Title
eng Iveki (IMVO_1885-04-20_i014)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
SubType of Article
eng News Summary
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-04-20
Identifier
eng IMVO_1885-04-20_i014
Word Count
eng 1051
Print Page
eng IMVO_1885-04-20_p002
Page Spread
eng 2.2-2.3
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 2
eng 3
Coder
eng Sipile Nqiyama
IJAJI iyaknteta amatyala e-Bayi ngolweei- Ne 23 April, ibeke igqibile okwesisiqingata sonyaka. KUTIWA inani elikuln lamakonxwa lizaku- behle limiselwe e-Kapa ukwaka indonga zo- kukuse'.a lomzi kwitnfazwe ezingati zibeko ngolwandle. SIGQIBELE uknva ngeveki edluleyo sebe- mashumi mabini anantatu kubantu bakwa Mabandla asebe bube ngenxa yengqakaqa. AMANENE amhlope amabini ango Hallack no Girdlestone anduluke e-Bayi ngo 23 March esinga e-Kapa ekwele kwivile apa sa- zeke bake bazikwele Abelungu, kutiwa zi Bicycles, afika e-Kapa ngo 10 April. Ake abanjezelwa zindlela ezitnbi. OKO beke kwatiwa uyagula u-Mqikela, inkosi yama Mpondo ngoku kuvakala ukuba ubupila. KUTIWA ngoku bekungeko nyaniso kunteto apa yokuba u-Mr. Osborne ongamehlo ka Rulutneni kwa Zulu, umerne An a ' u ama 200 ukuba aye kumohlwayela unyana ka Sirayo u-Mehlokazulu ngokusuke atimbe impahla kulomzi ka Mr. Osborne. E-BAYI, nge Cawa engapaya kubanjwe umfo abati ngn Pye ngokusuke aqaue nge- mela u-Mr. Boleston u,mpati venkile e-Russel Road, ate xayena u-Pye agqobozela endlwini- ni ukuya kupanga wafumana unminindlu eko. Upateke nzima kakubi u-Mr. Roleston. IMVULA ezinkulu zisand' ukuna kwizitili ezingase Kapa. U-DAVID SOLOMON ulindiselwe ijaji yitna- ntyi yase Prince Albert, kwelase Bolani, ngokusuka ahlahle umntu ng?zetnbe. TSITILI sase Tinara kutiwa ngoku sikulu- '.ekile kwingqakaqa ebike yabikwa kuso. KUBAFUNDISI abantsimdu base Wesile abaye kwingqungqutela ese Tekwini e-Natal ngo Rev. Ebenezer Magaba, wase Rini, no Rev. David Msikinya, wakwa Marela, abayele uku- bekwa izandla yilontlanganiso inkulu. Si- kolwa ukuba o Rev. Jonas Goduka (Kotnani), no Rev. Makhobotloane (Monti) nabo benje- njeya kwangalomicimbi. IZITALI zika Rev. Henry Kayser, e-Hankey zitshe tu ngumlilo nge Cawa engapaya kwa- kunye namahashe amatatu, nenqwelana erailenze mine, nesali nentambo zamahashe ekari, nento eninzi yehabile namashumi ama- bini engxowa zengqolowa. INGQAKAQA ebike yabikwa e-Dauwa ngase Lukalweni Iwe Debe ibize nomritu owaye- vela e-Regu kwa Kama. Umzi lowo ufudu- selwe esiqikini eso yongelwa kuso e-Xesi kwa Mfiki. KUSATENJISIWE ukuba uza kncedululwa umcimbi wokudutyulwa ngengozi kuka James Nyanga ngu Mr. Miles Rowker e-Tye- nera ngase Somerset. AMADODA amatatu asuke e-Xesi kutsha nje aya e-Nyara ahliwe yingqakaqa kwita. ma ka Kulute (Cloete). Asebekwe nxatnnye. U-PLAATYI no May amakwenkwe amabini alindiselwe ijaji yimantyi yase Kofani ngokusuka abeke amatye endleleni