Title
eng Ezababaleli (intlanganiso E Cala) (IMVO_1885-03-09_i028)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Rengqe, Mankayi
SubType of Article
eng Meeting
Language
Locations Mentioned
eng Bumbana
Date
27 February 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-03-09
Identifier
eng IMVO_1885-03-09_i028
Word Count
eng 187
Print Page
eng IMVO_1885-03-09_p003
Page Spread
eng 3.3
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 3
Coder
eng Sipile Nqiyama
INTLANGANISO E-CALA. NKOSI.—Kaundincede undifakele lomi- gcana kwelopepa lako lidumileyo lama¬nene, ngendawro yokuba kwafika inene elitile emzini wam eligama lingu Nqose, zada intsuku zambini, koko belimana lifika ndingeko. Ladake lancama lakuba lingandifumani lemnka. Azake amado¬da atuma amanene amabini ukuza kwazi- sa ukuba intlanganiso iko. Ndazake ekubeni kuzokutetwa lonto ndamemake amadoda okuba aye kuyo lontlanganiso. Sifikileke siboniswe umhlaba wase Mnxi nowase Cala osikiweyo ote wawagqiba onke amatafa ase Cala nowase Mnxi,-—ngo- kunqumla inteto kude kwango (4 o'clock p.m.) kuxoxwe ngenye elandelayo imini. Kwada kwabizwa umantyi kweloxesha lika 4 o'clock; kuteke kwelotuba lika 4 kusisa ku 5, yasuka yonke intlanganiso yabumbana, ngenxa yokuba kwakuxelwa iziroro ku mantyi. Isiroro esinamandla kukuti u-Rulumeni makasinike lomhla- ba we Cala no Mnxi, kuba sesiwumi kade, Kuba u-Rulumeni besihlala simbalela kade ukuba lomhlaba ubengowetu, kwa- bonakala ukuba into endiyifumanayo kubonakala ukuba nalamda wenziwa yi Komityi ufuna ukufa ; ngelizwi elinye uma-ntyi wetu wati uyakusisela lomhlaba ku Rulumeni. Yasuka yapela intlanganiso basuka bona aba Tembu bazicaza zonke iziroro zabo. Imantyi ebekekileyo yetu yati yakuva iziroro zetu yabulela kakulu ngoxolo. Lazaliseka ilizwi endilitetileyo lokuba abantu bateta bonke. Ngomhla olandelayo; yaba ncinane kanye yapela ngendlela emfutshane kanye—andiciko mandiyeke apa,—njalo-njalo.