Title
eng Imvo Zabantsundu (IMVO_1885-05-11_i017)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
SubType of Article
eng Seminar Report
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-05-11
Identifier
eng IMVO_1885-05-11_i017
Word Count
eng 655
Print Page
eng IMVO_1885-05-11_p002
Page Spread
eng 2.3-2.4
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 3
eng 4
Coder
eng Sipile Nqiyama
I LOVEDALE NGO 1884. AKUSAKUMANGALISA bani ngalamaxesha mabi ukuba ingxelo yale Seminari inkulu eyonyaka odluleyo iqale ngamazwi ati ''kwamanye amasebe omsebenzi 'oqutywayo, kuko ukuqubela pambili okubonakalayo, kwamanye ''ukubuyela emva.' Ihambelo pambili, itsho ingxelo, ikwicala lemfundo, ukubuyela emva kakade kukwicala lamashishini, ekukuwo lembandezelo ikoyo ite yazibonakalisa. Yinto kodwa ebifanele ukukolisa abapati besikolo, neyakubakolisa abangabahlobo babafundisi kumzi wakowetu ukufumana ukuba indawana ezite zabanga udano kumasebe anjengawemfundo nawamashishini, zenzelelelwe ngokungapezulu ziziqamo zokusebenza komoya ka Tixo eziyiyona nto ijongwe yimizamo yabafundisi kwelilizwe. Ngezi ziqamo iti ingxelo epambi kwetu ''lo-mnyaka ube neziqamo ezingape' zulu nakwezaupina ongapambili.' Abo baqeqeshwa njengati ukuba babeke ixabiso elidluliseleyo kwimicimbi yakwa Tixo kunakweye hlabati nengeyiyo eyasempefumlweni bayakuwubala lomnyaka udluleyo njengomnyaka wetamsanqa we Lovedale. Kufaneleke ukuba u-Dr. STEWART nowabo bomelezeke baqubele pambili emsebenzini wabo. Njengokuba senjenjenje ukuyigqwatulela inteto yetu siyakuti ngomzimba oziyekeleleyo sifeze umsebenzi wetu kubantu bakowetu ngemfane- lo, sinetemba ukuba akusakubako uyakusiposisa ukusiva ati eli ligalelo lotshaba. Iti lengxelo yakukova ukuvakalisa indawo ezipokeleyo zebambiso yomsebenzi ngonyaka odluleyo ibehle ingene nzulu '' kwingxoxo engemfundo,' eti kuyo icalule inteto ngenteto zamadodana antsundu afundisiweyo. U-Dr. STEWART uwutabata lomcimbi ngendlela ebanzi ebonakalayo, esingati, xa sipendulela umzi. awusakuba namadlala uwake- tayo kwinteto yake. Uti u GQIRA ' kuko umoya okulayo pakati kwe- ''nxenye yomlisela ofundisiweyo, ' oti—Lemfundo inikwa abantsundu ' ngoku ayipakame ngokwaneleyo '' ingaxande ngokwaneleyo. Eli- ' kaba liti abafundisi notitshala ba- ' bo bafumana imfundo epakamile- '' yo pesheya ayibanga luncedo luni '' na kubo. Ze batike nati apa ma- 'sifumane kwalomalungelo.' Na- banina wobona ukuba lenteto yeye- ntsapo ezisesikolweni kupela. Ku- mfaneleke u-Dr. STEWART ukuwu- kumbuza lomhlambi uba wona uteta inteto yengqondo ukuba uyalibala ' ukuba imfundo enjalo ilitamsanqa ' labambalwa kanye kwelase Yuro- 'pu, nabangapezulu kweli—yabeke ' indawo ingeyiyo eyokuba yintoni- ' na elungele abambalwa, kodwa yi- ' ntonina efanele uninzi.' Siyato- nyalaliswa kunene kukufunda inte¬to ayaleka