Title
eng Iveki (IMVO_1885-04-08_i016)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
SubType of Article
eng News Summary
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-04-08
Identifier
eng IMVO_1885-04-08_i016
Word Count
eng 658
Print Page
eng IMVO_1885-04-08_p002
Page Spread
eng 2.1-2.2
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
INKOSANA ezintsundu ezikweliya la Bahla- mbeli nezingapaya, kutiwa zintontelana emi. nqubeni ka General Warren ukufuna ukuba zipatwe ngu Rulumente wase Mangesini. NGASE Kapa e-Wynberg kuko inkomo engummangaliso eyati soloko yazibulayo kwaeoloko ite roqo izala amawele ngatnabini ngamatatu, pezu koko apumelela onke noko. U-DR. HOLE ote ngalonyaka udluleyo wa- banibela kwelilizwe ngemicimbi yebandla le Bible, kuvakala ukuba upumile ebufundisini bebandla lase Tshatshi elise Kapa, uzakube. hie asingisa Pesheya. NAKUBA selingati libudlulanje ixesha le. tapile kokona siva ukuba ziya kukona zilinywayo. AMANGESI asc Kei Road siza ukuba ngo Mgqibelo waleveki iparnbi kwale idluleyo adliwe yi club yabantsundu yase Noetnera i-Peelton C. C. KUMBONISO wakwa Komani obungeveki edluleyo aboua bantu bakupe abanye ngento abazibonisileyo ibe ngama Bulu amabini ango Van Gass no Grobbelaar. ISITUNZI somhlaba enyangeni ngesiba be- sibonakele ngokucacileyo ngo Mvulo wedlu- leyo ukuba bekungatanga kukataze amafu. IPEPA lase Kapa i-Cape Argus lincoma ubu. ninzi bento ezingenanto ziyeuzayo, amagxagxa. Lide liti ukuba kuuokwenzeka ngebe- tsbayelwa bonke basingiswe kulandlela imbiwayo ka loliwe. INQAKAQA ayikabiko emzini kanye e-Dike- ni, ngumfazi obenayo ngakona kwifama ka Mr. Amos e-Tyume kutiwa ngoku uyacaca. KUVAKALA amare okokuoa kuko amanaka- ni egolide aboniweyo ngase sikolweni saso Tunxe. NGASE Cumakala kwasa ngamini itile umlungu otile ebona isiqungquluza sendoda ecaleni lobuhlanti begusba zake—efikile ufike xa kanye indoda seyiyoba kubonakala ukuba iyapelelwa rgenxa yokopa. Kufumaneke kanti lisela belize kuba, liwa belikwela elu- tangweni, suka lamisa ngeboso elalilipete kwakulo. NGENXA yobubi bombona otengisayo ngo- ku kulo lonke ungafika kntengwa umgubo. E.BOFOLO ngabusuku butile isela lagqobo- za endlwini yomsiki-ngubo, ngomnqweno wokunga lingake lifumane ezisikiweyo, koko lisuke labehla leviwa lemuka ne ondulubatyi yodwake ngoko. INGQAKAQA ibupela ngoku e-Burghersdorp. SIFUMENE indaba zokububa kuka James Mrobo, utnkokeli omdala wase Nxukwebe, obehlaia kwa Wezo. Ubube ngolwesi-Tatu 25 March 1885. ABANTU ababehliwe yingqakaqa e-Tyume bafuduselwe kwa Mfiki e-Xesi apo sinyange- Iwa kona eso sifo. YONKE impi eyamnkela elipepa iyacelwa ukuba ilese ngelizwi elikulu izaziso ezinge Mvo Zabantsundu ezikwelipepa lanamhla. Bayacelwa ukuba benze imigudu ngemali kwakuyo lenyanga