Title
eng Ityala Lika Pelzer (IMVO_1885-04-20_i016)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
Author of Article
eng Don, J. John
SubType of Article
eng Justice
Language
Locations Mentioned
eng Qonce
Date
11 April 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-04-20
Identifier
eng IMVO_1885-04-20_i016
Word Count
eng 526
Print Page
eng IMVO_1885-04-20_p003
Page Spread
eng 3.1-3.2
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
BAPATISWA mteto be NKOSAZANA kule Koloni bayakuqonda ukuba baposisa ukutelekelela umoya wa Mangesi ukuba banokwenza ukuba isikalo selogazi lomntu umnyama. wabulawa kufupi ne Bekesdorp basipelise ngokuti bangasitumeli pambi kwe Jaji. Inyaniso ezabonakala kuqala kwi Cape Mercury, zibanelisile nabangafundiswanga mteto, ukuba elityala ngelalitunyelwe kwi jaji. Kodwa kutiwa ngendawo yokuba olu laulo lupeteyo luxaswe nga Mabulu alunakugweba kakuhle kwindawo ebanga ubuhlungu kwelocala. Into ekoyoke ye-yokuba abantu bafuna kwenziwe imfanelo, abafuni mpindezelo, ba- nyanzela isipola kumpatiswa wamatyala ukuba avakalise izizatu ezimbange ukuba lomcimbi angawubekisi kwijaji mhlaumbi abuye aliyeke litetwe ityala elo. Amapepa angacingi ngokufanayo kwimicimbi exoxw'ayo imihla ngemihla anjengala—elase Qonce, Cape Mercury, ne Journal, elase Rini, ne Advertiser, elase Monti, ne Advertiser, elase Nyara, ne Advertiser, elase Rafu, adibene ukumbongoza u-Rulumeni ukuba ahlambe abantu belilizwe ubungcwalisa babo bubekwe kuye, ngokupelisa ukurana kokuba ukubulawa komntu okumdaka kunokwenziwa kwelilizwe aze urnbulali angohlwaywa. Njengokuba lento selimi ngoluhlobo nje makukunjulwe ukuba ayisayikupelela kulendawo ikuyo, kodwa imiyalelo elukuni inokuvela na Pesheya kolwandle inyanzele abapati apa, lontoke iyakusitoba emehlweni oluntu. Kufanelekile ke ukuba abantu belilizwe bangavumi ukuba nesabelo kulentobeko. U-Rev. J. D. DON, umfundis. wase Rabe walapa ebala ngalomcimbi wosizi, yabe incwadi yake ifanele iviwe ngokubanzi, uti:— NKOSI,—Ndayifunda ngosizi inteto ye Cape Mercury ngeveki ezidlulileyo ngetyala lika PELZER, eyayikoliswe ngokutatyatwa kwincwadi zamatyala zakomkulu. Kwabamhlope kulonteto, manditi U-PELZER wavuma ngokwake, ukuba ubulele umntu ngokumda. ka; wonke umntu ocingayo makabe wabona ukuba wabefanele ukusiwa pambi komgwebi. Kubonakala kodwa ukuba lomntu usahamba pandle ngenkululeko, u-Rulumeni akavumanga ukumsa pambi kwejaji. Inteto zepepa lako zazizezohlobo lokuba u.Rulumeni wayefanele ukuzikangela, oku ikuti cwaka abe uyavuma ubunyauiso bazo. Seloko ndilindile ukuba koda kuvele incazo mhlaimbi inteto etetelelayo esisenzo se Rulumeni, njengokuba kwakufanele ukuba yenje-injalo, ukuba wabengazitetelelayo; kodwa akuveli nto. Kubonakalake ukuba manditi noko intliziyo ingavumiyo inteto yako iyinyaniso, abapati betu bate ngenxa yokusekeleza ukuxaswa nga Mabulu abawuhambisa Umteto. Kuqinisekile ukuba ibingumntu omhlope lo ubuleweyo, urnbulali ubengasakuyekwa lingeviwanga ityala lake mhlaumbi engohlwaywanga. Ukuba mhlaimbi lento abite yenzeka kwesisitili umapuli-mteto ngepambi kwamatyala. Kodwa kumandla wa-Bekesdorp ukuba i-Bulu lidubula umntu omnyatna elotyala maliyeketiswe, u-Rulumeni makale ukwenza imfanelo yake, zekudutywe bonke abantu. Bendilindile ukuba ekubonakaleni kwenteto yako, onke amapepa oti akubona kungeko mpendulo amnyanzele u-Rulumeni ukuba akuguqule oko akwenzileyo, kodwa ambalwa amapepa ayisabelayo lento. Manditi akuko into indenzakalise njengoludukiso lungelulo olobuntu mayelana nomcimbi omkulu ka-mgaka. Kuookwenzeka na ukuba ibe lento iyakubangela kwisituba ekuso ? Akusakuba Benziwa mhlaimbi satetwa ntona ? U-Rulumeni woyekwana enze into ebuhlazo enjena ngokuti angazifezi imfanelo zake, enzakalise into eninzi yabantu engamfanyekiswe kukwahluka kwebala nakusekeleza ukuxa. swa ? Nokuba inyaniso bezingamgwebi njengokuba zisenjenjalo u.PELZER, yena ngokwake ukuba ungumbulali, ubefanelwe kupatwa njengomnye—apendule pambi kwejaji ne juri pambi kolnntu, kunokuba umcimbi wake ugqitywe ligqweta elikulu e-Rini umhlaimbi e-Kapa, ngasese. Imfanelo ayi-sakwaneliswa nayintoni engapantsi kwale, ndiyatemba nabantu abasakwaneliswa nto. Andinguye nowalipina icala ; anditeni nento zolaulo ; andizanga ndaba se Bekesdorp; andibazi abantu bakona, ndingazanga ndivento ngo PELZER ngapambili. Kodwa ndingomnye wabantu abingatwala ihlazo ngesituba senzenzo zo Rulumeni wabo, nomfundisi wengqoboko engacaluli bala, luhlanga neqela ; sindalela isazelo sam ukuba nditi cwaka kwesisono. ' Wenze ntonina ? Igazi lomzalwana wako liyalilela ngakum emhlabeni.' Igazi lalomntu ulusizi lilila pambi kwezulu, ulilileli mbulali yedwa kodwa u-Rulumeni owalileyo ukuba liviwe ityala lake, nesizwe esivumelana nento exinjalo. Okwesam isiqu andivumelani nokutwala ityala lesisenzo. Ukuhla-mbulula isazelo sam ndivakalisa mhlope incaso yesi senzo egameni lika Tixo, lesiko, lemfanelo, nokuzola.