kule u-Dr. STEWART yo- kuba ' abambalwa ababonise ukuba ' banako, benawo nomonde nobuntu ' banokwenzelwa amalungelo anga-, wambi, sivuya kunene ukubenaela u ituba. Kwanabo banako, belu- ' ngele ukuhlaula, eyona mfundo ' inkulu enokunikwa apa e-Koloni ' baya kuyinikwa ngapandle kokuba ' kucaluhce ibala.' Lenteto ibekwe ngamfakamfaka siyibalula kuba ku¬ko inkolo yokuba kwingxoxo ebeziko ngonyaka odlulileyo bekubonakala ukuba inteto isekwe pezu kwebala. Siyavuya kakulu ukuba ete u-Dr. STEWART mayelana ne Lovedale wabonisa ngohlobo olungasakushiya matanda ukuba ibala ligwetyiwe. Lomcimbi wemfundo uqukunje- Iwe ngamazwi ambalwa okwalata eyona nto ijonge kuyo i Lovedale kwimfundiso yayo, ekutiwe ' yalate ekupumeleliseni intsapo ngokunco- ' mekayo kuviwo lo Titshala.' Uni¬nzi oluyicase kanye imfundiso yomnyama oluti ukunywalazisa abantu Iona lunga ontsundu angafundiswa ishishini, lupendulwe ngokuzeleyo ngalendlela emfutshane neyengqondo, ngoluhlobo : ' umsebenzi ofanelekileyo nobonisa inyameko unokulindelwa unokufunyanwa kubasebenzi abake bafundiswa sona isi ' Ngesi namasebe okuqala emfundo. ' Kubunqaba ukuqeqesha umfana ' omnyama eshishinini ngapandle '' kwale mfundo.' Xa ewazisa umzi ingxelo yo Mhlo- li-Zikolo yonyaka odluleyo uti u-Dr. DALE ngebambiso ye Lovedale, ' umsebenzi we Seminari ngowane- ' lisayo kanye.' Lema ngoluhlobo ikaba eluviweni lo Mhloli: udodana olwaviwayo Iwaba 183; Iwema ngo-luhlobo : kwinyatelo elipambili la- kwa Rulumeni (Stand.) v. 13, iv. 57, iii. 63, ii. 34, i. 14, umququ ongapantsi 2; kwese ntombi v. 6, iv. 12, iii. 44, ii. 18, i. 17, abangapantsi 5. Abapumelela imviwo ezibalulekileyo, ezinjengolwe Titshala yinkwenkwe enye eyapumelela ngokuncomekayo, bane abapumelela kodwa, kutiwa kwakona ababini abange- ntsapo yase Lovedale abancediswa ngomnye wotitshala bapumelela uviwo Iwe Bandla lemfundo Enkulu. Ngawo wonke unyaka intsapo eyayipakati kwamasango esikolo amadodana nentombi yayi 385, kweli- nani ama 30 yayingama Ngesi. Intlaulelo yemfundo yintsapo yahlanganisa £1867, kwelinani ama Nge¬si emi ne £500. Nyaniswana zimbi zengxelo zingakangalelwa ukuba zi- nexabiso kwabapakati kwemida ye Sikolo, ukuba kodwa besingaziqwa- laselayo bezingabonisa ubukulu bo- msebenzi owenziwayo ngonyana ba- ma Skotshi, kodwa kwinteto emise- Iwe imida njengale kwanele kodwa ukuba zikankanywe zishiywe. Esinye sezenzo ezipuhlileyo kumsebenzi wonyaka zizinto ezazenzelwe umboniso zisenziwa likaba lakowetu elifunda amashishini—ezabeta zamangalisa bonke abelilizwe, zabanga ukuba ababengakolwa ukuba ontsu¬ndu unokwenza into yobuntu, bavuma bengabuzwanga ukuba unako, into ayifunayo yingqeqesho. Kuninzi osekutetiwe ngoku ngapambili. Kodwa ekubeni senjenje ukuzipaula ezona ndawo zizintloko zengxelo masigqibe ngokunqwenelela isikolo umnyaka olungileyo wentsikelelo.