Title
eng Ezababaleli (imiteto Enzima) (IMVO_1885-03-30_i016)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Bolilitye, Tshananda
SubType of Article
eng Legislations
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-03-30
Identifier
eng IMVO_1885-03-30_i016
Word Count
eng 296
Print Page
eng IMVO_1885-03-30_p003
Page Spread
eng 3.1
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 1
Coder
eng Sipile Nqiyama
IMITETO ENZIMA. Kimberley, March 6th 1885. MHLELI — Kaundifakele lamazwana kwelopepa lako, kumhlana ndikukataza- yo. Impato yabantsundu e-Dayimani apa tina sipile nzima, ngenxa yokusweleka komsebenzi. Singena singenile entolo- ngweni, ngenxa yeso sizatu somsebenzi. Kuba apa akunako ukufumana ipepa loku- funa umsebenzi xa ipelileyo iveki owaka wayinikwa mhla ufikayo. Ngako oko akunako nokuhamba esitalateni ufuna umsebenzi; kanti nokuba uhleli kulonda- wo uhlala kuyo amapolisa olika akutabate akuse entolongweni, apo wohlala inyanga usebenza nzima inyaniso ngokulusizi ukuba akunamali yokuzikupa. Uvanje kunconywa ubuninzi bababanjwa yiyo lonto akuko yimbi igqita leyo apa. Ubu- sela buko kodwa abagqite ababanjwa be pasi. Manditike lento indivisa ubuhlu- ngu entliziyweni, kuba abantu bakowetu betwala ezi tembile zimbi kunenenje nga- la malanga. Abantu bakowetu abalapo e-Koloni mabazi ukuba banomnqweno wokuza apa, lonto ndiyitetayo iyinene ngapandle kwentandabuzo. Ungade uti ngaxa limbi wakucinga uti u-Somandla usinikele umva; xa lamagwangqa ufika esintlokotisa, uti usiya kulontolongo ube use uyinto ebomvu kubetwa. Taru Rulumente! taru Mlungu! Ubusiti xa usibambayo ngapambili sinqena ukusebenza, namhla lonto ayinabunyaniso, bonke abamnyama bapongomele umsebenzi, kuba amalanga abafundisile ukuba mabahlukane nokunqena. Kunjalonje Mhleli kuko into yokuti apa Amamfengu, na Maxosa apuma e-Koloni makanganikwa msebenzi. Kuba kutiwa balumnkile. Ngumzali onjanina lo? onga angazala izidenge zo- dwa. Azaman' ukuti ukutuma abexeshe ngentonga, akabe ngonyawo. Au! ina- ndiyeke. Kodwa akuko mzali unjalo angatshoyo nabanina kulonto ndiyiteta¬yo Mpindini intsundu yakowetu lomfo uligwangqa mfundeni kuba ngiimfo wa- semzini, kendide nditi mna uti ngoku usilumle kwelake ibele. Ubekala ngokuti masizimele ngezetu inyawo ngoku, oko besikasa wasifundisa ukuqingqa. Ngoku ukuba sesihamba, sesibona. Nantsoke into midaka, enikade nizilibazisile nisiti sinobawro u-Rulumente namana ukuzenza abantwana ngoku unilumle, uti ziboneleni ilizwe lipambi kwenu ntozakowetu kalokunje. Ke andinaqinga nam ngokwam ndingaunceda ngalo umzi wa-Kowetu kulento siyenziwayo lu Laulo, kodwa ndinetemba ukuba kwicala lakowetu elintsundu ako amadoda avela uhlanga angalixelayo iqinga lokutotobela pambili kwempi emnyama. Ndiyatshonela apa, ndibulela kakulu ukuba woyifaka lemigcana.