Title
eng Impawana (IMVO_1885-04-20_i017)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
SubType of Article
eng News Summary
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-04-20
Identifier
eng IMVO_1885-04-20_i017
Word Count
eng 714
Print Page
eng IMVO_1885-04-20_p003
Page Spread
eng 3.2-3.3
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 2
eng 3
Coder
eng Sipile Nqiyama
Ndiyaqonda ukuba akuko luswazi buhlungu kubantu bakowetu abangavumiyo ukuhlaulela amapepa abo njengokuba ebanjwe xa bengahlauliyo. Abanye abahlobo bam bebesebekalele besiti abasakubasalitabata boyiswa bunandi (batsho) bepepa. Ndiyavuya ukuti sebebuye bangena. Omnye umzalwana ulila kuba engatunyelwanga ipetshana yedwa lokumkumbuza ukuba ixesha lifikile. Lomhlobo, kakade, akakolwa, akaneliswa kwakona sisaziso esingaba siyafakwa epepeni. Omnye umzalwana ukulele kwapela. Manditi mhlope lemali ibizwa ngelipepa incinane kanye yenziwe ngabom ukubanjalo ukuze irolwe ngabo bonke, irolwe ngexesha ukuze incede. Ongayiroliyo ngexesha—oko kukuti kwangapambili makazi ukuba ayiyifezi indawo yayo yokuhlaula abashicileli, abasebenzi, namapepa nezitampu. Xa bonke beyakuhlaula emva kwexesha wohamba nganina umsebenzi. Mawangalwi amatu ngokubanjwa kwamapepa. Sikumbuzo kodwa. Kuko inkolo yokuba ezityalikeni intshumayelo zintlobo mbini. Ziko ezihambisa umxolo welizwi zona ezingaze kazekani nezenzo zabantu—ezi zishunyayelwa ku Mangesi; ezo zizekazekana nezenzo zabantu nentlalo yabo ezindlwini napandle zezimele abantsundu. Isizatu sokubanje—esona—ndisive ndoyiseka mna ngomnye wamadyakana akowewetu, ote yena akasoze ashumayele ezi kutiwa zipendla ilizwi intshumayelo kwa- bantsundu kuba izenzo zabo zonke zihamba pandle kanti eza Mangesi azibonakali. Yiyo lonto lenjiwanje ilizwi. Mabafihle izono abo bazenzayo nentshumayelo azikudlaesiqwini kubo. Kunjanike? *** Bangake bandicebise na abantu bakowetu ngeyonanto iyakuba luncedo ukupelisa isiko apa elindihlanzisa nokwezolo mna? Nditeta eli likwintsapo vakowetu lokuti xa uhamba ngendlela umane ucelwa'umlilo,' 'uncazwa' zezizilekehlana. ' Ondip'umlilo! ' Ubekiswe kum ndikwele ehasheni ngaleveki idluleyo, ndapantsa ndawa isiduli ngumsiudo ofaneleyo. Obuye watsho kum ndiyeva ukuba ndiya oh, mandiyeke. Lento kodwa mayipeliswe. Ilisiko elibi. Intsapo mayiyalwe emakaya. Yintsapo yamaqaba kakade le yenza oku. Yeyonake esenokuxeshwa ipatelwe intswazi kungabiko nto. *** Lomtandazo kutiwa ubalwe li Bulu elite mawenziwe kuzo zonke iramente zawo ekupeleni kwezinkonzo: 'Sipe ufefe lokuba sibone ingozi esibeka kuzo ngenxa velikwele lobuhlanga linengozi. Njengokuba Inkosi inye, inkolo inye ubaptizo lulunye, emnye u-Tixo u-Bawo wetu sonke, ngamana Amangesi na Mabulu antlizivo 'nye nampefumlo 'mnye ukufuna uxolo, ubuhlobo notando, ze bande Ubukumnkani bako nentsikelelo yamazantsi e-Africa.' Ndifumana ukuba inxenye yempi yakowetu eya kwi Konferens ifikile e-Natal. Le nditeta ngayo ifike e-Tekwini ngo- inkombe