Title
eng Impawana (IMVO_1885-03-09_i031)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
SubType of Article
eng News Summary
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-03-09
Identifier
eng IMVO_1885-03-09_i031
Word Count
eng 985
Print Page
eng IMVO_1885-03-09_p003
Page Spread
eng 3.5-4.1
Start Page of Article
eng 3
End Page of Article
eng 4
Print Column
eng 5
eng 1
Coder
eng Sipile Nqiyama
Fan' ukuba ziveki ezintatu ezigqitileyo ate wapuma u-Ngcongolo (Rev. James Read) ebufundisini ngenxa yobudala. Endaweni yake ama Lawu ase Katala acele unyana wake obese Mnyameni u- Rev. J. P. F. Read. U-Ngcongolo omku¬lu ubengumfundisi welibandla iminyaka emashumi mahlanu anantatu epuma namhlanje nje, naye wayengena endaweni kayise u-Ngcongolo omkulu. Lomaneli mncinane uzakuba ngumfundisi wesizukulwana sesitatu so Ngcongolo. Elixego lipumileyo libavelele ngento ezininzi, ezentlalo yobubom, nezobom bapakade, abantu balo. Eangamana lingake libe nexesha lipilile libonisa unyana eyona ndlela ipelele ekubeni ama Ngcongolo abe zinceke ku Malawu nakwabo bami pakati kwawo. Umbaleli ose Ntlambe usitumela lama- nqakwana:— Umanzabomvu uyatyikitya kwa Gcaleka, Willowvale District, Transkei, kweso- sizwe sekufe 59 inkomo, asilazi iqinga laso eso sifo, kuba sisifo sase Mbo, bati Ngumbendeni ukusihombisa. Mna nditi singapezulu kwemofu, okwaso kukodwa. Kwa Rev. Waters 3. Tapu e-Gcuwa iqale nge 29 January 1885. Asikuko nokuba kubi kuti apa ukubuya si- tenge. Ingqakaqa ivukile e-Mbulu District. Yaqala e-Tsojana, wenza ngako konke anako u-Mr. N. O. Thompson ima¬ntyi yakona, sada sati iyapela. Kwalekile ngo January lo ugqitileyo qapu e-Gcibala, kusafe mnye umntu. Ngati isalinga ukutintela imantyi ngakwezantango. E-Willowvale District kuko indoda egwetywe yinkulu yemantyi yagwetyelwa ukuxonywa, ngokusuka ibulale enye indoda engu Tshofela, umbulali ngu Chermas. U-Chermas weza emzini ka Tshofela epete umpu ngokuhlwa Wavela emnyango akombona kakuhle, wati ngenxa yokumngxamela kanti selevele kakulu, yambona inja, wabaleka. Wapuma umninimzi, wambona umntu wamlandela, wahlala pantsi omnye walunga weza selelunge kade, wati akuba kufupi wadubula watsho esifubeni, wafa kwaoko. Kwangobobusuku wabanjwa. Ude wagwetywa engalivumi ityala lake, walivuma akuba selegwetyiwe yinkulu yema-ntyi ; uti umbulele ngokuba etakata. Abateti balo naba Captain Blyth, T. A. King, R. M., Butterworth and Willovale. E-Genadendal, ngase Caledon, ngo Mgqibelo otile kwabonwa i-Lawana eli- minyaka iseshumini eline sine ubudala u-Frederick: Pontak: ngegama, ngetyala elileli. Yena u-Frederick: lowo nenye inkewana eseshumini elinesitatu ubudala babeye kucola-cola inkuni ngasemlanjeni lo uyi Zonderend. Kute xa bebesebegqiba ukucola-cola yati enye intwana leyo ngokudlala, yanga iza kucapula kwezo zika Frederick inkuni, ateke akwala nazo yamti tshizi ngehlamvu. Kute ukujika kuka Frederick waseleyeka dyumfu ngenqindi ebusweni, watshoke yaya yafumba yeqwi yafa isiduli enye intwana leyo. U-Frederick urole isitshetshe engxoweni wayisika amanxeba ebusweni ebuya eyikanda nasentloko, ateke akuba enjenjalo wayikulula ingubo zayo wazisnicilela ngenkuni, wayiqengqela emanzini. Ute akuba ekufezileo oko waqubula inkuni za- ke wagoduka ngapandle kokuzidinisa umzimba. Emva koko umzimba lowo ubonwa udada emanzini, Awamana kusi- tiwa mayibe utshone ebedada, kuteke kodwa akuba u-Mr. Hettasch u-Mongameli wesikolo e-Genadendal apo, ebuzisile hayi yeza lonkewana yalivuma ityala layo ngokwalenteto ingasentl' apa; yaqukumbela ngeliti ewe iyazi ukuba yenze isonokazi esikulu, kodwake u-Msindisi wayo woyixolela konke. Ngo Mgqibelo weveki engapaya kwale idluleyo, apa kwenzeke into engadli nga- kufumana ihle. Kwifam ka Mr. J. J. Irvine i-Qeya ebeliqeshwe kona libaleke nentombi yomlungu. Lentombi abazali bayo noko ngabantu abate putu, apo bakona bakulamzi ka Mr. Irvine use Kubusi; yaye kunjalonje isencinane nokubancinane ikwiminyaka ekwishumi elinane ubudala bayo. indoda leyo yona ngumntu oselenendlu, ashiya yona njengo- kuba egcagcile nje namhla. Asate za ke amapolisa