Title
eng Eli Pesheya Kwe Nciba (IMVO_1885-05-18_i036)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
SubType of Article
eng News Summary
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-05-18
Identifier
eng IMVO_1885-05-18_i036
Word Count
eng 425
Print Page
eng IMVO_1885-05-18_p003
Page Spread
eng 3.3
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 3
Coder
eng Sipile Nqiyama
[NGOZIBONELEYO.] E-Tunxe, 24 April 1885. Elilizwe lili Pesheya kwe Nciba asizwe sidla ngakuva nto kakulu ngalo, kungokoke lento nditi ndakuba ndibe netutyana lokuka ndiye kuba kwelo intsukwana ezimbalwa ndacinga ukuba ndenze udatyana ngoko endikubonileyo nendikuvileyo. Ikakulu noko ndiyakuyisingisa inteto yam kweliya ibi- lelakwa Gcaleka, elilelakwa Ngqika ngoku, Iona ndike ndenza intsuku kulo. Imo yomhlaba.—Ngecala lasemhlabeni ndifike okwenene kumhlaba omhle, nobukekayo kumehlo omntu wasemzini, nakuba na- lo libonakala ukuba lixubahekile kanye nge- nx' enalengcinezelo iwugqibe wonke, yela- nga. Kute kona ukususela e-Nciba de kuye kuma ngoma Gcuwa, korna ngohlobo oloyi. kisayo, ngangokuba kungazeki ngento emayibe ipumelele ngayo into eluma pantsi. Kute e-Nciba emlanjeni kwalusizi ukubona inkomo zixomekeke emitini, ngokufuna ama- gqabi emiti kuba zingenanto ziluma yona pantsi. Kute noko ukususela e-Ntlambe de kusingise paya, hayi laba nendawo yoku- namatela noko iliso. Ndite ukuqala kona ukubona into eluhlaza eyingca kwaxa ndiso- ndela elwandle, ukususela kona e-Cenr,uli namantloko e-Kobonqaba deke kuye kuma ngolwandle. Unakona noko kubonakele ukuba seyikukuba kukufupi nolwandle, eku- tike ngoko kuman' ukuwa umbete, laye lona libalele. Izilimo.—Ngakwelo Iona icala linye liya- fana. Kute kona e.Gcuwa noma Cegcuwa- na kwabonakala ukuba noko bocola abanye ngoknkodwa intwana zamazimba kwababe- zilimile, ngati Iona uninzi htya kufa. Naku. ba kambe umhambi iyinto eti kanti iyaposa ukubona. Kude kwasingisa payake koma Tutura noma Teko noma Centuli iyilonto ; ekute ekuyeni elwandle koma Nxaxo noma Gqunqe njalo-njalo kwabonakala ukuba no- mbona wofunyanwa ngabanye. Impahla.—Elo lei ifuyileyo ndakukangela —Ndisingisake kwelo lakwa Gcaleka,—na- kuba into ete yambi ibe sisifo ezinkomeni. Apo umbendeni (umanz'-abomvu) uyalaula, waye usitwayi ikwayilonto. Lo mbendeni yinto eti impau zako, siti isinyi esi sizale ligazi, ze apatelele kozibindi nozinyongo ko- mipunga nodakada ibe ngamakalamsha into ezinkulu—ngokoke bati abelo ngu mbendeni. Usitwayi yena ngamakalane, asuke ayit- ntshwa-ntshwa inkomo nokuba lihashe, ze ide ibe luqoto into engati ayinalo negazi. Ndifike kwelo ezizinto ziliwa, zincedeka na- kuba ziti zipuluke inxenye, njengento yonke ke ngoko esisifo. Yayeke inyama yazo idli. wa. Ndite ndakubona oko ndatsho ukuti le banki yetu izinkomo ayisayikuze isinyuse, ndabeke ukutsho ndiqinisisa inteto endiyi- bone kwi Mvo, engoknba soti ukuze side si- nyuke sisebenzane nomhlaba, qa ke. Pambi kokuba ndigqibe manditi abafo ba Pesheya kwe Nciba ndibonile ukuba ngama- doda, basebenzela efeni. Ngokuba zisifa ezinkomo zabo, bate bezililela yaye yona imi- xelo yabo imi ekulileleni imvula ebatinteleyo nkuba bargade balime ingqolowa, bati uku. fika empahleni yakukuba beya kuxakwa yi- nto yokuwusebenza, xa zifayo nje inkabi. Kute nakumaqaba ambala yaba yimisazo nkufuna into zokulima ozingqolowa nezinye intlobo-ntlobo zembewu ezikaulezayo ukuvu- twa. Into enkulu ete ndayibona yeyokufuneka kwabashumayeli. Ndifike ndabona ukuba ilizwe liyintlango lifuna abasebenzi. Uxolo Mhleli Nkosi fam ngendawo endiyitatileyo, ndixina ngokwenjenjalo indaba zamanye amanene, ezingati zibe zezona nefa.—Tarunike mzi.