u-April. U-Sir THOMAS SCANLEN no Mr. Sauer ba- kangelelwo ukubuya Pesheya ngazo ezintsuku. U-Sir T. Scanlen ubeke wahambela na- se Italy. Okwangoku ngati bayakufika ka- ncinane emva kokublangana kwe Palamente. U-MR. HEMMING, oyimantyi apa e-Qonce umiselwe ekubeni yimantyi yase Rini enda- weni ka Mr. Huntly opume ngenxa yobuda- la. IMANTYI eza kutabata indawo ka Mr. Hemming apa ngu Mr. W. B. Chalmers owabe- ke eyimantyi yase kayapa ngapambili, okwa Adam Kok ngoku. ABAFUNDISI base Wesile baqalile ngoku ukusinga kwintlanganiso yelo Bandla yonyaka ese Natal. U-Rev. R. Lamplough no Rev. G. Weaver bashumayele e-Monti nge Cawa edluleyo sebesendleleni. ULAULO lwama French obelongonyelwe ngu M. Ferry lupume ekupateni ngokoyi- swa libandla lika M. de Freycinet kumcimbi wokuhanjiswa kwemfazwe yase Tshayina efuna ihanjiswe ngamandla e-Palamente ye- lozwe. INDAWO yobumantyi obukulu base Kokstad kunyulelwe u-Ndabeni kayo. U-Ndabeni obesakuba se Ngcobo. Elinene kambe ngu Mr. W. E. Stanford ngokukumsha. ISIPANGWANA esincinane siwe kulomzi izolo. U-MR. OSBORNE opatele u-Rulumeni wa Pesheya kwa Zulu kutiwa ufunze ama Bulu ukuba ohlwaye u-Mehlokazulu ngokusuka enze intimbo kulondawo igcinelwe u.Rulu. meni. U-GENERAL WARREN akavumi ukupulapu. la izikalazo zetnpi emnyama yase Transvaal eziswa kuye. IPEPA lase Natal i-Witness liti Ikumnkani yama Swazi ibulele inkosana azitile zelo la- yo ngokusuka zitengise imihlaba kurna Bulu. U-HON. J. W. SAUER, M.L.A., wayengati uyakukwela enqanaweni Pesheya ukubuya ngo 20 March. U-REV. JOHN WALTON, M.A., unduluke e-Rini ukusinga e-Natal ngo Mgqibelo odluli- leyo. UKUPULAPULWA kwetyala lika Niekerk kwe- la Bahlambeli bekumiselwe ngo 6 April. AMA Russia ayatembisa kwinteto zawo no- laulo Iwama Ngesi ngalomcimbi wase Asia. U-MASUMPA nyabanyanzela abantu bake ukuba barafe. ULAULO Iwase Transvaal luti alwazi ma- Bulu axobileyo njengokuba beke kwatiwa nbonwe esiya kwela Bahlambeli. IPALAMENTE ya Pesheya iyivumile indawo yokuba ulaulo Iwase Kapa lubolekwe £400000 yokwenza u-Loliwe osuka e-Gqili osinga e- Dayimani. ISITISHI sikaloliwe sase Beaconsfield e-Da- yimani siyakuba sesazulwini somzi. UYIFFZE kakuhle indawo abeyihambele kwa Mqikela ekaya u.Captain O'Connor. NGELIXA angekoyo umfundisi omhlope wa- se Wesile e-Cradock (asinge kwi Conference) sifunda kwipepa lase Cradock ukuba u-Rev. Ben. S. Dlepu uyakushutnayela kwityalike yama Ngesi nge 12th April. IBANDLA elipatiswe ukunqanda ukuhamba kwengqakaqa lase Dikeni ligqibe kwelokuba bonke abaya kulomzi bafutwe bengekangeni emzini. KUKO oselehliwe yingqakaqa kwa Gaga kwilali yakwa Tyala. Uyifumene e-Tyume. IJAJI iyakuteta amatyala e-Tinara 16 April, e-Rafu 18 April, e-Bayi 23 April. Ibe igqibile ogwesisiqingata sonyaka. AMA Bulu asasika ifama kwa Zulu.