Title
eng Imvo Zabantsundu (i Palamente Ezayo) (IMVO_1885-05-11_i018)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
Author of Article
eng Yengeni, Nkohla
SubType of Article
eng Politics
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-05-11
Identifier
eng IMVO_1885-05-11_i018
Word Count
eng 441
Print Page
eng IMVO_1885-05-11_p002
Page Spread
eng 2.4-3.1
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 3
Print Column
eng 4
eng 1
Coder
eng Sipile Nqiyama
IPALAMENTE iyakuqala ukuhlala ngolwesi-Hlanu oluzayo, 15 May xa ayakuti Umhlekazi u-Ruluneli, nje ngasemihleni, afunde inteto yokuyivula eyakuba ilungiselelwe ngamapakati ake. Lonteto kakade iyakuvakalisa into eziya kwenziwa 1ibandla elo lingumlomo wabantu belilizwe. Tina ke siteni kakulu nemiteto emitsha eya kubekwa pambi kwe Palamente lipakati elipatiswe imicimbi yabantsundu. Imicimbi mibini esibuqiniseka ukuba iyakubekwa pambi kwebandla lelipakati esiya kulindela ukuba ikankanywe kwinteto ye Ruluneli. Ngumcimbi wepasi, nowo laulo Iwa-pesheya kwe Nciba. Seke sawenza awetu ngowepasi umcimbi. Ontsundu umzi uzwinye ngendawo yokuba ipasi ingafuneki, iyingcapukiso kodwa. Ucinga ukuba umteto ongokuqutywa kwenkomo nowama dungudwane wanele ukupelisa ukuti sa kwabantu abangeni. Uti Amasilamsi, Amalau, nabanye abanetamsanqa lokuba amabala abo angabimnyama abahambi ngapasi ; ezintlangu azitangake ngoko nakuba zinge zinyulu, sebuba bobazo ubusela. Bati njengokuba ibikonje ipasi ayibupelisanga ubusela, isuke kupela yakonxa abantu abamnyama abafanelekileyo ekukaulezeleni imise- benzi yabo. yabahluta inkululeko aba- nayo njengabantu be NKOSAZANA. Ekubemke umteto omtsha ka Mr. DE WET ungekabengezwa lamanqaku asanele. Ngomcimbi wolaulo Iwapesheya kwe Nciba, kutiwa umteto omtsha uyaku- sekwa pezu kwezigqibo ze Bandla laba Picoti bamasiko nemiteto yabantsundu, ezabekwa pambi kwe Palamente ngo 1883. Nakuba sicinga tina ukuba amapakati alaulayo awalungisanga ngokuti lemiteto mitsha angayaneki pambi komzi ibe ixoxwa ngenxa engapambili, sicinga ukuba ayakuba abamba ngeyona ndlela ukuba acancate pezu kwalengxelo kupela. Eyetu imfanelo siyakuyifeza wakubo-nakala umteto omtsha. Zizo ezi kodwa intloko zengxelo mayelana nepesheya kwe Nciba 'umteto uyakucatshulwa ikakulu kowase Koloni ' uyekwe ongalungileyo nakuwo,unga' tshatyalaliswa kupele kodwa otile 'wabamnyama olungileyo nabanko-teleyo kuwo.' Lemitetoke iyaku- hanjiswa ngapandle kokucalula ibala. Umteto wohanjiswazimantyi, izigwebo zazo ziye pambi kwejaji eya kumiselwa kwelo. Kulo ofisi amatyala ayakupulapulwa zijuri ezingasaku-nyulwa ngenxa yebala, kodwa ngoku-qonda nesimilo. Ulaulo luyakuba sesandleni se Ruluneli eyakumiswa lulaulo Iwase Kapa kwanebandla labantsundu. la zizixekexeke oziwalinge onke amatuba kumawetu, akawasa neso elinye lengqo- ndo. Kungumangaliso kum ukuba u-Manya- no Ngemfundo luti asikabixesha loku- nyanzelelwa kontsundu emfundweni, ka¬nti ngonga angatshabalala ontsundu ku- lento ayiyo, ongateta lamazwi alontlanga- niso yo Manyano Ngemfundo, itete into etetwa ngama Bulu noninzi Iwabamhlope olucasene nemfundo yontsundu. U-Captain Veldman Bikitsha indoda anga u-Tixo angake ayilondoloze yonke into unyanzelela emfundweni ontsundu nganeno apa kwe Nciba. Ukuba ufuna nkubona into entle yiya Ezazulwana ku- mfo ka Bikitsha. Pambili Zazulwana I Uninzi Iwambete ingubo yobuze. U-Rev. R. Birt, no Rev. P. Masiza waka wayiteta lento. Hina, madoda, o Manyano Nge¬mfundo ! Gxebe kanitsho ibenye into kum apa! ate u-Rulumente nabafu- ndisi kwabantsundu, ndimisa oku noku- ya, ukuba nikwenze, kodwa kusenta- ndweni yenu ukwenza nokungenzi! Nawe Mr. Tyamzashe, lendawo wayi- ngenisayo entlanganisweni wawungayi- cinganga nzulu, kuba usiti woyiswa, we- va; ungatsho ukuti andivanga, ukuze kuzo zonke intlanganiso umana uyiti nti kancinane ude uye ekufeni umana uyiti nti kancinane. Yicingeni kwakona lu Manyano Lwe- mfuirdo, izikolo zisekuvalweni zonke ngoku. Kuba ngati lisikabile Ilizwi endleleni yalo. Ndizibambile mawetu nqi tu. Cingani zitshaba okunye.