Title
eng Ezababaleli (amakaya Endwenwe) (IMVO_1885-05-18_i038)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Intwanencinane
SubType of Article
eng Hotels
Language
Locations Mentioned
eng Mgwali
Date
9 May 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-05-18
Identifier
eng IMVO_1885-05-18_i038
Word Count
eng 326
Print Page
eng IMVO_1885-05-18_p003
Page Spread
eng 3.3-3.4
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 3
eng 4
Coder
eng Sipile Nqiyama
MHLELI OBEKEKILEYO—Kulomigca yepepa lako kaundisize, ndifuna ukubekisa kumatshawe nabantwana bamapakati, izinxiba-mxaka. Andifuni kuntyuntya kuba andinguye umntu onentsuku emhlabeni; kodwa ngumfana erwala, andibazi ke ubulau bokuteta. . Nitinina ukuyicinga mzi wakowetu, lendawo ike yaxoxwa kwelipepa le Mvo? Yada nangawa bamhlope amapepa yangenwa yaxoxwa. Lendawo ikankanya i hotele zabelungu (amakay' endwendwe) nati midaka yokuposwa ekitshini. Le ngxoxo mna ndikoliwe ngumfo owayingenisayo, yena ude wawatunuka Amangesi ada atyalusela, wevake nositulu. Elide lati nelinye la Mangesi ipepa: ' bulela nekitshi elo usalifumanayo, neso situngu sebabile kwihashe lako.' Ukun'gantyuntyi kwam mandenjenje. Utyapile atsho lomfo wase magwangqeni. Esitsho njalonje utetela umzi wakowabo. Kube kuya kusizakala ntonina ukuba elo Ngesi line hotele beliyakwamnkela tina mpi intsha, ze obawo okanye abazali bacacateke pandle kuba benembola bona, kanti into esiyiyo siyiyo ngabo, koko kuba- njalo kwabo. Kulungile sigodole kunye, okanye bona balale, nokuba silele pi, tina sikangele amahashe. Sakuba nezilili ba- kungabiko. Ubuya kumbulelana lomfo we Ngesi, akukwamnkela, aze okanyoko engakwazi ukusoma, ugaxeleke kusasa itshoba lilel' umbete yingqele ; kuba ete akozela akavuswa mntu; kuba kambe siva kutiwa xa kubandayo ubutongo bu- ncedisa ingqele aze umntu oyiseke msi- nya. Ndigcine xa nditshoyo. Indlu ye- ndwendwe ingenziwa nangubani ofane- lekileyo. Tina sondlelwa kumanqugwa- lana anomsi, singencedekina kona ukuba umntu wolwetu uhlanga ebengasuke ami- se ikaya labahambi, nokuba ulake nje- ngezindlu zakomkwetu. Ze zingabi na- msi kodwa. Azipate ngokusulungekile- yo nangokucocekileyo. Angati xa alapa ake isitali ngodaka (sods) esitulelwe nge ngca. Noko nditshoyo nditsho ngabom. Maninzi amadoda anezindlu ezifaneleki- leyo ezingasuka zandiswe kodwa kuhlo- nyelwe nezamahashe. Zakiwa ngaba- ntsundu ezozindlu, azinakunqaba kupi. Andisateti ngokuqesha ezabelungu ke zona. Nandipete ngeliti, makowetu, ' into esinokuyenza ngokwetu masinga- gcakaineli owolunye uhlanga. Owasemzini akasokumnyamezela ofayo nonxi- lileyo, ingengabouje abakowabo. Andi teteleli manxila ayinkunkuma, nawo ndingawatetelelayo ukuba ayakatala. Ba- fondini base Qonce, e-Komani, e-Rini ne- zinye idolopu nixinge pina? Lemali yakowenu aninamunyu wayo na? Ku- dala nikonzanje aninakulukonzana uhlanga? Mna betu ndinga nedinala le ndi- ngayityela egoqweni lenkuni, kuba impepo imnandi kuuobushushu be kitshini.' Taru, ndizame nangomncono wamandla am ukuyifutshanisa lenteto—ndim igezana lakowenu.