Title
eng Ezababaleli (umbuso) (IMVO_1885-04-27_i017)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
SubType of Article
eng Politics
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-04-27
Identifier
eng IMVO_1885-04-27_i017
Word Count
eng 472
Print Page
eng IMVO_1885-04-27_p003
Page Spread
eng 3.2
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
UMBUSO. NKOSI MHLELI,—Kauncede ngalamazwan' am ambalwa. Ndifuna intyilelo kulengxovungxovu ndingena kuyiqonda yezintlanganiso zingaka, ize enye into ndingeva apo zigqiba kona, nento eziti makwenziwe yona. Kum ngati inqu yento ayaziwa, kuba na-semapepeni usuke omnye akale ngenye into, nomnye ngenye into, omnye ukala nge Empire League, omnye ukala ngolaulo lwe Nkosazana, omnye ukala ngengxakeko zayo esiti ngesiyinceda. Ke ndinga ndingazi ukuba ezintlanganiso zitate li- pina isebe? Mna okukokwam bendingatandayo kuqala kekuhlangane inkosi zabantsundu ezinjengo IV. Kama Mabandla, Ulana, Njokweni, Mhlambiso, Zibi, neza Batembu nezapesheya kwe Nciba. Into yokuqala zitumele kule Palamente yelilizwe isicelo sokuba abantsundu bapatwe Pesheya. Isizatu esindibangela ukuba ndicinge ngoluhlobo sesi: i-Rulumeni yelilizwe yoyisiwe kukupata abantsundu, kunokwenzekana ukuba ziti i ' natural enemies' zabantsundu zibe nokwenzela intshaba zazo imiteto elungileyo? Umntu angaba nakona ukwenzela amaramba imiteto eyakuwabangela ukuba ande?_ Nqika amapepa ubone ukuba wozifumanana izibulelo zontsundu ebulela u-Rulumente weli kaukangele kwelezikalazo, enditi ukulibiza lele zililo icala. Ulaulo lwelilizwe lulaulo lobukoboka ;kaupulapule isikalo esivela e-Diamond Fields (apo kuko ababanjwa aba 811) impato yomhlope kontsundu beka e-Cape Town nazo inkosi etolongweni, esiqitini. Kauze kumandla wase Rini ude use pesheya kwe Nciba—uyakufumana inkosi zingo Headman, izibonda igama elitsha elo elingazanga lanikwa mntu kowetu. Kaupulapule isikalo sa Batembu. ukuhlutwa kwabo imihlaba, masendisiti sabo bonke abantsundu ukususela e-Bayi ucande e-Xesi ude uye ema Mpondweni de kube nakwela Bahlambeli, sinyeke esosikalo, kaukangele imiteto yekatsi neyepasi. Kaukangele izigqibo ze jury kumatyala ejaji, xa ide nejaji ngokwayo ixele u-Titus', owati akubona izidumbu zama Jodi, wati ' u-Tixo makangqine esi asiso senzo sam.' Kaukangele ukudutyulwa kwabantsundu ngabamhlope, ndiyakolwa ukuba abantsundu ababuleweyo zimbumbulu zabamhlope bangapezulu kwabalunywe zinyoka. Into embi kuyo yonke lento abanambuzeli cwaka ngati akuko Rulumente kwelilizwe, ukusukela kwinkosi kudekuye kumfundisi nomntu omnyama isikalo sinye, siti esisikalo, idyokwe yomntu omhlope pezu kontsundu inzima, kwi Nkosazana sasitwele idyokwe yomti, kulamadoda sitsala ngedyokwe yentsimbi, kwi Nkosazana besisiti sakona sibetwe ngentambo, kulamadoda sibetwa ngonomadudwane. Into esisimanga kum yile, u-Rulumente unemali ayicitela ukufundisa intsapo yabantsundu, ke into esisimanga yile, uti xa enzela ontsundu imiteto afike amtabate wonke ontsundu njengeqaba aze enze imiteto engenakunyanyezelwa ngofundileyo mhlaumbi ngogqobokileyo, kupela inokunyanyezelwa liqaba, enye into asinto ayaziyo ukuba lemali amana ukuyirola irnihla ngemihla mayibe yenza abafundisi ozitishala ozitoliki obabali njalo-njalo. Abantu abafuna umteto omnye nabamhlope ngqe, hai umteto uwodwa owabantsundu bonke, nawo usekwe pezu kwesimo seqaba. Ngalo lonke ixesha esipantsi kolulaulo asisayi kuba luncedo nase ziqwini zetu nakwilizwe esikulo, nakubantu esipantsi kwabo. Mhlaumbi ukuba esinye sezizwe ezifundileyo njengama Jamani besiya kutumela imikosi yaso kumacweba Omtata no Mzimvubu, umntu omnyama ebengafunyanwa elungilena ukumelana nokurelelana namajoni afundisiweyo ase Germany? Njengokuba Inkosazana ingalwamnkelayo uncedo oluvela kwi colonies, ingaba luncedona ukutumela imikosi ya Maxosa na Mamfengu, eyagqibela ukupata umpu ngexesha lika Sir John Molteno. Kwaye kunjalonje nangeloxesha bengazange baqeqeshelwe kulwa. Ndicinga mna ukuba ukutumela imikosi ya Maxosa na Mamfengu e-Jeputa ingaba kukumosha igazi, nokukaulezisa imipefumlo ukuyisa esihogweni pambi kwexesha' Linye izwi lam nditi, i Colonial Government yase South Africa yoyisiwe kukulaula abantu abantsundu, ngoko kufuneka abantu abantsundu becele ukuba babuyiselwe kwase lulaulweni lwa Pesheya.