Title
eng Iveki (IMVO_1885-05-27_i028)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
SubType of Article
eng News Summary
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-05-27
Identifier
eng IMVO_1885-05-27_i028
Word Count
eng 476
Print Page
eng IMVO_1885-05-27_p002
Page Spread
eng 2.2
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
KUBONAKALA ukuba ezimvula zisand' ukuna zibe ngonogumbe kwelase Bolani (kwindawo ezinjengoma Beaufort West, Oudsthoorn, noma Prince Albert). U RULUMENI umise u Mr. Dick ukuba acedulule umcimbi wokutyolwa ko mnumzetu u Mbovane Mabandla. ABANTU abanengqakaqa e Bompasi kwa Qoboqobo bakolisa ukuba ku 40 ngemini. Isifo asandi noko, sibonisa impau zokupela. INDODANA eyafa ngebaqo e Somerset East ngu Nanise September yakwa Maduna; U MR. WILLIAM HAY ufike e London ngo- Iwesi.Ne. KUKO umfo omnyama e Dayimani abati ngu Jaggia osentolongweni ngokuba ingxowa yegwangqa abati ngu Charles Braun, eyayi- nemali zamapepa ezikwixabiso le £500 ne- ngumwangalala eku £6,500. UCUKU lokuba ngubanina owaqala ukubeta kwidabi ebeke lako pakati kwama Afghani- stan nama Russia ekujinga kulo imfazwe pakati kwe England ne Russia, lubekiswe ku kumnkani wase Denmark ukuba alugwebe. Akuko nto iyakwenziwa ngamacala omabini ngendlela yokusondezela imikosi. U RULUMENI wa Pesheya ucele igunya le- bandla eliyi Palamente ukub' anikwe imali exabiso eliyi £11,000,000 yokuhambisa imfazwe ezingati zibeko. IMFAZWE yase Yeputa isengati ilityelwe nga Mangesi ngenxa yale ibungwayo ne Russia. Akuko kuhanjiselwa pambili kuyakubako malungana nayo. ITSHAWE elingu Khamalezizwe ezingapaya kwa Barolong lilinikele kwi Nkosazana lonke ilizwe lalo eliye lema nge Zambezi ngoku- tsho kwalo. ULAULO Iwa Pesheya lugqibe kwelokuba lungabi sazamela ukuyingenisa e Khartoum imfazwe. LE Palamente ihambisa imisebenzi ya Pesheya iyakupeliswa ngo November ukuze kunyulwe entsha. U MR. EDWARD H. BURNESS obeyititshala yesikolo sa Malau e Bayi usentanjeni Kutiwa akagcinanga kakuhle imali zebandla labaki abengumgcini-ndyebo wazo. UKUBA amaxesha ebengemabi ngeba siti u Mr. C. Musgrove onesaziso kwelipepa umema umzi ngento enefa kuwo. Kodwa singaqwa- laselwa isaziso okwaso sodwa. INGQAKAQA isavakala ngase Tsomo nangakwa Kentane pesheya kwe Nciba. SIVA ukuba u Captain Veldtman selelahlekwe zinkomo ezi 30 ngenxa yemanz' abomvu okoyo Pesheya kwe Nciba. KWAQALA ngo Mgqibelo kwada kwaba lu suku lo Mvulo izitora ezikulu zalomzi ziva liwe. UMANZ' abomvu uzibonakalise kwifama emele ukungena kwe Nciba elwandle. ISIPITIPITI esaka sati siko e Canada kwe. lase Amelika sipelile, inkulu yondiyalwa u L Riel ubanjiwe. ABAFUNDISI batumele umtandazo e Palamente wokuba indawo ezizingqili zabantu abantsundu bezitili zase Ngqushwa, e Dikeni, e Qonce, e Monti, e Cumakala. e Qumra, kwa Daliwe, nakwa Komani, zingatengiselwa utywala. U HON. J. H. HOFMEYR, M.L.A., oyinkulu ya Mabulu ase Palamente uyawela ngaleveki ngenxa yokungapili. NGOLWESI Hlanu kwakuko umdlalo webola pakati kwe Champions (zabantsundu) namajoni. Amajoni avena ngamangeno okuqala etsho nge 148, i Champion zatsho nge 94. Isikora esikulu se Champions senziwa ngu W. C. Umvalo. BEBEXE bada base sitandatwini abantu abanengqakaqa esiqikini sase Xesi, ngezintsuku, kodwa baseko abehliwayo emakaya, abanye bayafihlwa ngabahlobo babo. U REV. C. W. POSSELT wama Jelimeni wase Swazini ubube ngolwesi-Bini olungapaya. IMANTYI yase Xopo, e Natal, isetyaleni ngokubeta omnye wababafo bamnyama base Amelika. U SUTTON no Brown amadoda amiselwe ukulinda imingxuma ye Dayimani kwelo abanjiwe ngokusuka abulale umntu omnyama. U REV. THEO. CHUBB, B.A., wase Mgwali ukwele emkombeni ngolwesi-Bini ukusinga e England kunye nosapo Iwake. Ufumene ixesha lokupumla lonyaka. E PALAMENTE u Mr. Dyer ungenise indawo yokuba u Dean Williams angafumani mali kwa Rulumeni, ngenxa yesimilo esibi ezati ijaji unaso oko wayemangalele n W. B. Shaw.