Title
eng Ipasi (IMVO_1885-04-08_i017)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
SubType of Article
eng Pass Law
Language
Date
30 June 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-04-08
Identifier
eng IMVO_1885-04-08_i017
Word Count
eng 722
Print Page
eng IMVO_1885-04-08_p002
Page Spread
eng 2.3-2.4
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 3
eng 4
Coder
eng Sipile Nqiyama
WENJENJE ngo 30 June 1884 Umpatiswa Ongapa n t s I Wemicimbi Yabantsundu ukupendula amabandla Omanyano Ngemfundo kwincwadi awayeyitumele ngomcimbi we pasi :— Kube ku' cetywa ukuba kungeniswe e-Pala' mente umteto omtsha we pass ' kodwa elixa anosizi Umpatiswa ' U-DE WET ukuba engasakuba nako ' ukwenjenjalo ngelixa i-Palamente ' iblangeneyo uyakubehle ayicuku' raise into leyo emagquguleni e' Rulumeni.' Baninzi kwimpi yakowetu abaya-kuti nqa yindawo yokuba elixa lonke bebetwele ubunzima ngokubanjwa, nokudliwa, nokuhlaziswa kuba kusitiwa bapule umteto we pasi xa kutetwa into eyiyo akuko mteto unjengalowo bawapulayo. Iyindawo yokutelwa nqa kwakona le yokuba ibe ayitanga itetiswe lento ngabantu belilizwe. Eyona nto ikoyo yiyo le, namteto ngaba uko ezincwadini zesiko lase Koloni ngobekiselele kubantu abengengabo abe NKOSAZANA, oko kukuti abantu abangapaya kwemida yayo: Iona iqaga yinto eyayenzelwe Amamfengu nawo atandayo ukulitabata libe yinto yokuwahlula kwabanye abantu kupela. Ngokupatelele kuninzi olu akuko mteto unjengalo we pasi lumelwe kuhamba ngawo. Kengoko kokona kuza kumiselwa owona mteto we Pasi, u-Mr. DE WET Umpatiswa selemisele ukuwumisela ngale Palamente izakuhlangana. Ekubeni ke lomteto uyakusebenzana nati bamnyama ikakulu, yabeke no Mr. DE WET enomnqweno wokunga angeva imvo zabantsundu kwangawo, simema umzi wonke wakowetu ukuba uwuxoxe lomcimbi kwimiqolo yelipepa. Sikolwa ukuba sivakalisa imvo zomzi xa siti okwezabo iziqu bebengavuya i pasi ipele ka¬nye, kuba iyingcapukiso nesixakaniso. Oku sekuboniswe futi-futi kangangokuba namhla sikohliwe ye- yona nto intsba singayivelisayo. Kumapepa . akomkulu zimfumba incwadi ezibalwe ngamadoda anje- ngemantyi ezikade zipakati kwaba- ntsundu eziyiteteleleyo neziyicasile- leyo i pasi, esiyakutike sesicapula kuyo inteto yetu yokubonisa uku- ngabi luncedo kwayo. Esiyakuku- teta siyakukuseka pezu kwencwadi yengxelo yegqugula elalinyulwe yi Palamente ukuba licedulule ukuma kwesiko elinge pasi eyanekwa pa- mbi kwe Palamente ngomnyaka we 1883. Kulencwadi sifumana u-Mr. HEMMING, oyimantyi apa e-Qonce esisiteti sabengqoboko yokuba i- Pasi le inokupeliswa ze kungenza- kali nantoni ekokubeni ngoku iyi- nkatazo nengcapukiso kwinto eni- nzi yabemi belilizwe. Xa sifuna ukucaca singati u-Mr. HEMMING asi- mntu kungatsbiwoyo ngaye ukuba ngobatanda kakulu abantu abantsu- ndu. Ukuteta kwake ke kunexabi- so kuba kokomfo oteta ingqondo yake kupela. Yena u-Mr. HEMMING ucinga ukuba mayipeliswe kanye kuba inqanda nje