Title
eng Iveki (IMVO_1885-03-30_i012)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
SubType of Article
eng News Summary
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-03-30
Identifier
eng IMVO_1885-03-30_i012
Word Count
eng 1514
Print Page
eng IMVO_1885-03-30_p002
Page Spread
eng 2.1-2.3
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 1
eng 3
Coder
eng Sipile Nqiyama
KWIBALA lezaziso umpatiswa wololiwe ubi- ka ukukutshwa kwetikiti ezitshipu kunene ngelixa le Easter Holidays. IBANDLA Labaguquli be Bible yama Xosa lenze umsebenzi walo okwelixesha ngolwa 20 ku March. Incwadi ezibuye zapengulu- lwa zezokuqala zombini zika Moses, nesiqe- ndu seyesitatu. NgoLWESl-Bini Iweveki edluleyo e-Bur- ghersdorp, inkwenkwana yomlungu ikatywe lihashe yafa kwaoko. Ihashe elo liyikaba belikwelwe li Lawu. IKABA elintsundu lase Bayi likutshwe kakubi ngamagwangqa, kumdlalo webola obu. ngo Mgqibelo 21 March. NGAPAYA kwe Gqili e Fauresmith kuko umlungu obetwele umtwalo ngenqwelo zake epuma nawo e-Colesberg. Kute ngenxa yo- kubitva kwempahla suka kakalala kwafa isi- pani sipela, kwabonakala ukuba makasele- ncamela ukuke ayishiye endle apo enye inqwelo, atuntubeze nganye. ICEBO ]o Rulumente wa Pesheya lelokuba azondelele ukude ayoyise impela i-Mahdi, ku- ti e-Khartoum kumiswe imikosi yama Ngesi. ELASE Dayimani liti ngoku abantsundu ko- na bavuse isiko elitsha lokwenza utywala nge tolofiya, intoke leyo abati inxilisa imbali. NGOLWESI-Bini lwedluleyo iveki e-Burgher- sdorp, umlungu otile wanyatelwa nguloliwe wavuywa umlenze, ote noko sewude wanqu- nyulwa ngamagqira kanti akayi kupila noko. INDODANA eselula abati ngu Sam Baum e- Dayimani imnke nalomlambo bati yi Vaal, olisebe le Gqili. Lendodana ibe isinga ne- nqwelo zayo kwela Bahlambeli, ifike emlanje- ni ngongcwalazi, yatanda ukupumela noko. Ikokeleke yangena, kanti sebeyakuti aba- ngasemva bayibone seyintywilantywileka emanzini, abate bayaputuma bayifumana selifile. IMFAZWE yase Yeputa kokona iya itata amandla amatsha ngakumbi, imikosi ekuti¬wa inayo i-Mahdi ayingangani ukuba miniE-LUSUTU kuvakala ukuba u-Letsiya uhla- nganise umkosi omkulu kunene ukuya ku- lamla idabi elipakati konyana baka Masu¬mpa, nokuya kuxelela ixego elo u-Masumpa ukuba maliyikupe irafu yezindlu. UMHLA wokuvulwa kuka loliwe oya e-Bur- ghersdorp yaba ngumhla omkulu kuloaca- la. Kutiwa uloliwe waye honjiswe ngama- gqabi aluhlaza. KWELICALA langaneno apa, kususela emva kwezimvula beziko ilizwe yinto entle eluhla- za, esuka ikumbuze ngemihla umhlaba wa. kowetu obnsenguwo ulungile. ABAVELA ngapesheya kwe Nciha baxela kwa indlala ekubonakala ukuba iwuzalisile wonke umhlaba. ISANDLA semantyi yalapa u-Mr. Huntly, ngenye imini wanika isigwebo senyanga ezimbini lisebenza nzima, kwigxaxa elalimi- ewe pambi kwake ngetyala lokuba lifumana libadulanje ngapandle kumsebenzi. INANI elipezulu ngehabile apo livakala kona kuse Alvani, apo ihamba kwi 10/ kude kuye kwi 11/ ngekulu. TSITOLA sika Mr. Green wase Alvani sisa. nd'ukoqekezwa. Amasela lawo emnke