Title
eng Amanqaku (IMVO_1885-03-23_i017)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
SubType of Article
eng News Summary
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-03-23
Identifier
eng IMVO_1885-03-23_i017
Word Count
eng 1757
Print Page
eng IMVO_1885-03-23_p002
Page Spread
eng 2.3-2.5
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 3
eng 5
Coder
eng Sipile Nqiyama
KWINGXELO yonyaka odluleyo ye Siko- lo saba Ntsundu sase Kapa ekutiwa yi Zonnebloem, ebesitunyelwe ukuba siyi- kangele sipaule ukulunga nokungalungi kwaso, sifumana ukuba eso Sikolo s'ipa- ntsi kwelifu elitile. Baya bencipa aba- ngenayo, kwaye kute kwimviwo-mviwo ezibakoyo asaze sibe nakuzibalula nganto. Uhlobo-lwenteto ka Warden Peters ige- ziziitfo aiyaluncoma kanye, kuba indicia abebequba ngayo abazintloko kwezinye izikolo ibe iyile yokuzivutelela amaxilongo abo kwabona ngokwa- bo nokuyihambisel' apa impu- melelo abasukuba bete ngexa elitile bayi- fumana, ze bati xa ngaba bate abapume- lela babiye babiye ngokubonisa izizatu- endaweni yokusuka bayixele into njengo- ko injalo mayelana nezikula zabo bayeke- ke. Kuyinifaneloke ngoko ukuba siti ukuyisondela kwetu lengxelo siyisondele ngolovelwano India ngokutikelela esifu- beni somntu xa ngaba uva isikalo somnye umntu osengcinezelweni. Inkoliso yaba- fundi abantsundu abebete elixesha bayi- bangela i-Zonnebloem ukuba ihlal' inento yokwenza, ngababevela e-Batenjini kulo- inafama aquba kakuhle kona. Batunye- Iwa kona ngabazali ngokuti bacinge oko- kuba yeyona ndawo ingumzi wemfundo onika imfundo ngokufanayo komhlope nomnyama ngapandle kokuba kubeko kete lani. Ukumana bewunyeka ngaba- nye ukupuma abantwana abo kubange- Iwe ngelinye icala lilanga eli likoyo, nge- linye kubangelwe nakukungapumeleli kwentsapo yakona ezimviweni. Ingxelo yomzi lowo'ke, yona iti ngokungapezulu kuwunyeke abafundi abamhlope, ekutiwa ke bona bemnkiswa ' kubabecekisa uku- dibana nabantsundu. Ngelaxa abafu- ndi abantsundu bebengapantsi nakwesi- tandatu,' iquba yenjenjalo ingxelo, 'aba- fundi abamhlope bebekumashumi ama- bini anantlanu. Kodwake lati kwalakut' ukut' ukwanda elabantsundu inani lawu- nyeka elabamhlope.' Utike yena u- Warden Peter's ' ngokumayelana neli- kwele akukonto ingatetwayo ngapandle kokusuka kutiwe likwele.' Yena aka- kolwa ukuba kuko bubi baka bada be- nzeka 'bokonakalisa isimilo nompefumlo nowayipina indodana emhlope e-Zonne- bloem, ngokusuka badityaniswe naba- ntsundu. ESINYE sezizatu ezibekwa zizityebi zaba Tembu esibangele ukuba aba- ntwana bazo zibatumele e-Kapa, sesi so- kuba benga bangaxubana nama Ngesi ukuze isingesi babe nokusiteta ngokuhla- mbululekileyo. Bekutelekelelwa ukuba mayibe lamakwele asinto ikoyo apo e- Botwe njengalapa kwelicala langaneno e- Koloni. Njengoko saka saya nati e-Kapa apo kwiminyaka emibini edluleyo, sina- ko