Title
eng Unkontelo Etshobeni (IMVO_1885-05-11_i019)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Umkoloni Omdala
SubType of Article
eng Poverty
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-05-11
Identifier
eng IMVO_1885-05-11_i019
Word Count
eng 374
Print Page
eng IMVO_1885-05-11_p003
Page Spread
eng 3.1
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 1
Coder
eng Sipile Nqiyama
NKOSI MHLELI,—Kaundifakele lama¬zwi ndifuna ukupendula amazwi asepe- peni lako, ati 'uncedo Iwenkomo' abe balwe ngu Mkoloni. Manditi kulungile kakulu ukuboniswana ngalendawo. Aku- ko mntu uti makulahlwe umhlaba, kuti- wa makusetyenzwe umhlaba. Abantu abantsundu banikwe iziqiti njengase Ngqushwa, e-Singqengqeni, e-Nxukwebe e-Tyume, e-Xesi, nakwizibaxa ze Qonce njengase Mgqakwebe nakulo i-Hewu. Lemihlaba bayinikwe ngu Rulumente. Bayinikelwe ukuba bafuye impahlaua elula? Bapile ikakulu ngokulima. Ba- suke bati bakubona abantu bakowetu impahla ihluma bapikela ukufuya impa- hla ngokukodwa inkomo. Namhlake umhlaba uxinene, inkomo iyafa yindlala ihamba ezikiti lemihla, selide yangene- Iwa zintlobo zonke zezifo, kuba ilamba umhlaba uxinene kakulu. Kanye umntu ezilalini njengase zidolopini makanga- gqiti kwinani elitile. Inkabi ezine ne- mazi ezine, nehashe elinye, kwanele ku- mntu omele lemihlaba ye Location. Ongezeke ngeqelana legusha nebokwe. Imfuyo yomntu ihamba ngamasimi ana- wo. Kuba lomhlaba ucandiweyo idlelo lawo lilingana namasimi. Lento indlala ingakanana kuti bantu bantsundu, umhlaba siyawunqena uku- wulima kakuhle. Abelungu nonyaka nje bazuze indyebo enkulu yengqolowa kungeko mijelo yamanzi. Ama Jamani leminyaka avuna izikwebu zombona ezi- bonxileyo, xa tina bantsundu kungeko negqagqa eli entsimini. Xa nonyakanje amadoda antsundu aqeshe kwifama zabe Lungu avune ingqolowa eninzi, ku¬ba ate awunyamekela umhlaba, kuba eyakubizwa imali. Lentoke umntu ontsundu angazuzi nto emhlabeni, we- nziwa kuba akawusebenzi. Kudu me kuti bantsundu ukuba into ecumisa umhlaba ligaba kune puluwa. Kunya- nisiwe, kodwa isizatu soko nasi: ubesiti umfo olima ngegaba intsinde ayikubele kuqala ivunde, liti nokuba lifusi alikube- le. Namhla umfo ucela amakwenkwa- na aye kupala entsindeni ingakutyelwa- nga ahlwayele imbewu. Akufika efusini uhlwayele ngapantsi, kulima amakwe- nkwana esoyiswa nayipuluwa, nenkabi ziwadelile. nawo engakwazi nokuzinqa- nda kakuhle, zingakokelwe mntu. Ba- mbalwa kalusizi kubantu belali abakwa- ziyo ukulima umhlaba. Inxenye yaba- ntu bakowetu ipikele ukutenga onoxesha bezikali zepuluwa ezibe zisetyenziswa ngama Jamani, ange kumfazi wake uye kutenga isikali evenkileni nge 2s. 6d. ka- nti wotenga eseke sasetyenziswa li .Jama¬ni nge 1s. 6d., eseleyo imali iyekwelicuba lingamanzi kutiwa ngoku yi Biya. Uhla- ngana namanye amakolwane egoduka ete ntshi ngomqala lebotile emnyama, k n- tiwa ngu swartyi. 'Upete nina wetu?' batsh' owabo. ' Hayi ' atsho unkabi, ' le- botilana uyibonanje benditunywe ngu- mfazi ukuze ndimpatele i-palafini ukata- zwa ngumntwana ebusuku.' Kanti unkabi ubabopa nje. Kumfazi ayisaku- vela lobotile, kotiwa imali sitenge ngayo yonke isikali. Wakufika umhla woku- lima koqweqwediswa ngale nkunyevu yesikali, engenakulima nzulu, zibuye inkabi kusitiwa kulukuni.