Title
eng Somerset East (IMVO_1885-04-13_i023)
Found in Newspaper
Article Type
xho Announcement
SubType of Article
eng Deaths
Language
Date
10 April 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-04-13
Identifier
eng IMVO_1885-04-13_i023
Word Count
eng 168
Print Page
eng IMVO_1885-04-13_p003
Page Spread
eng 3.3
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 3
Coder
eng Sipile Nqiyama
U K U F A O K U L I B H A Q O. April 10, 1885. Njengokuba kusazeka kuye wonke ubani, ukuba. ngomvulo (Easter Monday) ibiyiholide, kubekunjalo nalapa e Somer- set. Kunduluke into zika Bokolo kunye nezicakazazo, zaya kuzingela kumlanjana obizwa ngegama lokuba li Tyinirha. Kute kwakufikwa pi kwavuka imfene emanqina mabini enegama kwa njen- gomntu igama layo ngu James Nyanga, yamisa inyawo into ka Bokolo enci ngem- fakadolo yehlahle ehlezeni yanqunqa amanqe yazakupumela komnye umlenze yehla nawo yapuma ezantsi kwedolo kwapela kwalapo yagoduka inqhina kuba izigqibile itafeni ezikade zigqiba amata- kane egusha oku kude kwafa nemilenzi mibininje. Hai! usizi lukanina nodade bake. Zinyembezi ezingenamsuli; akuko nabani ubabnzelayo kuba kuseloko kwa- suduka ubuso be nkosazana (Queen Victoria) aza amatyala anikelwa kuma- gqweta lapalala igazi ngakunye Hai! ukuba baninzi abahlolokazi abamadoda abulewe zimbumbulu ngexesha loxolo. Akuko zwi kuba aba bulawelwa abane- mali yokuvuza amagqweta. Into embi nantwenizikoyo umka engaxolisananga nomdali wake lomfo ka Nyanga. Akuko lusizi lungango luka Yesu ngenxa yalom- pefumlo ulahlekileyo. Lumka ke ndo- dana ungabaqwa njengomlingane wako lo. Ezababaleli.