ukuti ngeloxa ebengekabiko lamakwe- le. Silusizike ukubona ukuba nase Kapa ngoku aseleyivusa lempembelelo yawo ikohlakeleyo. OKOKUBA imfundo enikwa aba ntsundu naba jnhlope e-Zonnebloem inye iyafana oko koqondiswa yiriteto ka Rev. Canon Peters ngohlobo ati uyinika ngalo imfu¬ndo kulutsha olusukuba lusiwe kuye. Isininzi ebesingekangenwa ngumoya wa- lemfazwe kade iliwa, ngacalanve ku- njalonje, kuliwa nemfudiso yelisebe le- nteto zasemzini, boba nokutelela kulama- zwi asidima sinje ka-Peters ngento eyiyiyo imfundiso yezinteto neyobulu- mnko bamanani nemilinganiselo : 'Indlela esiyiquba ngayo imfundo yetu si- yimise kwesisiteto sokuba ezinteto (Classics) nelisebe lemilinganiselo (Mathematics) kupe- la kwezonanto zaziwayo zinengqitisela eku- buqeqesheni ubucopo ngokwecala lengcinga nasekubeni bube namandla ekuzityileni ingcinga zabanye abantu.' ' Esisalelo sahlala sinokuvelwa side site- twe nokutetwa kubantu abamisebenzi isaku- ba ingayi kuba yepakamileyo, ekubeni bafu- nde ezizifundo nabo, ezikangelelwe ukuba zi. yimfuyo yabazizityebi, kubonakala ukuba ololuvo lutatwe ngendlela engeyiyo, into eyi- yo imfundo kwanemfanelo yongafundisayo ayigqalwa.' ' Imfundo le kukuqeqeshwa komntu ngapa- kati nasemzimbeni, ngokuyicazululayo kanye imizimba yetu masiti, kuqeqeshwa komzimba nompefumlo. Kukumenza uluto nmntu. Eyona nto ikangele kuyo asikukuvelisa aba- kandi bentsimbi, abasiki-ngubo umhlaumbi amagqweta (nakuba ndikolwa ukuba imfu. ndiso yobugcisakwanengqeqesho ezonto zina- ko ukubandakanywa ziqutywe kunye nemfu- ndo), koko kukufuna ukuvelisa amadoda ane- ngcinga ayakuti awasebenzisele onke amandla awo eluzukweni Iuka Tixo—elungelweni lo- luntu nase lonwabeni Iwawo ngokwawo no- mvuzo wawo. Imfaneleko yongofundisayo yena kukwenza ngalomalinga abonakala ku- ye ingawona kunokuti ngawo zifikelelvre ezi ncam. Ngokoke kuti xa inkwenkwe emnya- ma nokuba yeyalipina ibala inikelwe kuti, kubonakala okokuba yoka ibe nexesha eli. nobom ihleli nati, siyinika ngokupeleleyo uqeqesho Iwengqondo ngangoko sinako, si- ngakatali yinto eyakuba yiyo kamva. Akubonakali kum, ndlela yokuba umntu oya kusebenza kwindawo zasebupa- ntsini (njengoko kutshiwoyo ukubizwa kwa- zo ebomini angati ukuwacita kwake amaxe- sha angenanto yokwenza ngawo azonwabise ngokufunda imisebenzi eyenziwa ngamaduda adumileyo akudala—ukuba kuko ukungaviaisani pakati kwabo bapantsi (kutshiwo) kuba beaebeuza ngezandla, kwanabo bamsebenzi iyeyapandle noqeqesho Iwengqondo, elo asityala lofundisayo laye lingenaye neyeza —nokoke aaiyiyo leyo eyona nto aikangele kuyo ekuzifundieeni ezilwimi zakudala.' ' Sizisebenzisa njengezintonje zokusebenza, aaazi ndlela yimbi inokuyenza ukuba icinge inkwenkwe—ukuyenza ukuba ibe nokuziqonda ingcinga zabanye nokuba ibe nokuzivakalisa kakuhle ezayo—ngapandle kokuba siyenze ukuba iguqulele olanye