ne- mpahla ekutiwa ikwixabiso lama £80. ELASE Monti lisixelela ezentombazana yo Mxosa ezibulele ngokuzixoma emqadini we. ndlu ngeqamesi. Isizatu kutiwa, lomntu ubete ngepezolo wangxoliswa ngunina ngo- ku suka atetise ngamandla intwanazana enci- nane yakokwabo. Uleleke ngesingqala esi. njalo akatya nokutya, ekuteke ngentsasa ba- kumuka abantu abakulu wasala ezibulala. KWAKULEVEKI idluleyo enye indoda ngase Tinara yati selekufupi pofu uloliwe yafuna ukuka izive umtsi ngokungxamela nkunqu- mla indlela pambi kwake, koko ite kanti ayi- senawo ongako yasilelelwa. Nokoke isindile kuba ikutshelwe ngapandle kwendlela yi- mpumlo. ELASE Nyara libika ukuhla kwamanani ezinto emarkeni kona ngeveki edluleyo. Iha- bile itengiswe nge 15/ ngekulu lezitungu, nebotolo ebike yanexabiso elikulu liti ngoku ihlile. UMBALELI welase Nyara ose Lusutu unco- ma imvula kwelo, uti amazimba wona noko kobako ukucolacola. NGOLWESi-Ne apa kwa Buluneli esikolwe- ni kuya kubako i-Ti-miti, eyenzelwa ukuba kube nokufunyanwa nkozwana lokufunela umfundisi wabo osatyelela pesheya, umpako. KUNCONYWA ukuba baninzi kwababanjwa e-Katikati, kuba kaloku kuvuswe ne patuloni yokufuna abahleli ngapandle komsebenzi. KAVA Nozidwaba ngenxa yokusweleka kwamatyala okutetwa kugqitywe kwelokuba imantyi ihlale esihlalweni kube kanye ngenyanga, ngo Mgqibelo wokupela enyangeni. UMBONISO wezilimo wakwa Komani kuti- wa ube kapukapu kanye, ngenxa yokuba aku- bangako nto yona ingabukekayo kanye kwi- nto ezikula ngelilanga. U-MBORA um-Xosa obepambi kwe Jaji e- Komani ngetyala lokubeta otnnye kakubi unikwe inyanga zontatu esebenza nzima, umhlaumbi akupe (£10) ishumi leponti. IFAMA ngase Monti abati ngu Mr. Lloyd, livune isivuno sengxowa ezimashumi mahla- nu, siqamo sangxowa nye eso, Olohlobo lwengqolowa bati lolwase Natal. INGQAKAQA kutiwa iyatyikitya e.Xonxa. Uti obalele kwelase Monti izidumbu zabafi. leyo kona azisangewatywa. E-SOMERSET kutiwa imiti ye apile neminye yololuhlobo iseyite qoro ngokutyatya mba. AMAPOLISA akwisiqingata sakwa Komani pantsi kuka Lieut Bailey, enza umsebenzi oncomekayo. Nakuba lusate bembe ulubo asasebenza ukulanda impahla eyabiwa mzu- zu, eselite inkoliso ayifumana kubantu nga- bantu e-Xonxa nase Sidutyini. KWA Qoboqobo kuko ifama elimhlope ela- ti ngokuva kuqorwa ngobusuku entsimini yalo yombona lapuma ukuya kukangela, eli- te lakuti ntla ngawo amasela, aselelilalisa pa- ntsi ngembumbulu. AMAPEPA ama Bulu ngeziveki zidluleyo azele zingxelo zendoda ati ihamba ipilisa abafayo ngemitandazo, nokoke elogqira lo- mtandazo lisate loyiswa zezabantwana izi- kuhlane kuba bona bengekangeni ekwenzeni inkohliso. Itsho i-Cape Argus. E-MATATIYELK kusand' ukwenzeka ingozi embi kunene. Umfazi wefama kwelo abati ngu Fouchee kunye nomntwana bafa ngaxa nye ngokubukuqa kwenqwelo ababehamba ngayo. IQELA lamadoda aweba izikumba kwesinye isitola apa e-Qonce, lafumaneka ngokusuka liye kuzitengisa kwa Keevy, ivenkile eseku- pumeni ngasebolorweni. Ute yena akuqo- nda ukuba zinetyuwa wabiza amapolisa aze awahala okwenene