Title
eng Amanqaku (IMVO_1885-05-18_i035)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
SubType of Article
eng News Summary
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-05-18
Identifier
eng IMVO_1885-05-18_i035
Word Count
eng 673
Print Page
eng IMVO_1885-05-18_p003
Page Spread
eng 3.2
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
YINTO ebifanele ukubanga iratshi kudodana Iwakowetu kubafundisi base Lovedale, nakwabo bazama ukuhlanju- lulwa kwabantsuudu ngemfundo, uku- fumana ukuba abo bebesakuba zintshaba zemfundo yetu kwelilizwe baqala baya- buya ukuza kuvumelana nati njengokuba kubonakala kulenteto yepepa lase Bayi i Telegraph eti:—' Kekwatiwa i Lovedale iwabanka ama Xosa ukuba azinge azibone ubuntu ngelize. Ekuqaleni laliko isuntsu lenyaniso kulenteto. Asinamatanda ngoku ukuti ikaba elifunde _ e Lovedale— elo lite lakupuma esikolweni ladibana na- ma Ngesi asebenzayo—libonisa ukuba alisenaratshi. Ngakumbi ite yahambisela pambili imfundo yalo, kungokukodwa olu dodana luf umana ukuba kundnane olukwa- ziyo xa kutelekiswa noko lusamelwe kuku- funda.' Elinepa liyixorile eyona nto kulamazwi siwashicilele ngamfaka-mfaka. Akwaba ubunyaniso bawo bebuqi- qwa ngabafundisi ngokwabo! Sinetemba kodwa ukuba ngoku udodana Iwakowetu oluqeqeshiweyo luya kuyivala imilomo yentshaba zemfundo ngezenzo; kantike incazo yento eyimposiso ayigxekwa bani. LITI ipepa lakwa Komani eliyi Free Press: ' Nokuba sebepityiza besitinina abamnyama isigwebo sokufa sesiwile pezu kwabo, njengokuba sebete bazi- ngcainla nje iziselo zentlanga ezimhlope. Kunjalo kulo lonke ilizwe de mhlaimbi ibe iyakwenziwa imiteto elukuni yokuba omnyama angatengiselwa utywala, ukufa kwakwe kuyakuba ngakumbi ngakumbi. Kaukangele kwinto eyenziweyo ngama Maori ase New Zealand ngalonyaka. ' Ukupendula isicelo sabantsundu base New Zealand ngokwabo, lonke ilizwe ebelisaziwa ngegama lokuba liyi King Country—elibanzi kunene, limiwe ngaba mnyama libalulwe ngu Rulumeni ukuba kungatengiselwa ndywala kulo. Uhlobo asela ngalo ngoku A maxosa nezinye intlanga ezintsundu, luyakuzihlisa ka- ngaka luzikupe ingqondo kangangokuba lutshabalale kanye. Yinto emiyo kuti Mangesi le yokuba oko ungasebenzi nto ngako mawukutshabalalise.' Kambe nati mawetu siyazi ukuba iti indodana yakungena kuselo kube nzima ukuyi nqumamisa kulomkondo usinga ezantsi. ASIBANTU bakukataleleyo ukuqasha amagama ababali bencwadi ezidla ngokungeniswa emapepeni ngabantu abangawa- bekiyo amagama abo, kodwa ngati singamalata umntu obale incwadi ebonakele kwi Watchman (ipepa lase kayapa) yolwesi-Hlauu olugqitileyo. Lombali akana- qinga lokulufihla udano Iwake Kuba ete amapepa ayitata ngomoya olungileyo impato ka Mbovane Mabandla abengxamele ukumtshabalalisa. Akaqondi lo- mbali ukuba amapepa akateni nasiqu si- ka Mbovane kodwa alwela imfanelo. Ekungaqondini kwoke ke uti: ' Ite i Cape Mercury ngokusuka iwenze into enkulu umcimbi wesibonda u Bovani Mabandhla yabanga ukuba u Mr. Malcomess ayipe- ndule ngendlela egqibeleleyo, ote ekuma- zini kwake u Mbovane okufutshane wa- fumana ukuba ubengalungelwe kuku- tshwa kodwa, ubelungelwe kutunye- Iwa e Kapa akatswe. Kodwake, mfundi, olulamileyo, nganina ukuba ezimpopoma zosizi zipalazelwe pezu kwesibonda se Mfengu? Anazina ukuba lo Bovani Ma- bandhla ngulamntu wenza ukuba amaqa- ba abantu abamnyama avotelwe Advocate Innes wase Kapa e Dikeni. Yiyo lonto atetelelwa kanga. Igqweta apa elingu Innes alinaA'uba lingamazi umbali wezi- nteto ziAiwi Cape Mercury.' AKUKO nyaniso kwinteto yokuba ngu ' Bovani Mabandhla owabanga ukuba umzi ontsun lu uvotele u Advocate Rose- Innes wase Kapa,' ngetuba lokuba u Ma- bandla ungowomandla wase Qonce, akate- nike nemicimbi yesitili sase Dikeni Awa- ngangokuba u Mr. King wase Xesi enga- teni nave engenazwi nalomicimbi. Na- ngapandle koko lombali yena akazi ukuba unyulo luka Mr. Rose-Innes namhla lubonwa nazintshaba zake zeloxesha ukuba lalilitamsanqa abalifihlelweyo. Oku ku- teta kungemiyo ndaweni 'nye kubonisa ukuba intshaba zika Mabandla liziyile. Sisati tina lomcimbi mawucikidwe. INTETO eyabalwa ngalamadoda mahla- nu kutiwa ngu Rulumeni avule ngayo i Palamente ngolwesi-Hlanu u Mhlekazi u Sir H. Robinson ayinanto intsha iyibalu- leyo. Iqala ngokupaula indawo yokuba namhla i Palamente izakungena kwizaki- wo ezitsha. Ingene kukumbiwa kololiwe ova e Dayimani. Iquba iti i Rulumeni akasakucela i Palamente ukuba enze ulo- liwe wokuhlanganisa lo weli lase Maxoseni nelingapakati; apake iquba isigqibo se- ntlanganiso eyayise Komani. Zimbi indawo kukutwabululela kweli lizwe umtet' ongedayimani ukutengiswa kwazo; nemiteto engomhlaba ukutengiswa kwayo, nokumiselwa kwesebe lakwa Rulumeni eliyakongamela imicimbi yokulima. NGEZANDAWO saziti bandlakanya kwipepa letu elidlulileyo, sifumana umteto wepasi ungacankanywa. Sivuya ukuba ingaba incaso yetu ibange u Mr. De Wet aselewuyeka. Siyakuvuya kodwa ukuba bekuko inteto exela ukuba nale mitetwa- na ikoyo ikatazileyose-iyakutshatyalali- swa kanye, Ngolaulo Iwa pesheya kwe Nciba, siqiwula lendawo kwinteto ye Ru- luneli: 'Ngokwesigqibo sebandla ngonyaka odlulileyo iyakubekwa pambi kwenu umteto wokuba indawo ezitile ezipesheya kwe Nciba ezazingekabandakanywa ngo- komteto nale koloni zenjiwenjalo. Kwa- fcunye nalomteto kuyakubekwa pambi kwenu nomnye womisa ngokomteto eyona miteto emayilandelwe ekutetweni naseZcugwetyweni kwamatyala. Kwanomnye oyakumisa indawo yokuba indawo ezitile zelo zibe nelungelo lokutumela amadoda e Palamente, ezinye zivakalise imvo zazo ngebandla labantsundu-—ezoke zisesemva ekuyiqondeni ihambiso ye- mpato elipetwe ngayo.'