Title
eng Umcimbi Ka Mbovane (IMVO_1885-05-18_i043)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
SubType of Article
eng Politics
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-05-18
Identifier
eng IMVO_1885-05-18_i043
Word Count
eng 361
Print Page
eng IMVO_1885-05-18_p003
Page Spread
eng 3.5-4.1
Start Page of Article
eng 3
End Page of Article
eng 4
Print Column
eng 5
eng 1
Coder
eng Sipile Nqiyama
Ite njengokuba sati sayibengeza indawo yokupatwa kwelitshawe yabanga ingxolo enkulu kumapepa asema Ngesini. Kwinteta ende, esinga sakuyiguqula njengoko injalo elase Kapa eliyi Cape Argus liwuugene nzulu lomcimbi, Lite lizeya lizicukuceza kanjalo izizatu akutshwe ngazo lapaula nkuba akuko nto isileyo nezeleyo yinkatazo enjengale yaka yaviwa. Elipepa alilibali ukutnkumbuza u Rulumeni indawo yokuba u Mbovane lo aka- nguye owamiswa ngu Rulumeni kwindawo yobukosi, kodwa yinkosi ngokuvela. Yati mhla lenteto yabonakala kwipepa lakusasa lase Kapa wagitshima u Mr. de Wet ukuya ku Mhleli wepepa elo lase Kapa, wayikanye- zalindawo yokuba kusitiwa ukutshwe kuba esuke wayila intlanganiso eyagqiba kwelo. kuba abantsundu babuyiselwe kulaulo Iwa Pesheya Iwe Nkosazana, wati eyona nto aku- tshwe ngayo kukuba ubesenza intlanganiso zokuba abantsundu bangazihlaul'irafu ku Ru- lumeni. Libuza elipepa ukuba uke waviwana into ayitetayo u Mabandla ngapambi kokuba enjiwenje ? Akuko nto itetwayo ngemali ye rafu kwincwadi ebika ukuba, ukutshiwe. Masiti kubafundi betu esenjiwanjenje akazanga wabuzwa. Into eyenziweyo kute kwa kuviwa ingxelo yommangaleli wake ongu Mr. King wase Xesi wasele kutshwa. Uteke lomcimbi watatyatwa ngamandla ngamanye amapepa asema Ngesini anjenga- wase Monti. Eliyi Dispatch lase Monti apo ivakalisa ukumangaliswa kwalo kupatwa kwalo mnumzana ngenxa yendawo ezingeni ezinjengezi. Elase Monti elinye eliyi Ad- vertiser liwutate shushu lomcimbi lenza ama- nqaku anobom. Asinasituba sokuwaguqulela e Sixoseni apa. Makwanele kodwa ukuti liti, isohlwayo salendoda siyimposiso enku- lu.' Elase Somerset East i Advertiser li. kwanenteto ende ebalulekileyo ngalomcimbi. Libonisa u Rulumeni ukwenzakalisa kwezigqibo ezigwenxa ezinjengesi. Elase Cawa i Budget liti ' lidlnle ixa ebezingati ize nzo zokubandezela ezinjengesi zipnmelele. Litsho elipepa liti, ' isenzo sika Rulumeni asanele kuba sesitiyekileyo kodwa sesobu- tyakala kanye.' Amapepa e Qonce omabini adibene ngokusicasa esisenzo. I Cape Mer- cury yaba lelinye lamapepa apambili ukumcasa u Rulumeni koko akwenzileyo. I Watchman yona iti umzi omnyama ube usakolwa yihambiso ka Mr de Wet ngakwaba- ntsundu, kodwa lempato ka Mabandla iwe. nzakalisile, abefaneleke u Rulumeni ukuba ufuna igama lake elihle eligcinele amenzele imfanelo u Mabandla ngokumisela endaweni lake, okunye amise umntu otile ukuba awucikide lomcitnbi. Siva ukuba kuko incwadi ezisinge e Kapa ku Rulumeni zisuka kubantu baka Mbovane nakumafama ase Rabula, ukuya kumlwela apo, nezinye ezisuke kwamanye amacala. Impendulo zingalindelwa nge Cawa ezizayo. Ukuba aknko nto ivakalayo lomcimbi uya- kuke utiwe bandlakanya e Palamente.