Title
eng Ezababaleli (isililo Sabatembu) (IMVO_1885-04-08_i023)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
SubType of Article
eng Land Ownership
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-04-08
Identifier
eng IMVO_1885-04-08_i023
Word Count
eng 195
Print Page
eng IMVO_1885-04-08_p003
Page Spread
eng 3.2
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
Ungadinwa, Ungadinwa, Ungadinwa Lau lika abavu, Ndlela zimhlope njengenkowane, Silala ludongeni baloyikayo. Sekumayelana neminyaka emine ukuba andiposisi, sisenza onke amalinga, nezicelo, nezikumbuzo kubawo wetu u-Rulumeni, pezu kwezigqibo ezenzeka xa besisapetwe ngu Mr. Driver, zokutatyatwa komhlaba osusele Emvane waya e-Ndwe pezulu, utatyatelwa uloliwe owayeza ku- singa emalahleni e-Guba, abapati mici- mbi beloxesha badinwa zincwadi zetu, nazinkalo, silila sibuhlungu ngokufuduswa kwetu, eside sanyanzeleka ubuninzi betu ekufudukeni ngenxa yokuba kuti- we ngumteto ka Rulumeni, sayeke simo- yika ukumpikisa kuba elitye elinzima. Ingwevu zakowetu kunye nomfundisi wetu zaluwela ulwandle zasinga e-Kapa ukuya kubika intsizi zetu kwabasipete- yo, u-Tembu wakupa imali zake ukuweza lomadoda, ukuba ubungake ubuze kubafo bo Sauer abebepete ngeloxa, bebengakubaliselayo nabo mhla u-Tembu wapo- sa pezu kwake intlungu zake. Nanamhla sisekwanjalo kodwa ngapezulu kuba si- bonile xa sibe simelene namagwangqa ne mantyi zagula zigulile zintloko kukupendula amatyala pakati kontsundu nomhlope, into leyo eyasibangela intlungu nokungonwabi pantsi ko Rulumeni osipetyo kunamhla. Namhlake umnqweno wetu xa sibona uloliwe engasahambanga yinina Umntan' Omhle ukuba ange aka- Iwazi usizi esinalo ngezindawo nentlu- ngu zetu sisazi ukuba ngenxa yokumela- na namagwangqa, sakuhlwempuzeka, kuba sizidenge tina, lento umzi wakowetu iyakuwucita ukuba u-Rulumeni akayikangelisi, aluvele usapo Iwake olungaba Tembu awubuyisele umhlaba abebe- wuhleli pantsi kwake. TEMBU.