abantu ukuba ba- ngayi emsebenzi. Kumbuzo ote wabekiswa kuye wokuba akufanele- kilena kupeliswe ukutanda kwabantu abantsundu ukubadula, ute umfo ka HEMMING ubengatandayo ukuba ubenako wati kodwa mabakumbule ukuba ababantu bantsundu ngabantu be NKOSAZANA benemfa- ' nelo zabo njengabantu abakululeki- ' leyo.' Eyona nkatazo inkulu kwi Pasi ute u-Mr. HEMMING kubanje- zelwa kwabantu kwi ofisi zomantyi apo onobala bengableli bepete intsi- ba zokubala belinde wonke umntu omnyama ofuna i pasi ukuze bame- nzele kwaoko. ' Nam,' ngu Mr. HEMMING lowo, ' nam sendike nda- ' bambezela abantu'intsuku ndibali- ' ndise i pasi, xa sukuba ndingena- ' tuba lokubenzela i pasi.' Esingati ukuba onobala be pasi bebebuzwe lombuzo ngomso lo usayo bebeyaku- ti, ukuba ngamadoda ateta inyaniso, ngazwinye 'Amen' kulenteto ka Mr. HEMMING. Inxwaleko nendleko asicenge kuzo umntu omnya¬ma ngenxa yoku kubanjezelwa azi- teteki. Ngamaxesba amaninzi aba¬ntu bahamba imigama emide, kanti umelwe kusinga kwelinye icala ku- nelo aya kulo ukuze afumane i pasi Besingacengceleza singayeki uku- bonisa ubunzima bomteto we pasi ukuba ungaba njengezazimiselo zo- buralarume zamiswa ngemihla u-Mr. WILLIAM AYLIFF waye ngu Mpati- swa Micimbi Yabamnyama, kodwa sesizivakalisilenje ezona mvo zaba-ntsundu ezibonakala kulenteto ka Mr. HEMMING masiti siyayipeta inteto esizitetelela ngayo. Abacinga ngenye indlela bano- mteteleli wabo ku Mr. J. ROSE- INNES, Umpatiswa ongapantsi we Micimbi ya Bantsundu, oti yena i pasi mayingapeliswa. Yena uti iyakuba li/.aka kumntu kwimiteto enjengaleyo yamadungudwane, eti imohlwaye ubani emfumene ehamba engenayo into abonakala ukuba upile yiyo. Lomteto wamadungudwane awukete mntu mnyama. Ukutike nabamhlope mabahambe nge pasi kungadala isipitipiti esingatetekiyo. Akuca- cile kwakona ukuba i pasi inokumkusela umntu kwinzipo za- lomteto, kuba umteto wamabaduba- du awukoliswa nto ngapandle kwe- nto ebonakalayo adla yona umntu. Abanye bacinga ngokuba i pasi iyakupelisa ubusela. Sewuko umte¬to wokwala ukuqutywa kwenkomo ngapandle kwe pasi yazo. Yabeke nanamlila kuluncedo kwisela ukuya- kucela i pasi ukuze iihambe lifuna izisulu. Okokuba kungaqondwa oku nga Bateteleli be pasi kuyasi- xaka tina. Uhlobo lomteto we pasi olunga- selumiswa kokwetu ukucinga lolu- ngafuneka ngexesha lezipitipiti nezifo ezinje ngozingqakaqa xa u-Rulumeni anga abantu bangeti sa ngokubamba. Oku kungenziwa kwezondawo sazeke zihlelwe zezonto. Kungaluncedo ku Rulumente ukuba, njengokuba kuzakumiswa umteto omtshanje, abantu bakowe- tu bebeyakuwuvakalisa umoya wabo ngapambi kokuba i-Palamente ihla- ngane. Ikaba elinokubala Isingesi esihlambululekileyo linokuzivakalisa imvo zalo kulomcimbi ukuze ama- lungu e-Palamente ahlale ezazi imvo zomzi ontsundu. Abeke amalungu e-Palamente azamnkelayo Imvo Zabantsundu eyakuzifumana ezimvoke zamawetu zinokubaluncedo kuwo xa azakugcakamela umteto ka Mr. DE WET we Pasi.