kaloliwe absngamwisayo. IQELA lempi yakwa Qoboqobo elikwishumi linandatu lifunyenwe emantla alomfulana unetekeni fentla kwama Esile) ngolwesi-Bini, kanti ishutni eliva ngamntu mnye lonke liyafa yingqakaqa. Igqugula elipete lomzi libabuyisele kwisiqiki sengqakaqa kwa Qo- boqobo apo. Abantu abo bati balambile. KWAMNKELWE imali ekwi £63 kulandawo kwakusenzelwa kuyo umdlalo ngo Mgqibelo opambi kodluleyo. Bedibene bonke ababo- neli ingangabom bebengafikanga ku 2000. AMAJONI akwezi balakisi zase Qonce anduluke ngo Mvulo ukuya kncita iholide e-Monti. Obaveki mbini kwelo. ISTPANI esasivela pesheya kwe Nciba sa. funyanwa sinenkabi ezihliwe ngu manzabomvu ngolwesi-Ne Iweveki engapaya. Savalelwa ndaweni itile ngapandle komzi. Akukabiko sezihliwe kwakona kuzo. AKUNGANGANQWELO ezikoyo kulomzi ezifuna iflara. Kufumareka kodwa zinqabe kakubi ezinye zigoduka zingazifumananga. Amaxabiso okuxoma ehle um'mangaliso. EKUQALENI kwalonyaka kwatunyelwa umtandazo kwi Nkosazana ngamawaka amabini abantu base Natal wokuba lonke ilizwe lakwa Zulu libe pantsi kwayo. Ipakati eli- kulu u-Lord Derby utembise ukuba umcimbi lowo uyakuqwalaselwa lulaulo Iwa Pesheya. UQWITELA oloyikekayo lubeko kwisiqiti sase Madagascar ngo 24 no 25 lo February kwapuka inqanawa ezinkulu zama French kwako nabatshona el wand le. UMTSHAKA udutyulwe ngengozi kwingqina ebise Alexandria County e-Natal ngo Mgqi- belo 11 April udlulileyo. INTLANGANISO ezinkulu zisand' ukwenziwa e-Dayimani nase Rini zibulela inqubo ka General Warren kwela Bahlambeli, kwane Nkosazana ngokutumela imikosi ya Pesheya. IMVULA ike yana apa e-Qonce ngolwesi-Ne olugqitileyo. IJONI abati ngu MacKenzie e-Kapa lizidu- bule entloko nge Cawa edluleyo kwizindlu zawo. IPEPA lase Monti liti kuyatshilwa zintuli kumaqaba aiomandla. AMAJAMANI ngoku angene ekutengeni ifama ezinkulu. Elinye liyitenge nge £1000, elinye nge £12,000 ngase Monti. KWA Qoboqobo kunconywa ukuba mahle kwamatapile. Into engumbona yona ayisakuvunwa. Yonke into ekangelelwe ukulu- nga ebusika isakangeleka, oku kubangwa zezimvula zimana ukubako. SIVA ukuba umanz' abomvu usatyikitya pesheya kwe Nciba. Impi yakona incoma ukungabiko kwemfuyo yenkomo eti yaku- ngenelwe sesisifo umniniyo asale ebalihlwe- mpu. U-SAMUEL MOROKO usese Lusutu. ENQANAWENI ekutiwa ngu Mtata ebise Te- kwini e-Natal ibali loboya liwele umntu omnyama wafa kamsinyane emva koko. NGE Cawa engapaya kwedlulileyo e-Natal umfazi we Kuli untywilisele abantwana bake ababini kwicibi ekutiwa lelase Mbilo e-Natal. Uti ubengxamele ukuba naye atshone kodwa icibi belingenzulu ngokwaneleyo. U MR. W. B. CHALMERS beke kwatiwa makaseleqiniselwa kwindawo yobumantyi obukulu base Kokstad, kodwa akavuma. Sivuya kuba esiza apa. INTLANZI enkulu (shark) ibanjwe e-Zwaartkop e-Bayi nge Cawa edluleyo. ABACULI beramente yase Rabe e-Bayi be- benobusuku bomvnmo ngolwesi-Bini oludluleyo bepetwe