Title
eng Imvo Zabantsundu (IMVO_1885-05-18_i033)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-05-18
Identifier
eng IMVO_1885-05-18_i033
Word Count
eng 905
Print Page
eng IMVO_1885-05-18_p002
Page Spread
eng 2.5-3.1
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 3
Print Column
eng 5
eng 1
Coder
eng Sipile Nqiyama
IMFANELO. KUK0 impawu ezininzi eziboni-sayo, nakuba eziquba lumbi uhlobo zikoyo, ukuba uninzi, ngakumbi olufundileyo ku Mangesi lufuna ukuti ngoku imicimbi epatelele kumntu ontsundu luyiqube ngendlela efanelekileyo, luzo luti nokubapata abantu abamnyama lubapate nje-ngabanye abantu abanengqondo, aba- nemfanelo emazingafumane zoniwe. Kwakuzo ezintsuku lisand' ukwenza inteto ende ipepa elipambili lomzi wa Mabulu, abati yi Het Volksblad (igama esingalikumshela kweyakowetu inteto ngokuti Lilizwi Lomzi) ngendawo yokuba ufanele ukupulapulwa kwakona umcimbi wendoda apa u PELZER ekutiwa yadubula umntu ontsundu e Bekesdolop. Inteto yalo iyakanya, ihamba emfanelweni, imi-poqo ; sitomalala kunene ukuva ukuba i Het Volksblad ilwela imfanelo yodwa—lomfanelo ingatumani-manzi nenkululeko ayitandayo wonke ontsundu, inkululeko ongeva ezingca ngayo owa Pesheya kolwandle opantsi ko Mntan' Omhle, ati ibubuzibulo bake—konkeke oku ngomcimbi opatelele ekuhlutweni komntu omnyama ubom bake. Inteto ekwi Het Volksblad iqukunjelwe ngala mazwi: ' Lihlazo elibi ku Rulumeni ukuba ' ete ngohlobo olumdaku kangaka 'wayeka into abefanele ukuyenza 'ngokuti amkulule u PELSER ngo'kwake endaweni yokuba nge ete ' waya kupendula pambi kwe jaji. ' Siyatemba ukuba abanye abanako ' ngapezu kwetu baya kusitelela ' ekuyigwebeni lenkohlakalo, noku'ba amapepa endaba ayakuvakalisa ' inteto enamandla, aze ati ngapa' ndle kwekete ahlanganisele aba'butataka xa benziwa okubi.' Asi- mangaliswa ukuba ingcinga ezinje ngezi zifumane ukwamnkeleka entliziyweni yomntu wonke, omnyama nomhlope, otanda kw enziwe imfanelo kumntu ngamnye opantsi kolaulo Iwa Pesheya. Ibandla elipete elilizwe (i Palamente) lisand'ukuhlangana, sikangele kuyo ke ngonyamezelo, ngetemba nakuba sinoloyiko ukuba lingadaniswa, si-nomnqweno kupela wokuba kwanga kungenziwa imfanelo yodwa. Kwapakati kwa Mangesi anewonga siyonwatyiswa kufumana ukuba imicimbi yabantsundu icingwa ngomoya ondilekileyo nofanelekileyo into leyo ebonisa ukuba Amangesi afundileyo wona anga amalungelo abantu abantsundu angema Salata kwi Cape Law Joumalr umqulwana obulwa ngamadoda asebenzana nemicimbi yase mtetweni oshicilelwe e Rini. Kumqulu wenyanga engu April sipaula inteto ezimbini, enye 'Ngamasiko Abamnyama,' nguye ' Ngokuti bembe kwamatyala. Inteto engomcimbi wa ' Masiko Abamnyama ' ibekiselela kwityala elatetwa yi Jaji eyi-nkulu kwezase Rini u Sir JACOB BARRY, njengokuba ibisand' ukupulapula amatyala e Komani ngelixesha lokugqibela. Ipike lalingemfanelo yokuba utile wayenike intombi yakowabo inkomo yobulunga umelwe eyikupile nakuba seletimbisa ngoku—ityalake elo elalivele kwi ofisi yemantyi kwa Zulu e Cacadu. Ite ijaji ukuligweba xa kungeko ntoimbi icasene nehambiso yokukanya nemfanelo zoluntu esikweni labamnyania xa ubani amangalelwe ngalo akubonakali nto ingaxakayo imantyi xa zigwebayo. Sazeke into leyo iyimvumelwano engahluke nganto kwezinye, emayigwebeke imantyi ngomteto lowo nemvumelwano omiselwe ngesiko elo Umhleli we Cape Law Journal uva- kahsake ukwanehswa kwake koku kutyilwa komteto, okuya kukwelelisa intandabuzo ezingqondweni zomantyi xa sazeke ityala lisekwe pezu kwesiko labamnyama limelwe ukutetwa ngabo. Yimbi inteto esiti ikwa kwelipepa ibekiselela kwindawo yokuba engabanga maninzi amatyala atetwe yi jaji ngelixa lokujikela kwayo kokugqibela. Siya kuke siqaule ibala libe linye kule- nteto. Uti umbali wayo '' lamaxe- 'sha ate abandezela kakulu pezu ' kwento eninzi yabantu abamnya- 'ma, abakolisa ngokupila zimvula ezifika ngexesha ukuze bavune tl nokuze impahla ifumane utyani. 