Title
eng Iveki (IMVO_1885-04-13_i017)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
SubType of Article
eng News Summary
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-04-13
Identifier
eng IMVO_1885-04-13_i017
Word Count
eng 494
Print Page
eng IMVO_1885-04-13_p002
Page Spread
eng 2.2-2.3
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 2
eng 3
Coder
eng Sipile Nqiyama
U-MAJOR EDWARD oyinkosana kumkosi ke. General Warren okwela Bahlambeli usinge neqela elitile kwela Bamangwato. Lomzi ngosand' ukungeniswa pantsi kwepiko le Nkosazana. INGXOWA ezipapa ngomoya (balloon) ezise- tyenziswa ezimfazweni za Mangesi ngoku zisezifikile kulemikosi ikwela Bablambeli. Zibamangalisile abantsundu. U-JOHN INGLE & Co. wase Dikeni usesitu- beni sokuyinikela idliwe ivenkile yake. INGQAKAQA izibonakalisile e-Vaalfontein kufupi ne Kleinpoort, kulandlela kaloliwe isuka e-Tinara iya e-Rafu U-REV. JAMES DAVIDSON wase Mbulu ugaleleke e-Kapa ngenqanawa eyi Garth Castle ngolwesi-Ne oludluleyo. SEBEKUFUPI nekulti abongelwa kwisiqiki sengqakaqa kwa Mfiki, e-Xesi. IMVULA ezinkulu zisand' ukuna e-Bayi. UMZI ka Mr. Sawyer wase Nyara obulu- ngiswa utshe wapela ngo 4 April. NGENXA yomboniso wempahla nemashini bebebaninzi kanye Abelungu kulomzi ngale. veki. ASAZI noktiba yinyanisona kodwa kutiwa mababe bakufupi neshumi elinesine abantu abagula yingqakaqa kumandla wase Debe Elukalweni. UMBLELI welinye lamapepa ase Qonce okwa Qoboqobo ukalaza kunene kuba abantu abamnyama nakwindawo ezinengqakaqa be- yekwa bade babe nokungena nakulomzi. KWINTLANGANISO enkulu ebise London patnbi kokuba lostemele wokugqibela andu- luke kugqitywe ukuba isikumbuzo sika General Gordon sibe yi Hospital enkulu eya- kumiswa e-Port Said e-Yeputa. INTLANGANISO zokukumbuza ukufa kuka General Gordon zenziwa kwinto eninzi ye- tyalike nge Cawa yomhla we 15 March e- England. U-HON. RICHARD SOUTHEY, obesakuba li- tshawe elilipakati elikulu lo Rulumeni kweli lizwe ngaparnbi kokungena kuka Sir John Molteno ufike ngenqanawa yokugqibela kwe- lilizwe evela Pesheya apo ebekona ixesha elide. INTLANGANISO ye Titshala yase Nxnkwebe ebingo 3 April ibe yemfucshane kunene. Iqale ngo 3 yapela ngo 5 ukumnka komhla. Akuko zingxoxo zinkulu bezipambi kwayo nenani lo Titshala abebeyile belingeko. Ngo- kuhlwa ibe ngumculo. INTO eninzi yezitora zase Bekesdonp ifungele ukuba impahla yayo iyakutwalwa ngu loliwe kupela. KUTIWA Amabulu ase Transvaal aseleke alunqumla ucingo pakati kwe Ligwa nela Bablambeli. Lubehle kodwa Iwalungiswa. IZITORA ezikulu zase Monti zibunga ukwa- ka indawo yokuhlambela uboya. INTLANGANISO yabanynlwa bedolopu ezi- mele eli lase Maxoseni iyakuba se Komani ngolwesi Ne ukucinga ngeyona ndlela kaloli- we eyakulunga ukuhlanganisu lololiwe usu- ka e-Monti uya e-Bekesdorp nalowa usuka e-Bayi uya e-Colesberg nase Dayimani. Intla- nganiso leyo imenywa ngu Dr. W. B. Berry. UCINGO ngoku selumiswe lwayakuti ga nge Mafikeng kwela Bahlambeli. U-MR. SIVEWRIGHT obesakongamela ingci- ngo use Natal apo ahlola kona ingcingo zelo- zwe. Etnva kotyelelo e-Bloemfentein uya- kusinga Pesheya. Ngati wonduluka kweli ngo June. ULAULO lwa Pesheya lubinqele pezulu lwe- ' nza inqanawa zemfazwe ngamashumi mabi- ni anesixenxe afunekayo. ISIKULU esitile sase Delagoa Bay (e-Putu- keai) sizidubule kweziveki. Sizidubule besi- sifa lecesine. BAKU 811 ngoku ababanjwa kwintolongo yase Kimberley, e-Dayiman. NGOKU inani labantu e-Kapa liku 40,000. U-MR. CLEVENLAND wangeniswa ngo March 4 kwisihlalo esipakamileyo sokuba ngumongameli we United States e-Amerika. UNYANA omkulu we Nkosazana uyakuyi- qala ngaleveki ihambo yake yokuya e-Ireland. NGOLWEsi Hlanu Iweveki engapaya Amatshaka amabini ayesilwa kumzi wase Natal oyi Durban. Enye indoda yabinzwa emlenzeni nase ngalweni ngemela katatu yenye. ABAFUNDI bakunjuzwa kwakona ukuba lixesha betumele inkozo zabo eli zokuxasa elipepa. Inyanga ipelile kwabebeqale ngo January bahlaulela invanga ezintatu, eloninzi ixesha lipela ngo 30 April. KUBUYE kwehliwa omnye umntu yingqaKaqa e-Tyume kwa Amos, Isekumzi omnye Umzi ontsundu uyakuva ngosizi ukububa kuka Rev. E. D. Hepburn, obeke ese Mkangiso, obubele e-Stellenbosch ngo 5 April 1885. Umaneli u-Hebeni ubengumhlobo obebalwela emadabini abantu abantsundu. U-HON. SIR THOMAS SCANLEN nentsapo unduluke Pesheya ngo 10 April.