Title
eng Amanqaku (IMVO_1885-06-03-i015)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
SubType of Article
eng News Summary
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-06-03
Identifier
eng IMVO_1885-06-03-i015
Word Count
eng 441
Print Page
eng IMVO-1885-06-03-p002
Page Spread
eng 2.3-2.4
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 3
eng 4
Coder
eng Sipile Nqiyama
LAMANQAKU siwafumana kwipepa lase Dikeni i Alice Times, kumhlope ukuba abalwe ngomnye wabafundisi afanele ukupulapulwa kengoko:— Kwati ngexa apa lokuqalwa kwepepa la-bantsundu lendaba Imvo, kwavuka kwaba-ntsundu umhlambi ofundileyo, ngabula wona, ku Maxosa na Mamfengu, owapanga ekuze-nzeni abakokeli bentlanga ezintsundu. Uti ngokwawo ngokwazana onako uyifanele lendawo, kuba abantu bakowawo ababomvu bewucingela ukuba uzizazi kuba ukangeleka ngokungati uyasiteta Isingesi, unokulesa, unokubala inteto ya Mangesi. Iqela okanye wonke lomhlanjana uyifumene imfundo kwi- zikolo zabafundisi, kwanesiseko semfundiso ye Lizwi. Benze ntoninake ngayo ? Bate bakubona ukuba bakovile ukunyuka ngeleli engabafundisi basuka bayikaba yawa, naboke bexomekekile bengasakokelwa bani. Isigidimi sa Mangesi sase Dikeni senyanga engu April siti, ' Into efunekayo kwabantsundu belilizwe ngelixesha—akukataleleki nokuba yintonina abayakubuya bayifune—yimfundiso yelizwi eyakuqeqesha izenzo nesimilo nengqondo.' Ikaba elifundileyo elintsundu aliyikatalele lemfundo inobukrestu kakulu, utike umlomo walo Imvo mabafundiswe inteto za Magrike na Maroma. Sitike mabayinikwe ukuba bayakuyibatalela, kodwa abo baziyo bati imfundo yezinteto ayifuneki nganto kwabantsundu. Siyakuvuya ite I Palamente yagqiba kwelokuba imali ka Rulumente ehlaulwa ngababatali be Rafu belilizwe ayisakucitelwa emfundweni engafunekiyo nenengozi. INTO yokuba kuko ikaba la Maxosa na Mamfengu eliti lifundile elizenze abakokeli bentlanga ezintsundu ekuqalweni kwe Mvo, nokuba elikaba likabe ileli engabafundisi elinyuka ngayo—zinto kodwa ezihamba engqondweni yombali walenteto ezingenakwenzelwa zibakala, ekungeko mntu unengqondo ungazamana nokuzikanyeza. Singa kodwa singapaula lendawo ingenteto za Magrike na Maroma ekutiwa sati mayifundiswe omnyama. Mhla sateta ngalendawo samisa inyawo kwikete elenziwa e Dikeni elisekwe pezu kwebala elimnyama, ekwatiwa komnyama lemfundiso ingenisa ulonkalo, kwabamhlope ayinjalo. Enye inteto asiyazi. SIYAMBULELA Umpatiswa Micimbi Ya-bantsundu ngokusitumela incwadi yomnyata engemicimbi yesebe lakwa Ru¬lumeni alongameleyo yanonyaka. Siyifumana inento eninzi elungileyo, esitemba ukuba sobehle sibe netuba lokuyaneka inteto yayo pambi komzi. OMNYE wemiteto emitsha ekangelwayo yi Palamente ngowokunika igunya kwi otisi zeposi zibute izikweliti zemalana encinane. Oko kukuti u kuba u Mr. Ngavumi Ukuhlaula unetyala kwi Mvo e Ki¬mberley e Dayimani lemali yepepa, singanika igunya kwi ofisi ye posi apa ukuba ihlanganiswe lomali ngabe ofisi yase Dayimani bayitumele kuti, ze tina sibati faze ngentwana yokubabulela ukuba be- sincedile. Mazifinyeleleke imalana zonke singade sizihlanganise ngo Rulumeni. OLUDABA silufumana kwipepa lase Ka¬pa lendaba i Cape Argus—'Ngo 2 May, kwintlanganiso yebandla lemfundo epa- kamileyo lase Cambridge e England (Cambridge University) u Mr. W. P. Schreiner, wase Downing College, Cam¬bridge, owaba ngowokuqala kuviwo lomteto ngo 1881 nowaba ngowokuqala kwi- mviwo zebandla lase Kapa lemfundo epakamileyo, ufumene igama lewonga emfu¬ndweni lobu M.A., nakuba ebengeko ese Kapa.' U Mr. William Shreiner ngunyana womfi u Rev. G. Shreiner owaye- ngumpati wesikolo sabantsundu e Nxukwebe. Ngoku ngumteteleli pambi kwe jaji e Kapa, ekubonakala ukuba uyakugqugqisa exesheni. Njengento eninzi yonyana babafundisi betu abafumene amawonga siva ukuba naye ungowehlelo elingateni noAzuba omnyama afumane imfanelo zake. Nakubeni kunjalo abantu bakowetu bayakumnqwenelela impumelelo u Mr. W. P. Schreiner, M.A. bayakulindela uku- va ngaye ngovuyo.