Title
eng Ezababaleli (IMVO_1885-03-09_i032)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Mtimkulu, Radebe
SubType of Article
eng Request
Language
Locations Mentioned
eng Macfarlane
Newspaper Code
eng IMVO_1885-03-09
Identifier
eng IMVO_1885-03-09_i032
Word Count
eng 131
Print Page
eng IMVO_1885-03-09_p004
Page Spread
eng 4.1
Start Page of Article
eng 4
Print Column
eng 1
Coder
eng Sipile Nqiyama
ISICELO KO MANTYI. Nasi isicelo endisicelayo ko Mantyi:— tina bantu bantsundu indlala isibandezele, omantyi maba-senzele ilungelo lokuba sipume umkosi ukuze kubeko impumelelo kwabantsundu, ngokukodwa u-Mantyi u-Mr. Hemming, nabanye ngebesenzela ilungelo abantu abantsundu, ngokukodwa ukuba bayakwenjenje lemali izisheleni ezine ezinesikisipeni ukuba iyarolwa akungesali nexego. Yeka, wena wabona impukane zingena emasini! Kunganjalo kumadodana nakumadoda. Kungalusizi uke wahamba kwesi sakwa Kama nakwesi sakwa Mabandla. Wakugcogelake Njengengel' enduna ka Jabavu : Pekuzwa nga basekayo Ngabase Lovedale, wena ubanika inqolonci Kude kwateta nabo Innes : Mafumana awele njenge Ndamse Yona nyamakazi ingaketi zibuko : Unyawo zam wena uya edolopini Eqonce teta nenyat enkulu ka Jabavu. Ishicilela amapepa kuvuywe Ngabakowenu base Mum'fengwini bohlanga Gulukuqu yawa inkwenkwezi kwelipezulu Zinyosi zam zakwasapula nduku. Gwangq' eliduna lakulomtinjana. Mandiyeke ndingade ndihabele, gwangqa lika Jabavu, uze undixolele mhlobo, yimo yeqitala — mandiyeke ndingoyilindeleyo lenteto kwi Mvo Zabantsundu. Ndim