oyi Danube ngo April 9. Ama- gama atikileyo avakaliswa kwipepa eli- kulu lase Durban ayakuxaka abalesi. Enjiwenje—Rev. J. Monyantsi,—eli lisa- lungisiwe; Rev. Pawld—loke ngu Rev. C. Pamla ; Captain Feltman—lisalungile; Captain Theodore—lo ngu Mr. Theodore Ndwandwa, mna ndimgqibele engekabi- viyo i Kapteni ; Rev. Miskruiza—lo ngu Rev. D. Msikinya ungu Miss Kruiza namhla; Captain J. Pamla—ukuba u- Jimmy Pamla selaba yi Kapteni na; Asazi kambe nokuba nguye. Oku sikufumana Awi Natal Mercury. *** Umhlobo ose Bayi unditumela ipepa lalomzi elinengxelo yetyala lalankosikazi kwaka kwatiwa kwakwelipepa yemka nento eninzi yemali za Matshaka ase Ba- yi awaveyenze i-Banzi. Lentokazi ngu Mrs. Cathrine Titterton. Olulwabici be- lupambi komantyi wase Bayi ngolwesi- Hlanu olungapaya, Awaviwa amangqina amane awati ayengenise imali ezikwiponti ezilishumi nangamashumi mabi, kodwa awazange azifumane. Lamadoda amenza i-Banki kuba amfumana ekwazi ukuteta Isixosa! Ingesikazi limelwe ngu Mr. O'Brein. abamnyama ngu Mr. Brown. Ityala lisabekiswe kwigqweta le Nkosazana. Indaba eseke ndaziva ngalentlanganiso yabafundisi base Wesile ise Natal zezokuba kuyakubako inguqulo ezininzi kubafundisi abamhlope; noko anditsho ukuba akungebi njalo kwabantsundu. Sebeke babiwa ngoluhlobo:—u-Rev. James Fish (ose Rini) wabelwa e-Kapa, u-Rev. C. Pettman (ose Tinara) no Rev. George Golightly (ose Kapa) babelwe e-Durban, e-Natal; u-Rev. T. A ChalAer (ose Verulem, Natal) wabelwe e-Bayi; u-Rev. W. Wynne (ose Durban) wabelwe e-Kimber- ley ; u-Rev. W. Sargeant wabelwe e-Tinara. *** NgxatshoAe, maledi ;! Lento intombi ifanele ukufundiswa kakulu. Imfundo yawo iluncedo kumadoda nakwintsapo ngendlela ezininzi. Sezimbini ingquva zamadoda afundisiweyo pofu, ebesingazi kankanya ngamagama zaziwe luninzi, zi- ngena kule ofisi ye Mvo zisiti zifuna ama- gama azo engeniswe epepeni. Mna, ' Be- nipina ixesha eli lonke ? ' ' Besingalikatalele.' Mna ' Sizukulwana ndini senyoka. nivuswe yintonina ngoku?' ' Ndi- xaliswe yinkosikazi isuke iti iyalifuna ipe- pa. Kube kwehlani yena ' ipepa le Mvo ngelixelile.' Umfazi undidinisile, andi- fumani kupumla.' Siyazincoma ezintokazi zilwela ukukanya azamana nokukubeka pantsi kwetafile amadoda awo. Lamadodana omabini asand' ukutshata. Ilizwi lomtshakazi asinto iwa pantsi kakade. Bananina abafazana bakowetu bakwenjenje bonke? *** Udatyana eke ndaluva Awakona ngehambiso yentlanganiso ese Natal yama Wesile lolokuba indawo ka Rev. W. Sargeant e-Xesi iyakutatyatwa ngu Rev. E. J. Barrett, ose Kamastone, eyake ngu Rev. H. B. Warner, ose Tsomo, ze eyake ngu Rev. Joseph Start, obese Bensonvale e- Gqili, eyake ngu Rev. G. E. Waterhouse. U-Rev. II. Cotton, ose Bekesdorp uya e- Salem, u-Rev. W. S. Caldecott, uya e-Be- Aesdorp. U-Rev. J. Metcalf uzela Amangesi esi sitili sase Qonce uyakuhlala e- MAangiso. U-Rev. J. P. Back, obelapa e- Qonce uya e-Verulam, Natal, u-Rev. T. A. Chalker obelapo uya e-Bayi, u-Rev. W. H. Price uyawela