Title
eng Iliziw E- Middleburg (IMVO_1885-04-13_i021)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
SubType of Article
eng Religion
Language
Date
22 March 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-04-13
Identifier
eng IMVO_1885-04-13_i021
Word Count
eng 177
Print Page
eng IMVO_1885-04-13_p003
Page Spread
eng 3.2
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
22 March 1885. MHLELI,—Ndifuna nkuvakalisa kubantu abalunge naletyalikeyabantsundu base Wesle, ababangazekayo, ngenxa yokugxeka indawo yokubedeshela, ngokuti iyawa; imbi, indala, ilengalenga imiti emidala, abanye inuka ukutya okudala. Andinakupika nezinto zentloko zabantu. Ke namhla nditi ukuba okunene bemnkiswa yilonto, mababuye kuba nge 25 ka March sekubekwa ilitye lendlu entsha eqaliweyo nge 9 ka March. Imini leyo yayinkulu, nayo kwezimini. Aba- ntu ababeko babonakalisa kanye okwenene ukuba akwenziwa nto yamntu. Singati uni- nzi lwatsalwa yinto eyenziwa lusapo lwalo- mzi olwesuka kwindlu epakati edolopini r.po singena kona isikolo okwangoku, lusuke apo lucula, lufalile, abazali ngasemva, luxome i- English Flags. Yasuka yonke idolopu yahlokoma, ukusinga apo yakiwa kona ityalike. Abantu bona babeko ngokwaneleyo abamnyama nabamhlope nama Lawu. Kambe lomzi ngowa Besutu, ngabo abakayo. Kusakuba konke sekulungile libekiwe ilitye ngu Mrs. Carey umfundisikazi, ute xa atetayo kwa- lona lwaye lupetwe ngu Mr. G. Nqana. Into eyenziwa lusapo yabantle kanye, yavuyisa bonke ababeko. Yanga ingeyekwe, kanti noko yayekwa. Ke namhla sibikela izihlobo ezasishiya ezasishiya ngezizatu esizixelileyo ukuba namhla mazazi ukuba into ezazikade ziyifuna yenziw'ake solulindela uncedo lwazo, singavuya ukwamnkela uncedo lwazo, soyibona namhla inyaniso yenu.