amasela lawo. INTO eninzi yamafama ngelicala ingcungu- zela ukufudukela e-Kokstad, apo ngati ku- seko inyele ngecala lasempahleni. Inxenye selimnkile. Itsho i.East London Dispatch. NJENGOKO kobonakala komnye umhlati u- Mr. W. B. Rubusana ungeniswe ebufundisini ngolwesi-Tatu 25 March. INDODA entsundu yase Tyume ete igama layo ngu Bantman, ebesiyikankanye kweli- dlulileyo ukuba ifunyenwe e-Bayi inengqa- kaqa, iqauke ngolwesi-Ne olupambi kolu Iwa- leveki idluleyo. KUKO amare okungati esinye isisele sama- lahle salanywe kuqolo Iwentaba ezipakati kwe Worcester ne Bo-Bofolo. U-MR. WILLIAM HAY obengumhleli wendaba zelinye lamapepa alapa e-Qonce, i. Cape Mercury, uzakubehle asinge kwelama Ngesi aye kuhlala kwelo. INANI elikulu lama Mfengu ase Ngqushwa lisand' ukugqita e-Rini lisiya kusebenza kwaloliwe e-Dayimani. 1-Journal iva uku- ba kuya kwamnkelwa kulama Mfengu ase Ngqushwa atuakulu asibozo. ABANTU abamnyama base Natal ngase Mvoti abalindele isivuno esikulu sombona, itenjena abanalo lisemazimbeni. Konke kungenxa yokufika kwemvula ixesha seli- gqitile. U-MR. POLKINGHORNE, ongumpatiswa-mali zakwa Rulumeni e-Natal unduluka ngo 10 April esinga e-Ngilane ukuya kupumla ixe- shana. KUVAKALA ukuba u-Letsiya uwufezile u- mcimbi abeye nomkosi ngawo kwa Masumpa. Ugqibe kwelokuba imizi yo Leshoburu noka Masumpa ipatwe ngu Tengo wonke ngoku umzi wase Lusutu uza kuhlaula irafu. KUVAKALA ukuba u-Judge Buchanan wase Rini nenkosikazi yake basazake batyelele pesheya kwelama Ngesi, ngenxa yokungabi nampilo intle kwejaji leyo. INKWENKWE yo Mxosa ebudala bukwimi- nyaka eli 14 ilindiselwe i-Jaji e-Rini, ngoku- suka ibeke amatye kwezintsimbi ahamba pe- zu kwazo uloliwe. Kutiwa lamatye makulu ngokwaneleyo ukuba ayiwise inqwelo yomli- lo. Inkwenkwe leyo ifunyenwe ngumgcini wendlela. PESHEYA kugqitywe kwelokuba kundulu- Iwe amasoldati aku 50,000 ukuba aye kutinta ukungena kwama Rashiya e-Afghanistan. INTLANGANISO yama Bulu ekutiwa yi Bond iqalwe ngo Mvulo, 23 March, e Bofolo ngo ' Hip, Hip, Hure ! ' katatu esenzelwa Inkosazana. NGALE veki idluleyo ingxowa yomgubo e Alvani ibihamba kwiponti enesixenxe esine sikisipeni, eyetapile kwiponti enesihlanu. Zinconywa ukunqaba itapile apo e-Alvani. U-REV. WILLIAM HAY, M.A., B.D., umise- Iwe ebufundisini bebandla lase Rabe lama Ngesi e-Alvani nge Cawa (22 March). Aba- fundisi abebeko ekubekweni kwezandla ngo Rev. Peter Davidson, (wase Kobonqaba) Rev. John Dewar, M.A., (wase Skapu), Rev. John Stirling (wase Mgwali), no Rev. A. J. Pienaar (wama Bulu ose Alvani), no Rev. J. Smith (wase Wesile) apo e-Alvani. Isiyulo senziwe ngu Rev. P. Davidson kumazwi aku Nehemiya,ii, 20. KUTIWA imali abati baya kuyibiza o Fir¬bank & Co., ekumbeni u-Loliwe osuka e-Gqili osinga e-Dayimani iyakuba zi £245,000. KUBIKWA ukububa kuka Mr. Emil Zar- nikow obesakuba ngumnini Hotele apa yase Rini kutiwa yeka loliwe. AMA Jelimeni, into zizalana, awayebanjwe ngo Mgqibelo opambi kwalo udluleyo, ngokulwa edolopini, ehlanganyele i-Bulu, adliwe i-10/ lilinye. U-BUSHMAN indoda