'Kantike abembalwa kanye ama- 'tyala. Pambi kwejaji e Qonce ' elihlanganisa i Cumakala, i Qumra kwane pesheya kwe Nciba, ' aba lishumi linantatu kupela ama- tyala. Kwaba kwanjalo nakwezi- nye indawo.' Kuyasicwayitisa ukubalula olu- nxunelo ku Mangesi akanyiselweyo ase Koloni, Lokunga omnyama angapatwa ngemfanelo, ngapandle kwekete, nemicimbi yake itetwe ngokucacileyo nangengqondo. IMFANELO YODWA. NGOLWESI-Ne, 2 April, kwa nduluka u PETER WAUCHOPE (indodana entsundu) e Bayi ngololiwe wangokuhlwa esinga e Rini. Ite yakufika itreni kwisitishi sokuqala (West Hill) sase Rini wafika umpati (Guard) kwi nqwelana awayekuyo u PETER wabuza itikiti ate wayirola kwakamsinya; ite kuba ibise ngxowaneni yemali yapuma neceba lemali (10/) elite lawela emhlabeni. Ute umpati ' Yihla uyicole kwakamsinya.' Ehlile u PETER ute xa ayicolayo kwafika omnye wabasebenza liwe apo, ogama lingu ELLENTON ote ngapandle kwenteto waselefaka inqindi, ekaba u PETER. Yena u PETER ukaulezele imali leyo yake ade wayibuta nento eninzi yohlalutye. Lendoda yenze isipango ngezidubuliyada yaya kumngenisa kulonqwelana abekwele kuyo. Elixesh lonke imi yona itreni, umpati ebuta itikiti. U ELLENTON ugqibe ngoku- tshixa ucangwana Iwenqwelo esiti, 'andikaugqibi umn ono, wam.' Ite yakukova ukufika kwisitshi esikulu itreni lemnikela kumadindala ate wona amkaulezisela elityeni. Isigitshimi sibehle safika kumkuluwe wake okumshela imantyi e Bayi, ote yena waputuma kwaoko kwizipata mandla zakwaloliwe ezite zona into leyo zayicedulula. Kute e-ofisini ngo Mgqibelo um'mangaleli ka PETER yamkulula imantyi. Konke oku kute kwakuba kuxeliwe kwapumelela ekubeni u Mr. ISAAC WAUCHOPE afumane lenewadi kumhloli wakwa loliwe u Mr. JAMES MCLAREN BROWN :— [Ngomcimbi ka Ellenton wase Rini.] Port Elizabeth, 30 April 1885. NKOSI,—Ndinembeko yoknkwazisa ukuba ndisicikidile isikalazo sako. Ndinosi Kunene ukuba kwehle into enjalo, ndikubulela kuba ute wandazisa ngalento, ukuze uqonde ukuba tina bapati bololiwe balapa sizimisele ukubakusela bonke abahamba ngololiwe, manditi kuwe indoda leyo yenze oku ikutshiwe emsebenzini ngokuhatnbisa kwayo okukohlakeleyo. Ndisicaka sako esilulamileyo J. BROWN. Umhloli. Wenjenje ukuyipcndula lencwadi u Mr. WAUCHOPE :— Port Elizabeth, May 5. 1885. NKOSI,—Ndikubnlela kunene ngokuba u- wutabatile umcimbi wokubetwa nokufnkwa entolongweni komninawe wam e Rini. Konke okwenzileyo kubonisa ihambiso entle kunene yabapati bololiwe, ukuquba ngemfanelo ukuze kuhlanganiselwe abahambi ngapandle kokucalula ibala. Lento yenziwe umninawe yenye kwinto eninzi ati umntu omnyama ohamba ngololiwe abonelelwe ubudenge ngabanye bosinga kwizipata mandla zakwa loliwe, endingati isizatu sokuba zimbalwa iziroro kukuba besiba lempato irabaxa mayibe yinxenye yomsebenzi wabapati, ingengakuba besiti abasakufumana imfanelo zabo xa bakuvakalisileyo oko; yabeke ingebinalusizo luni into yokumangalela umntu esenza umsebenzi wake. Ndiyayazi inkatazo efunyanwa ngabapatiswa bololiwe ngenxa yokungazi kwabantsundu abahamba ngaye; kodwa uko umteto wokusebenzana nento ezinjalo; kengokoke bekungeko mbangi yokuba u Mr. Ellenton ade apate lukuni uoani. Okwenzileyo kulomcimbi kufanele ukubulelwa nguye wonke u Mxosa, okanye umntu weli omnyama. Isebe lakwa Rulumeni lololiwe ulihlambe kwigama elimdaka lokuba Iona likusela kupela ababala limhlope, limshiye omnyama engqeleni ngapandle. Ndiyaqokela ndibulela. Ndingowako, nkosi yam, enyanisweni ISAAC WAUCHOPE. Ikumsha &c. Kwi Ofisi ye Mantyi e Bayi. Ku James MacLaren Brown, Esq. Umhloli wo Loliwe.