Title
eng Impawana (IMVO_1885-03-23_i020)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
SubType of Article
eng News Summary
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-03-23
Identifier
eng IMVO_1885-03-23_i020
Word Count
eng 364
Print Page
eng IMVO_1885-03-23_p003
Page Spread
eng 3.2
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
Lixesha lokuqala eli ekungumsebenzi wetu olusizi ukuvakalisa ukuba ama- Africa akowetu oyisiwe kumdlalo we Bo- la ngamagwangqa. Eli bandla loyisiwe- yo leli lizibiza ngetshawe lakwa Tshiwo u-Ngqika lase Monti. Bekuko umdlalo ngo Mgqibelo (14 March) pakati kweliba- ndla nelakwa Loliwe lama Ngesi. Sesi- bulela ukuba ebambene ngokwamadoda noko amakaba lawo. *** Abahlobo betu Amatshaka ase Bayi awa- lamnkelanga icebo esawanika kwezi ' Mpawana ' ngelahleko yemali xa inike- Iwe elugcinweni lo mlungukazi ongeyiyo ibanki ngokwase mtetweni. U-Dabane walahlekelwa yimali yake ngo October ngayo lento; saba abanye bayakufunda. Amatshaka siyaqonda ukuba ngabantu abantloko zitabata kade ukuqonda. Sifu- nda oku kumapepa ase Bayi: ' Kwezi- ntsuku zidlulileyo i-ofisi yemantyi yase Bayi seloko izele zizihlwele za Matshaka zifuna icebo kumantyi ngonicimbi wolu- hlobo: kubonakala ukuba abantu aba- mnyama batembe umfazi we Ngesi ohlala e-North-End e-Bayi bemana bemnika into eninzi yemali ukuba ayigcine, iqala kwi £3 de iye kwi £100. Lemali ibide yaku £2000 eponti ikulomfazi. Lebanki yabo ngoku ite shwaka, akubonakali uku- ba abantu abamnyama baya kubamba ne- nto le kulomali. '' Abasemtetweni bayalinga ngawabo amaqinga kodwa -akukonto itembisayo.' Ziko nje ibanki zase Posini asazi ukuba babetakatwe yinina ababa- hlobo betu ukude bazisotonge ngoluhlobo. *** Kwelinye ipepa umbali owati ukuzibiza ngu 'Mhambi' wateta ngento esicinga ukuba abantu bakowetu bebefanele ukuyityisa. Wati u ' Mhambi ' amadodana antsundu azama ukumisa ivenkile nehotele kwabantsundu akangele ukuxaswa ngamawabo ' kuba umntu ontsundu akalindele ukuba omhlope uyakuza ku- mxasa.' Kanti kukangakananina esifu- mana abantu bakowetu besiti boxolela ukudliwa ngumlungu bona kunokuba igazi labo lidliwe ngowebala labo. Njengohlanga olungxamele ukuma masiqinise ukuxasa abantu bebala letu kuyo yonke into abayizamayo, hakuba singatsho ukuti makungatengwa ku Mangesi, ko¬dwa masikumbule ukuba lo umnyama ukangele kubantu bakowabo bodwa. Lendawo ibanzi. Kucingelwa ukuba i-Palamente iyaku hlangana kulenyanga izayo. Kusemhlotsheni ukuba ku o inyatelo eyakulitabata malungana nomcimbi wokutengiswa kotywala kwabamnyama. Kuko abantu abayakuzamela ukuba ezindawo bezenziwe amabala okuba kungatengiswa tywala kuzo zipeliswe ze utywala butengiswei kuti njehgokuba bekunjalo ngapambili. Kuyaziwa ngokucacileyo ukuba imvo yo- mzi ontsundu, obuselay.o nongabuseliyo utywala bo Mlungu yeyokuba babukweleliswe kuwo utywala. Intoke eyakulunga kukuba yonke indawo enabantu abantsundu yenze umtandazo e-Palamente wokuba utywala bungabi satengiswa kuti bamnyama. Ezi zicelo mazibalwe nga- bafundisi nangabafundileyo abantsundu zisayinwe ngabo bonke abantu zeziye zi- ngumsinga e-Palamente ukutunyelwa kwazo. Okuke makwenziwe kwangoku !