ngu Mr. Paul Xiniwe. INKOSI u-Libenya usand' nkwenza utyelelelo Iwentsuku ezintatu e-Barkly East. KWAKULOMZI wase Barkly indoda etile entsundu yayihleli pambili enqweleui, yawa imilenze yaqabela pezu kwentloko kwapela. U REV. Mr. ELLINGHAM wase Ngqushwa : ufunyenwe enetyala lokulieta ipo. . lisa, wadliwa £10, mblaumbi inyanga ezinta¬tu entolongwetii. KUKO inteto e-Natal yokuba u-Mr. F. B. Fyntiey umiselwe kwindawo yokongamek? imfundo yabantsundn kulo koloni. EMA Mpondweni kuvulwe izibnko elitsha lenqauawa ekutiwa yi Grosvenor. Amatshawe elo aye kulivu'a ngu Umhlangazo Faku no Cetywayo unyana ka Mqikela. ABANTU base Kokstad abavutwa sisenzo salo Rulumente wase Kapa ogqibe kweloku. ba abute irafu ngayo yonke impahla eza kulomzi ivela e-Natal. U-TAMANA Umpondo usand' ukubulawa nga Maxesibe apantsi ko Rulumeni. U-Ru- lumeni uhlauliswe isizi ngu Mqikela senko- mo ezimasbumi matatu sezisiwe ngu Captain O'Connor, umantyi wase Mzimkulu. KUFE inkabi ezimbini ngapezulu kweziya zibekwe nxatnnye ngenxa yokuba kufunye- nwe umanz' abomvu pakati kwazo. LE Konferens ise Natal namhla yonga- nyelwe ngu Rev- Richard Ridgill wuse Kapa, umbali micimbi ikwangu Rev. Robert Lamplough. INDABA ezifike zivela Pesheya no Stemele oyi Moor zize kuti ga ngolwa 26 lo March, zibika ulungiselelo Iwemfazwe pakati kwe England ne Russia, nakuba incwadi eyayiya kupelisa inteto yayingekapendulwa e-Russia. KUSAND' ukubako idabi elishushu pakati kwa Mangesi nama Arab e-Soudan. Ipiko lomkosi elipetwe ngu Sir John McNeill lifunyenwe ngama Arab aku 4000. Oyiswa noko, kutiwa kufe kuwo amadoda ali 1500. Kubulewe inkamela ikakulu ku Mangesi. AMA Arab kuvakala ukuba azimisele ukuIwa kude kube sekufeni. AKUKO ndaba zityulu kwela Bahlambeli. U-General Warren usalungisa imicimbi yolaulo Iwase Stellaland nganeno kwelika Montsiwa. INGQAKAQA ibikwa kwifama ka Pringle esesitilini ease Nyara ekufupi kodwa kwesa- se Somerset. IFANDESI elikulu liyakuba se Dhone ngase Cumakala ngolwesi-Ne oluzayo (23 April). U-MR. ROACH obengumongameli we ofisi yeposi kulomzi wabelwe ekongameleni iposi no cingo e Rafu. KUKO inteto yokuba izakubehle ibenye imantyi enkulu yalo lonke elipesheya kwe Nciba elibandakanya o Mitata noma Adamkok nela Mfengu. IHABILE inqabe ngangokuba ingabinakufn- nyanwa e-Mtata. AMAMFENGU akwa Mabandla kuvakala aya- yifihla ingqakaqa—eyona ntoke eyakuyibanga ukuba ingapeli. KUBUYE kwehliwa umfazi yingqakaqa kwifama ka Amos e-Tyume. Lowa ubenayo ngapambili namhla nfile. KUMDLALO webola ngo Mgqibelo ongapaya pakati kwa Mansresi ase Bofolo nekaba eli- ntsundu lase Heald Town. Idliwe i-Heald Town, kumangeno oknqala i-Bofolo lenze 58, kwawesibini 59; i-Nxukwebe 62, awesi- bini 32. Amangesi ati ukubola nokunqanda ibola kwabantsundu kugqite oko bake bakufumana ngelixesha. Impi entsundu isilelelwa ekubeteni ibola. EZIMVULA zinile koma Bofolo noma Komani.