ulwimi kolunye, ekubeni nokunika lomandlake akuko Iwimi zinjengezi zimbini olwase Greece noIwase Rome.' ' Ekungakatalekiyoke nokubana yapumayonje esikolweni inkwenkwe leyo ezinteto yaka yazikangela ayizanga kusinina, kodwa zona zilenzile elazo icala, ngangoko sizisebenzisela indawo yona eyona bazifundiselwe yona. Zibe zizinto zokusebenza ukuquba imfundo, enokokubana ibisate ga pi inkwenkwe, akukataleki, kweso siganga ikuso ingqeqeshelo yengqondo yaye ibiqutywe kakuhle.' ' Abo bangavisisaniyo nezindawo bonwatyiswa kukuva ukuba kusekubantu abambaIwa esitate sazilinga, zaye neziqamo ingezizo nezingade zoyikiae ukuba lo Mxosa ude wa. fundiswa ngokupakamileyo.—Bambalwa abahlala ixesha elidana esikolweni ngangokude sibe nako uknba namava ngohlobo Iwemfu. ndiso yetu, ati nobeaelengati ute tyi emnke xa kanye siaaqalayo ukungena ekumfundiseni.' KWINTETO ayenze e-Edinburg ngempato ye Koloni li Pesheya wenze lamaqanku u-Mr. Goschen, ' Andikolwa ukuba kuyanqweueleka ukuba ndiyigcakamele kakulu lengxoxo ngakumbi pambi kwentlanganiso yama Skotshi, kuba njengokuba kwaka kwalatwa ngu Lord Reay, ngama Skotshi ukuba afudul' epumelele ngapezu kwezinye intlanga ezimhlope ezikoloni. Ndaka ndayi ruluneli yase Hudsons Bay (e-Amelika.) Amagama ebendisakuweva ngawama Skotshi. Bekuko o Graham, bekuko u-Donald. Kawukangele kwinkulu zabalauli base Kanada, zingo Macdonald, no Mackenzie; yiya e-India ; kaukangele kubagcini bebanki e-Tshayina, nokuba ukangela pina wofumana o Jardine no Matheson, no Wallace, no Crawford, nokuba uyapina wofumana awona madoda apumeleleyo ingaina Skotshi—ngazwinyo ukuba ubuya kuba dwelisa bonke abantu abapumeleleye ezikoloni ubuya kufumana ukuba luluhla Iwama Skotshi kupela. ASINGI singenzakalisa bani kuma Nge- si ezinye intlanga xa siti, nakuba singe- nakutsho ukuti Amen, kuko konke aku- tetileyo u-Mr. Goschen, ngakumbi nge- micimbi yemali kuba asigqibe kuyiqo- nda, kodwa njengaba ntsundu abakanyi- selweyo masiti tina sincedwe yimizamo yonyana bama Skotshi, abangabafundisi nabangengabo. Ama Skotshi ngabantu ababehle bayifumane indlela yabo entwe- ni ezirabaxa. Yiyo lonto bateke kubantu abantsundu babazinceke, kukuba seloko bapatwa kakuhle ngabo. Koku kuba nokujika inkataZO bazenze amatye okuca- ncatela kwi mpumelelo okubange ukuba bapumelele kangaka ezi Koloni. ISIZWEKAZI esikulu kunene sase Ma- ngesini, esipiko kade sikoncile pantsi kwalo enkululekweni, sadla uyolo Iwama- lungelo adliwa nayiyona ncekenceke ye Ngesi, esosizwe kungoku sisezingxaba- nweni nenkoliso yezizwekazi ezinama- ndla zase Europe. Ngokwenyaniso u- Rulumeni wa^e Mangesini sitelanje iha- inbiso zokwenza uxolo ne Russia zisemasikizini kanye, mayelana nokungenela pakati e-Asia kwama Russia. Akukabi kade kananjalo abete ainapepa endaba ase Germany nawase England ada imfazwe abonakala seleyipete emilonyeni