa elungiselela ukuhlamba umpu. Ijuri imfumeno lakuba liposwe kuyo engenatyala. Nakuti bapulapuli noko abu- bangako ubungqina bokuba umlungu okwe- nene ubedubula umfazi lowo, kuba ngapa-mbili akuvali nendawo abaka baxabana nga-yo bombini. Ityala Lonondala owabaleka nentombi yo- mlungu e-Kubusi lingene. Igama Lonondala ngu John Peters. Leli lona kutiwa ngabanwele ziyi pepile. Indoda ite ayinatyala into eyayiyenza kukukwelelisa intombazana leyo iminyaka ilishumi linane iyisa kumawolume wayo, ngenxa yokupatwa kakubi ngabazali bayo. Oku intombazana ikukanyele yati bate bakuba sematyolweni Unondala wenza akutandayo esiti uyakuyibulala ukuba ayivumi. Ufunyenwe enetyala umfo lowo ngokumtabata umntwana ngapandle kwemvume yabazali, wagwetyelwa unyaka one¬nyanga zontandatu esebenza nzima. U-Pudini, no Yekelo no Yima ababebe inkomo zika Mr. Christian kwa Lose kwa Hleke bangeniswe ebokisini. Amadoda okuqala omabini alivumile ityala. U-Yima ute akanatyala no Mr. Lardner-Burke, ute akanabungqina bomeleleyo ngaye. Ijaji ibagwebele ukuba bahlaulwe u-Mr. Christian £30 babe sehokweni unyaka, bahlaule u-Rulumeni £10 emnye, xa ingapumiyo intlaulo inya¬nga zontandatu ngapezulu. Ityala lika Maqasholo, no Nolentyi umfazi wake omnci ababulala umfazi omkulu ka Maqasholo e-Mkwinti pesheya kwe Nciba li- ngenisiwe u-Maqasholo ucele ukuba limiswe zeliviwe yi jaji ezayo. Ute igqweta lake akaliboni u-Mr. Andrew Gontshi awalinika ixabiso lenkomo elikwi £36 ukuba limtetelele. Esisicelo usinikiwe, kuba ityala lake be- selikauleziselwe le jaji, ukuma kwalo belilele jaji ezayo. Limbi ityala lipike ngenkomo zika Mabope wase Gwiligwili ezahlutwa ngu De Beer, kuba kwakuhlala inkomo zika Baliwe kuye, wabeke u-Deberi ezifunela isizi, kute kanti selazitabata u-Baliwe inkomo zake ku Mabope, basebetabata ezika Mabope besiti benza iyelenqe no Baliwe. Imantyi u-Mr. John Verity ugwebele u-Deberi, wabena u- Mabope. Ijaji ite akuko zinyaniso zazanele ukuba imantyi igwebele u-Deberi. Yagwe- bela u-Mabope yona kwakunye nendleko.