Title
eng Imvo Zabantsundu (IMVO_1885-03-16_i016)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
SubType of Article
eng Politics
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-03-16
Identifier
eng IMVO_1885-03-16_i016
Word Count
eng 781
Print Page
eng IMVO_1885-03-16_p002
Page Spread
eng 2.2-2.4
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 2
eng 4
Coder
eng Sipile Nqiyama
U LORD RIPON UKUHLUMA kwezizwe ezintsundu ngokwecala lokukanyanya, kudla futi ngokuti kufanekiswe nokwezizwe zase India, esesiman' ukuti ke ngoko tina, njengomlomo wabantsundu, siti into leyo yenzekayo kweli letu siye siyitelekise nezisakuba zisenzeka kwelo la-bazalwana abo betu base India. Amakowetu angaba wona akazi ukuba amafaniswa nabo lawo ase India, kuleminyaka mihlanu idluleyo angene kwixesha elitsha elahlukileyo ixesha ebelite kubo lalelizaliswe ngamatemba namadinga. Lompakati ungu Lord RIPON, ogama libonakala emantloko ayo lenteto, usand'ukupuma kwisihlalokazi esikulu sokuba ngu Mongameli welo Komkulu likulu kunene lase India, ekute ukumnka kwake kona ebuyela e-Ngilane Iwabanga ukuba ziti izigidi zentlanga zase India zibutane ukuba zimbonise inkolelo yazo kuye. Kwaye kunjalonje kuyinto ebalulekileyo ukuba ekupumeni kwesosihlalo kuka Lord RIPON ama Ngesi azalelwe kwelo lase India akafumananga ayeke nje, koko aririze kanye Isimilo ngokwaso sezintlanga zimbini (ama India nama Ngesi) ngokumayelana neli Tshawe nasodwa sanele ukubonisa ukuba malibe elixesha laleminyaka mihlanu lokulaula kwake e-India ibe kanye lixesha elingenakulibaleka e-India. Ewe linjalo okunene. Kwasekutini cakata kuka Lord RIPON kwelo lase India wafumana ukuba impatwano ka Rulumente nama India afundisiweyo yegwenxa kanye. U-Rulumente pofu wayebehle wasebenza okokuba abantsundu abo babe no- kuyifumana imfundo yamasebe apezulu, azake ngelotamsanqa ama India aba nokumbulela u-Rulumente. Suka ngapaya koko kaloku u-Rulumente akaba nanto yona abe-nzela yona, sifika sakuba lapoke sivumelane no Lord RIPON ngeli liti oko kungavumi kubenzela nto ngapaya ' yayibubudenge obupeleleyo bolo lulaulo.' Bubudenge obuyi-ntlekisa kanye ukucinga ukunika abantu—ekukataleke nokokuba ibala labo limnyama, mhlope, gwangqa, mtubi nokuba lilipina—imfundo eyepeleleyo kanye, uze ubavulele ukuba bazi ngemvo nengcinga zama Ngesi, uvuselele ezintliziyweni zabo ulangazelelo lwento ezipakamileyo zentlobo-ntlobo zonke, kwaneminqweno yamawonga ngokwaselulauIweni, uze kwawena ubuye ubaguqukele ngeliti: ' Ulangazelelo Iwezinto zokupakama ebesinivuselele ngalo asinto soka sinipe ndawo yalo; kwanalo mnqweno wamawonga esinivulele ngawo asiyikuka sinipe ne-ndawana le yokuba niwuzalise ! ' Ukantike wenjenjalo kanye u-Rulumente wase India kwabo bantu abapeteyo. Isiqamo sokoke sibe kanye koko nabani ebengakulindelayo. Kuvuke umoya obonisa ukunganeliswa nowokuluswel' ukulutemba ulaulo Iwama Ngesi, kwawakukumalisa kanye lomakulu ezigidi ami e-India. Inxenye ingati, kwanjengokuba itshilo kwelilizwe bubudenge ukusuka abantsundu bafundiswe ngangokokuba bade bangenelwe lololangazelelo lwezinto ezipakamileyo namawonga. Incwadi yembali ayisixeleli okokuba ngokubagcina ebutyakaleni abantu ngoko, uyakubangela ukuba kubeko uxolo, uze kananjalo ube uyakuhluma ngokwenjenjalo oko ; ketina ngokukokwetu asingenzi luto ngapezu kokusuka sesivakalisa owetu umxelo ngokusebenzisa amazwi awatetwa ngulo mpakati mkulu u-Lord MACAULAY omazwi wati