ngoku- suka u-Lord Granville azizilize ukupen- dula u-Lord Bismarck (oyinkosi yama Jelimeni) mayelana nenteto eyayinge Angra Pequena. Ekute kananjalo kuba ama Ngesi ete akakoliseka yimpato ye France kwindawo ezinjenge Madagascar ne Koloni zase Australia, aselevuyelela ama French ngokwazi ukuba kanene i- Ingilane inkatazo ziyivelele ngamacalana onke, ngase Yeputa, kwela Bahlambeli nangase Asia. NAKUBANJE sekubonakala ukuba u- Rulumente wa Pesheya kungoku uhlelwe lilishwa lokusuka abe nempambano nezi- uye izizwe ezikulu, yona inyaniso yoko- kuba isizwe sama Ngesi sinamandla kwa- ye kananjalo kungabonakali okokuba ku- ngabako esinye isizwe esingafumana si- ngxamele ukulwa naso, asiyiyo netanda- tyuzwayo. Ne Russia le nangoku ku- ngokuba icinga okokuba ngokuba into engayifumanayo e-Ingilane ekunzima ukuyifumana ngamanye amaxesha, ngo- kukangelake kwezizipitipiti zikoyo apa e-Afrika nalentswela mvisiswano nama Jelimeni nama French. Ke zona i-Kolo- ni zase Australia nase Kanada sezikupe uncedo lokunceda elozwe lisisinqe kwasikolisa kuneneke isizwe sase Ma- ngesini oko, ukubona ukuba kanti maxa lemfuneko i-Koloni ezininzi ezipantsi kwe Nkosazana zinako ukunika uncedo. NAKULE yetu i-Koloni kekwavakaliswa izwi lokokuba makubeko into eyenziwayo eyakubonisa ku Rulumente Omkulu oko- kuba nakule yetu i-Koloni kungalindelwa uncedo, suka lonto yayawa tiwa yaba nga- bandayo amanzi kwangalomoya sikesawa- lata ngapambili koku, umoya onga unga- lutimba amandla, ukub' awunakuti sewu- lutshabalalisa mpela kanye Ulaulo Iwe Nkosazana kwelilizwe. Ukubake amako- wetu ibingabapengululi zinto zasentlalwe- ni ababaz' amehlo bebeya kuwagqwes' im- pela ama Yulopu kwelakowawo, ngokuti bakupe amadoda ukuba aye kunceda u- Rulumente wa Pesheya kulamfazwe ise Yeputa e-Soudan nokokuba kungayipina indlela angati ayinqwenele yena ngokwa- ke. Kungati kwenziwe into enjengaleyo yenziwa zezizizwe zingamaroti nezinga- bafo basezimfazweni zase South Africa apa lonto ingabangela uknba sitandeke kuma Ngesi apesheya, ize ke ngoko abe kapu- kapu ngakumbi ekupulapuleni kwizikalo zetu, babe kapukapu kananjalo ekuzeni kusinceda kwizipitipiti ezinjengeziyake zela Bahlambeli, abate besuka pezulu uku- za kusikusela kubantu ekusoloko batana mbende nemihlaba yetu. Masingakulibali okokuba ziseninzi intili ezintle namari- riwa abantsundu, abapangi abasatandaze- la ukunga ingangawabo, sikumbule kana- njalo ukuba ngu Rulumente wase Mange- sini yedwa onokusigwebela ngobulungisa kumaxa anjalo. Singavuyake ukuva elamakwetu kulenteto. NJENGOKUNGATI ipepa lase Bayi i-Ad-vertiser lifuna ukubonisa ukuba abo ba¬ngene ekudlaleni lomdlalo udume kanga- ka ngelixesha uyi Bola, baka basebenza unangoku basasebenza baye lelela yobom bayinyuka ngentembeko yokuzisebenzela litika lisinike amagama ododana oluntsu- ndu Iwase Bayi obeludlala ibola ngo Mgqi- belo odluleleyo ne club yamagwangqa ekutiwa yi Port Elizabeth C. C., kunye ne- gama lendawo elowo asebenza kuyo.