Title
eng Ezababaleli (ekapa) (IMVO_1885-03-09_i029)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
SubType of Article
eng Newspaper Squabbles
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-03-09
Identifier
eng IMVO_1885-03-09_i029
Word Count
eng 462
Print Page
eng IMVO_1885-03-09_p003
Page Spread
eng 3.4
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 4
Coder
eng Sipile Nqiyama
(IVELA KUMBALELI WETU ONQOZAYO). February 16, 1885. Inteto ka Mr. Makiwane esand' ukubona- kala kwi ' Mvo ' apa itakazelelwe kunene ekufundweni kwayo. Ikangelelwe kanye ukuba yinteto ebalwe kakuhle ; yabe kana-njalo iyinteto ebalwe ngo Ntsundu ofundiswe e-Lovedale kwapela, yati naleyo indawo yayenza yanencasa ngokunye, yaba nencasa ngakambi kwabo abake bayifunda inteto ka Dr. Stewart enge Linga Lemfundo yaba Ntsu-ndu. Ndingati ngokumayelana nenteto ye ' Sigidimi ' ngokumayelana nalenteto ka Mr. Makiwane, inteto yaso ivakele inesikwa yayinteto kanye yomoya ombi wekwele, kangangokuba yeyokusuka incunyelwe kudlulwe kupela, ukude senze inteto yokugxeka enjengale, ize ide ivunyelwe noko ukuba ibonakale ivela kumzi waba Fundisi, isingiswa ku Mfundisi Ontsundu, ofunde kanga ngokuba akazanga wabako onjalo kususela emva kwexesha likamfi u-Tiyo Soga. Kwaye kunganqweneleki nokuba kude kwisishicilelo sase Lovedale kuhanjwe ku- vakaliswa ukuba kuko nto yonakeleyo kona, umhlaumbi kulamzi obuke wati pambi kwaleminyaka mitandatu idluleyo wayintloko apa South Africa, ngoku ku¬ko ukupola komanyano lobukristo. Incwadi eyabalwa ngu Dr. Stewart eyabiwa ngamawaka, ukwabelwa abantu kulomboniso udlulileyo wawulapa, akubanga kade ingatanga isivelise isiqamo edubule sona, njengoko wobona kulengxelo ilandelayo. E-Rondebosch kwaka kwako Intlanganiso yabafundisi, ekwakuko kuyo i-Bishop yase Kapa neyase Pretoria. Leke yase Pretoria ngu¬mfo omsebenzi ungapumelelanga, oteke xa wayeteta wecuku kwindawo ate akuyicukumisa waselesuka omnye umfundisi, pofu engazi nento le ngelilizwe, nangomse- benzi welizwe kukuncinane ukwazi, uvakele noko esiti:—' Imfundiso yokufundisa umntu ' ontsundu yimposiso kanye, kuba endaweni ' yokuvelisa okulungileyo kuvelisa inkohla- 'kalo, yinto le ede emva kweminyaka emi- u ninzi yamalinga, yatshiwo nangumzi wase ' Lovedale, emanditi ukunyanisisa amazwi ' am, kanizibonele nani kwincwadi ka Dr. ' Stewart ekutiwa ' Lilinga kwimfundo yabantsundu.' Usuke u-Mr. R. M. Ross wati ukuyipendula londawo, u-Dr. Stewart uvisiswa gwenxa, yena into ateta yona yeyokuba imfundo epakamileyo yozi Greek nozi Latin yimfundo ede yabagqita abantsundu, yaye eyona nto efunekayo kwaba ntsundu belili¬zwe iyimikwa yenkutalo, leke bangayinabeleyo. U-Mr. Ross wenza konke awayenokukwenza ukuyihlambulula lendawo, ekufuneka kuko into emayenziwe ngokungapezulu, ukuze lude Imqumnke oluluvo lunje lubangelwe yilencwadi ka Dr. Stewart, endobuya ndenze izwi ngayo, kuba ibonakala kwabo bazana naba Fundisi, kwanaba ntsundu ukuba iyakuti endaweni yokuvelisa ukulunga isuke ilahlekise isininzi. 'Imvo' iyatyapa ukuka ide ikankatane nayo lendawo yotywala. Imfuneko ekoyo yokuba utywala mabungatengiswa kanye kwaba ntsundu izibonakalise kanye Kulaulo lwase Mangesini e-New Guinea, apo kungeko nto inxilisayo itengiswayo kongumntu welozwe, emazantsi aso esosiqiti sikulu sihle kunene esaba sesa Mangesi ku November odluleyo. Esisigqibo sawiswa kwinkosi nabantu bazo, mhla babehlanganisene, ngomhla wokuxonywa kwe flag, yokuba namhla belu- nge e-Mangesini. Yaye kananjalo iyindawo enkulu eboniswa ngu General Warren yoku¬ba engavumele kuba kutengiswe nto ibu- tywala eminqubeni yake ekwela Bahlambeli. Abantsundu ngebesiti bona ngokwabo balo- meleze Iqela labapete umcimbi wokuvumela intengiso yotywala. U-Mr. De Wet Umpatiswa-Micimbi yaba Ntsundu ungelocala lenu. Lendoda ilimele kakuhle kanye icala laba ntsundu, ubakatalele kanye abantu ababekwe pantsi kwake, wahla waziqelanisa kanye nomsebenzi awupeteyo. Kuzo zonke izenzo zake yindoda elilunga, ekolekileyo nengafuni kwenza ngo¬kuba ikolis' obani.