u-Lord RIPON ngokucapula wona wayenza yavakala inteto yake e-Leeds. Kwingxoxo ezazingo 1833 wati u-Lord MACAULAY— Siyakubayeka bahlale ebudengeni-nina abantu base India ukuze sibe sibafuna babe nentobeko; kungenjalo ke sicinga ukuba sinakona ukubapa ukwazi ize noko kungavuki ukulangazelela amawonga; mhlaumbi siyivuse lomnqweno, ukuze singayivuleli ntunja ngakwelase lulaulweni icala? Ngubanina ongati ukuyipendule lemibuzo ewe? Ukantike wonke oluvo lulolokuba abantu base India sibavalele ekufumaneni indawo ezipakamileyo utsho uti ewe komnye wayo lemibuzo. Andoyikisi nto ukutsho. Umendo wemfanelo ute dleke pambi kwetu, wayeke unjalonje ungowobulumnko, nongapuhlisa isizwe, kwanongasitwes' imbeko.' Ngomxelo wetu yonke lemibuzo siyisi ngisa kwi pepeni lakwa Komani eliyi FreePress nakwaba nye abanga, into yokuka umntu ontsundu ofundisiweyo abekwe kwindawo ezipakamileyo nezokutenjwa, ayingeze ike ilingwe yenziwe kwelilizwe. Kungokutabata ingqondo enjengale, ' watsho u-Lord RIPONkwabo babe mpulapula e-Leeds, eniya kuhla nisifumane isitshixo esiya kunivulela ukuba nisiqonde isiqingata esikulu sohlobo lolaulo Iwam e-India. Kwaba xa ndikangele kwindawo ezinjengezi endati ndeva ukuba kuyinxalenye yemfanelo zam ezipambili okokuba abantsundu base India ndibamisele kwindawo yempato zentembeko, xa ngaba kuko amadoda afanelekileyo anokuzizalisa.' Kungatiwa yinxenye, kwanje ngokokuba bekusand'ukutshiwo, lamanqakwana alata kupela kwindawo nempembelelo zeqelana elifundisiweyo ize kuyekelwe isininzi esingafundileyo ukuba sizaneze ngokumana salusele ngamehlo eluzukweni Iwabanye. Kodwake abo batshoyo bayakulibala ukuba eloqelana lifundisiweyo,' likangeIwe ngamakowalo, njengomlibo wokungcamla amalungelo emfundo, ukuzeke uhlanga luqale ukuwomela ukungena ekubeni seluyibonile imfuneko nomsebenzi wayo imfundo. Siyakolwa ukuba asikude kuyapi xa siti iqela labantsundu abafundileyo nabangafundileyo lipantse ukuba linxuluman neli fundileyo kwanelinga fundanga lase India ka liteleki swayo. Esingabake kanti sinyanisile xa siti indawo ezibonakala zibafanele abafundisiweyo base India mazibeke naba balapa zikwabafanele, nakuba kona indawo yokuba imfundo esinayo tina apa ingangaleyo banayo abazalwana betu abase India, singena kuyimisela inyawo Xa sibuyelake kwakwimpato yolaulo Iuka Lord RIPON, sifumana ukuba amava entsebenzo yake akuzibona ezona nto zizimfuneko zendawo leyo abenze okokuba igama lake lingaze lapuma emilonyeni yabantu ngokupuma kwake, wada ngapezulu wafumana uyolo lokokuba ati ngezake izandla anikele kwi NKOSAZANA amakulu ezigidi zabantu abantsundu abate bona bazinikela mpela ukuba babe pantsi kwe Trone Yomhlekazi lowo. Abasaqalayo ukubona ukuba ngokwamazwi ombali ontsundu, ' kanti ezinkohlakalo, abakade beva ubunzima ngazo pantsi kolaulo Iwa-sema Ngesini, azihli ngakuba beku-fanele kade ngokohlobo Iwalompato, kodwa ziqamo zohlobo eyati lompato yasetyenziswa ngalo, nesaqutywa ngayo.' Xa abantu bapantsi kwe NKOSAZANA bate bada babe nokuzi qonda ngoluhlobo zashicileleka kubo ezinyaniso kungaba nakoke ukubako imbonakalo yokunqatyiswa nokonwaba Nompakati oyakuti intsebenzo yake apa e-South Africa ibe kukuyingenisa ezintliziyweni lenyaniso kumawaka abantsundu akona, woba amakowetu uwatwalise ityalakazi elingengangani lombulelo afanele ukuwenza njengoko i Mor-ques of RIPON yenjenjalo kwinkita ede yapants' nkungabi nakubalwa yaba ntsundu belo Kumkani le NKOSAZANA elise India ?