—Le- njenjeke:— Amagama abadlali. Indawo zentsebenzo. F. Makwena (Capt.) kwa Messrs. J. Joseph & Sons H. Pezisa ,, Messrs. W. R. Jecks & Co. G. A. Ross Messrs. W. R. Jecks &Co. M. Foley ' Messrs. Ryall, King & Co. J. Morley ,, Messrs. Poppe, Schunhoff A Guttery. J. Mdana ... ... kwa Messrs. Savage A Hill. T. Klaas ,, Messrs. J. Brister A Co. R.Christian... ,, Messrs. Faehse, Easton B. Swaartbooy A. Mabope ... P. Xiniwe ... A Koster. Mr. J. A. Holland. Mr. W. C. Thomson. (Teacher E. M. School). ABAPETE IZITOKWE kulendlela ka Lo- liwe iya e-Alvani abakayeki inanamhla ukubapata ngqongqo abantsundu abasebe- nza endleleni apo, njengoko siyayo kwela- se Burghersdorp 1-Albert Record ukuba ngo Mgqibelo odluleyo kekwako inkatazo ezikoyo mayelana nomamnkelo ezide za- bangela ukuba amadoda angavumi ukuse- benza. Nokoke kuyanelisa ukuva ukuba Umongameli wabapete Izitokwe wenze indawo yokokuba umsebenzi wona unge- mi nakuba kuko lompambano ikoyo naba- sebenzi. Ilizwe lipela kubonakala kuti ngati laneliswe kakulu kukubona ababa¬ntu bantsundu beyibekela nxamnye imi- kwa yabo emidala yobunqenera nokuso- loko befumana behambanje ngapandle kwento yokwenza, engelisitike ngoko i- Rulumente yalo iyikangele injengengozi yonke into, emisebenzini yakomkulu engati ibabangele ukuba bangavumi uku- sebenza. INYE into, masitembe njalo, ayakuti u- Rulumente, nakuba engazise so intwana ezingati zincinane, ayakuti yona ayilu- mnkele, yileke yokunqumla olulilobo Iwalenqubo ati kwa umnini stokwe aba- nike ukudla ngetyala abasebenzi ze sele- bamba into abayityileyo emalini yabo. U-Firbank & Co., abangabo ngoku abata- te isitokwe sonke salendlela yase Alvani, basinike esosigxeko ngokwaneleyo. Ixa abalolulelweyo lelenyanga ezimbini. Ukucelwa kokolulwa kwaka kwatiwa ku- ngenxa yokuba kuko ingqakaqa pakati kwabantsundu, esendibuye ndeva kwicala endilitembayo okokuba kungokuba ama Xosa akavumanga ukusebenza pantsi kwe- zo zimeko zolohlobo, kuba ngomhla wo- mamnkelo yakupela iveki bebesuka bapu- me ze bangabi nayo nento le abayibamba esandleni. Ukuqalwa kokusetyenzwa kwa- leya iya e-Kimberly kuyakubangela ukuba kutandabuzeke ukugqitywa kwaleya yase Alvani, xanje abantu bona bayakusuka bapume baye kungena kuleya intsha, no¬kubana nayo ibuye yatatyatwa isitokwe- ngo Firbanks. IMPROPER PRACTICE.—A quack doetor's. A WEDDING TRIP.-Stumbling over the bride a train. ANOTHER FORM OF ' Do UNTO OTHERS,' & C. --Mr. Ruskin ig garcastic on the young lady sunday-gchool teachers. 'At present,' he say, 'you keep the dancing to yourselves, and graciously teach your scholars the Catechism. Suppose yon were to try for a little while learning the Catechism your¬selves, and teaching them to dance?'