entsundu eyabanjwa e-Zeleni ngu Mr. Tessendorf ivuna intsimi yake yombona ngobusuku, unikwe inyanga entolongweni esebenza nzima. INDODA emhlope u-Howell ngegama, isa- nd' ukubalawa yinqwelo ngase Bini. Imba- ngi indoda le ibe inxilile yati kupi yaya ya- wa, yakwelake yona inqwelo ngapezulu. ELASE Bofolo lisixelela ngenene elingu Mr. Holland elasinda emacebeshwini, ngokuti xa inqwelo yalo yayiza kupumela emtantatweni otile ku Nontongwana lime ngeliuye icala ukutintela ukuba inkabi zingayami kakulu, kantike iyakuti enye yazo ekudluleni izipose kuye ipela itsho aye elokohlo, asinde ngoku- bambelela ezicitini ahlangene nazo ekusinge- ni kwake ezantsi. BATI osiyazi namhlanje ngo Mrulo ukumnka komhla kude kube ngokuhlwa, isitunzi somhlaba siyakuyifihla inyanga. KUYA kuvakala ngakumbi nangakumbi indaba ezibabaza intswela-mpilo ko Tshalisi ka Bnluneli. UMONGAMELI omkulu we Standard Bank u-R. Stewart, ohlala e-London, kuvakala ukuba ububile. LENDODA iyeyona ingcatshe u.General Gordon kwi Mahdi, kutiwa yeyona ndoda ebeyitembe kakulu. KUTIWA i.Bishop za Pesheya ebezicelwe yi Rameute yase Natal ukuba zinyule u-Bishop wokutabata indawo yomfi u-Bishop Colenso e-Natal azivumanga ukwenjenjalo. I-BISHOP yase Maritzburg u Right Rev. W. Kenneth Macrorie ubekangelwe ukuba usuke e-England ukuza kwase Natal ngo 26 March. AMAPEPA ase Natal abika ukububa kuka Mr. Herbert J. Nunn, Etshowe. U-Mr. Nunn ubeke wavakala kakulu kwimicimbi yakwa Zulu. U-ABRAHAM MOLETSANE inkosi ya Bataung, engum-Rolong, e-Lusutu. ite ebudaleni bayo yamisa unyana wayo u-Mokhele ukuze atabate indawo yake akuba efile. KUQALA ngomso omnye, 1 April incwadi ezisuka apa e-Koloni eziya e-Transvaal ziyakuhamba ngepeni ezimbini. IMARKE yase Bloemfontein kwelama Bulu iziswele ezinto ezitengwayo. Ngo 18 March, into zase markeni bezinje—Uboya—3d. ne 4d. ngeponti, umgubo 37/6, osefiweyo 40/, ihabile 6d. ne 7d. ngesitungu, itapile 20/- ngengxowa, umququ 10/ ngengxowa. UKUMIWA komhlaba wama Bulu lo awufu- mene kwa Zulu kupumle ekubeni indoda ibe nenqwelo, nenkabi, nepulu, amahashe amabini, isali nemikala, irayifile nezikoti ezi 500. I-PALAMBNTE iyakuqala ukuhlala ngo 15 May 1885. IGOSA lomda opakati kwama Bulu na Be- sutu elise Ladybrand libike ku Rulumeni walo ukuba ngo 10 March umkosi wa Besutu watimba inkomo zabantu kufupi nalomda. Baqube amahashe amabini, inkomo ezintla- nu, ibokwe ezilishumi linantlanu. SIVA ukuba awagqitile kumashumi ama- hlanu ama Bulu akwa Zulu. KUTIWA ama Bulu ase Transvaal ayaqala ahluka kubini. Sekuko akolwa ngu Kruger, nakolwa ngu Joubert. U-MR. T. W. GARLAND, M.E.C., M.L.C , umiselwe ukuba abambele imantyi yase Na- nda e-Natal ngelixa yona ifumene ixa loku. pumla. IMVULA zine kanobom kwelase Dayimani. INGQAKAQA ibikwa e-Van Staaden kuma- ndla wase Tinara. Sekuko abafileyo apo. MBANGI yotyelelo Iuka Captain O'Connor, imantyi yase Mzimkulu, ema Mpondweni kukuya kuqondisisa ngomteto wama Mpo- ndo mayelana nenqubo yabo namatyala oku- bulala. Kambe bekusand' ukubulawa umfo ongu Mfamana kwelo