Title
eng Amafama Antsundu Ase Kubusi (IMVO_1885-04-27_i020)
Found in Newspaper
Article Type
xho Organization
SubType of Article
eng Farmers
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-04-27
Identifier
eng IMVO_1885-04-27_i020
Word Count
eng 322
Print Page
eng IMVO_1885-04-27_p003
Page Spread
eng 3.3
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 3
Coder
eng Sipile Nqiyama
Intlanganiso yenyanga zonke yangena ngosuku lwe 15 April 1885, ngexesha lesi- xenxe. Intlanganiso yavulwa ngomtandazo ngu Mgcini-sihlalo, u-Mr. J. Hlengezele ; we- suka u-Nobala u-John Lokwe wafunda ingxelo yentlanganiso egqitileyo. Amalungu ayeko ngo Mr, J. Mtyapi, M. Mabuya, Z. Sondishe, S. Mtandeki, N. Mkapa, M. Kumalo, A. Mabuya, Z. Mgoboli, M. Mabuya, K. Ngcango, B. Birt, J. Sihlali, J. Daweti, K. Betela, H. Betela, J. Mabuya, David Mabuya, J. Tshwete. Wesuka u-Mgcini-sihlalo wati, namhla- nje silapa, singomcimbi we pasi, apo ku¬ko isicelo sokuba kuviwe imvo zetu. Kwesuka u-Mr. Z. Sondishe, wabonisa 'ilungelo elenziwe yintlangauiso, kuba namhla sinokugawula ehlatini singarola- nga mali. Wabonisa ngokurola ipepa lesiqiniselo sokugawula, laza lafundwa ngu Nobala. Wesuka u-Mr. J. Mtyapi wabonisa ukulunga kwe Mvo Zabantsundu, kuba namhla sinendlela yokuteta no Rulume nte ngayo,. Wesuka u-Mr. I. 'Tshwete wabonisa imfanelo enokwenziwa yintla¬ nganiso ukuze iye iba nkulu ngokuba nkulu. Wesuka kwakona uMgcini-sihlalo wati, kaloku masiqube umcimbi esingawo apa. U-Mr. J. Mtyapi wacela ukuba u-Nobala afunde Imvo malunga ne pasi ekute kwakugqitywa ukufundwa besuka abalo bo M. Mabuya, D. Mabuya, S. Mtandeki nabanye, yazake intlanganiso yagqiba kwezindawo: I. Kuluvuyo kuti ukuba sifumane eli- tuba lokucaza imvo zetu malungana ne pasi. Siyavuya kakulu ke Mhleli wepe- pa lendaba, ukuba ute wasazisa ukuba masipose amazwana kwelipepa. Ke siti kukade sidliwa, sibanjwa sibetwa ngezabokwe ngamapolisa ngenxa yalepasi, ka¬nti ayimteto ka Rulumente; sitike ku- ngaluvuyo site sakululwa kobubukoboka bepasi. Kuba kaloku Mhlekazi kukade sikonza kuwe, besifanele okokuba na- mhlanje sitembeke njengabantwana be Nkosazana, sitshoke siti sincede usikulu- le kulomtwalo wepasi. II. Kukaninzi sidliwa £1 ngenxa yale pasi, 10s. or 5s. kwangobubusela sibiwa ngabo, ke zininzi izizatu esingabonisa ngazo. HI. Kunjalonje akumfundisi esiya ku- fundisa abanjwe, kubonakeleke sekusi- ma lontshumayelo. Akutitshala isiya kufundisa ibanjwe ngenxa yalepasi. Akunene lisiya efameni yalo, libanjwe ngenxa yale pasi, ke selenguwupina umntu ka Rulumente wokukaulezela umsebenzi. IN. Kwakuboniswe ukuba ipasi ize kupelisa amasela, kanti hai, akunjalo, ize kubukutaza kanye, kumaxa amasela aba- la inkomo zabanye abantu, nangapandle i kwenkomo ezo, ahamba ngegunya loku¬ba ane pasi, ke kuti akufanele ukuba sihambe ngepasi.