ukuputuma lomntwana umnke nesosilo. U-Dr. Richards, i-Bishop yase Rini yebandla lase Roma, kwincwadi ayibalele e-America, wenjenje ukuteta ngenqubo yelobandla lase Roma kwelilizwe :— 'Abafundisi behlelo lama Jesuit baya- wutwabulula ngokubanzi kanye umsebe- nzi pakati kwaba ntsundu kwelilizwe, sina 200,000 ababantu, abapantse bonke ukuba ngabaginwa. Oludatyana loba nokunika amanakani omsebenzi emasibe siyawuquba kwelilizwe. Kwa- kamsinya sesihlalele ukumisa izikolo ezibini, nezitatu, zentombi ezingayi- kwenda. Kwezike soti esinye sibe sesentombi ezintsundu. Woti ungekapeli lonyaka babe abafundisi belihlelo letu benabaqeqeshwa abaku 90, abaya Kuvula iziKolo Kwaba ntsundu. Lomsebenzi ndiwubuka Kanye—ngumsebenzi obaluleKilevo Kanye.' Lemida siyifumana kwinene lase Tyu- me:—Nantsi into engummangaliso eyatetwa ngu Mr. James Francis oyi Field Cornet yalapa e-Tyume, yati ukuba aba¬ntu abamnyama bayangena kwi voti iya- kupuma ebu Field Cornetini yafunga pa¬mbi kwabantu abamagama angenileyo, asazi nokuba lilanga eselibangele ukuba abe usasibambile esisikolobo, ezisheleni zisixenxe ezine sikisipeni, kungakubi ukuba ilanga liyakubalela nabamhlope. Wati ukufunga, I am sure akuko namnye umntu omnyama oyakungena,—le- nteto uze uyifake nangesi Ngesi—Wo- HLANGA. Ikaba elaka lase Lovedale loba alikayilibali intlanganiso apa yododana kutiwa yi Love¬dale Literary Society. Umhlobo wetu ose Lovedale usitumele amagama ododana oluya kupata imicimbi yentlanganiso ngale seshoni iqalileyo. Ami ngolu- hlobo :—Umhlali-ngapambili (Chairman) — Mr. Edward A. Fox; Unobala (Secretary) Mr. J. Knox Bokwe ; Unobala Oncedayo okwa ngumgcini-ndyebo (Vice-Se- cretary Treasurer) Mr. Solomon Govo; Abagquguli (Committee) Messrs. W. Dewey, George Jojo, Jas. Muirhead, Solomon Matolo. Siyinqwenelela intlanganiso ixesha elimnandi. Lemiqela siyifumana ku Mr. Dyantyi Mgcodo isinonopu selase Batenjini. Sitomalele kunene ngumbulelo wake ngenxa yemigudu yetu yokunika ibaso le Almanak amawetu. Nguye yedwana obulelayo : besingakupe iwaka elinamakulu amabinina e-Almanak ; liye ngapina iwaka elinekulu elinamanci asitoba eva ngesitoba ? Uti umfo ka Mgcodo :— Nkosi etandekayo, — Ndinovuyo olukulu kunene ukuba ndifumane ituba lokuba ndibale lamazwana. Nditi kuwe Nkosi yam Mhleli we Mvo Zabantsundu, ndincede ukuba undifakele lemigcana. Into endibangeleyo kukuba ndifumane elipepa le Almanak lipakati kwelo Mvo. Lindibangela ukuba nditi pambili Mhleli, namhla nangomso, kuba ezizinto tina ziyasipuma ukuzibamba ngentloko, ukulibale ukuba into etile yayihle ngexesha elitile. Elipepa ke lindivuyise okwam kakulu ngenxa yezizinto zingabambe. kiyo ngentloko. Enyeka into embi elusizi kukuva omnye umzalwana otile egxeka lenkosi ibubileyo yase Batenjini ingu Ngangelizwe, ngesimilo sayo kanti nokuba ubenjalo namhla kungekulibalekile oko kumntu osapilileyo, ngokuba kwixesha lokugqibela uxele ukububa kwekolwa elazisiweyo ukuba liyawushiya umhlaba lilungise pakati kwentsapo. Lenkosi ke yenjenjalo xa iqondayo ukuba iyemnka emhlabeni, yabalungiselela onyana bayo amalungelo abo nomkulu. lyokumazisa emantyini unyana eseko uyise, abanye ke bavuyiswa sesosimilo sokugqibela, abanye basagxeka esokuqala.— JANTJE MGCODO, Cala. Abazalwana ababini omnye use Kokstad omnye wambete elokuba ngu Hostian Ntulo basitumele incwadi ezindulula ingxoxo yo-kufaneleka nokungafaneleki kolwaluko. Asiboni nto iyakungeniswa yilengxoxo kuluntu olumnyama nolumhlope, asizingenisi ngenxa enokoke incwadi zabazalwana. Izaziso ze- ndodana ebale ise Blythswood azinakungeniswa epepeni zingahlaulelwanga. Yona izitumele njengencwadi eziza epepeni. Zizaziso mzalwaua, xela ukuba ufuna zingene noko. *** Omnye wabafundi betu usibalele ecela indaba zentlanganiso ya Bafundisi base Wesile ebikwa Komani ngo January. Kweyabantsundu kunyulwe u-Rev. C. Pamla no Captain Veldtman Bikitsha ukuya kwintlanganiso ye Konferensi eyakuba se Natal. Amanene Amangesi anyuliweyo ngu Mr. Stephen Morum no Mr. J. Hodges. Kule ngxelo ipambi kwetu sifumana ukuba ku Bafundisi ngu Rev. J. Thomson B.A., no-Rev. ' G. Weaver.