Title
eng Ibandla Le Palamente (IMVO_1885-06-03-i016)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
SubType of Article
eng Politics
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-06-03
Identifier
eng IMVO_1885-06-03-i016
Word Count
eng 380
Print Page
eng IMVO-1885-06-03-p002
Page Spread
eng 2.4-2.5
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 4
eng 5
Coder
eng Sipile Nqiyama
IVEKI YESIBINI. Ingxoxo ebezisingetwe leli bandla ngeveki epelileyo azikabi nanto zipatelele kumzi wakowetu. Imiteto engolaulo lwepesheya kwe Nciba ibuyiselwe emva ngu Sir T. SCANLEN kuba ete ayikaxoxwa ngamapepa Ngati iyakukangelwa kuleveki. Ingxoxo engokukutshwa komfundisi wase Rini u Dean Williams endululwe ngu Mr. DYER, ike yabaluleka kodwa isininzi site umcimbi wake uteni nabafundisi. Imiteto engoku ngeniswa kwindawo zoku- patela u Rulumeni ixoxiwe ingeniswa ngu Mr. SPRIGG. Lomteto umisela ukuba kunga-miselwa mntu ebumantyini engalupumele. langa uviwo lomteto ayakulumisa u Rulumeni, abayakusinda kulo ngabebesebe minyaka ilishumi. U GOLDSCHMIDT no Mr. MERRIMAN balata ukuba lemiteto ikoyo ayilungile bayavuya kumiselwa omtsha. Njengokube besesitshilo azimandla mani ingxoxo eseke zako kuti. [IVELA KUMBALELI WETU.] Swaziland Natal, May 27, 1885. NKOSI MHLELI,—wepepa lendaba zaba- ntsundu nceda ungenise kwelopepa lama¬nene akowetu oludaba lulandelayo: Ngomhla we 28 April 1885, ngosuku Iwesi-Tatu evekini, kwehla amakosana amakulu Amabulu ase Transvaal ehamba neqela labakwele amahashi abantsundu nabahamba ngenyawo, lawo makosi ase Transvaal abeya kwinkosi ya Maswazi, ngokufutshane ate ukufika kwawo yiba ngecala letu, atsho ati (kuba ayepete ipe- pa nepeni ne ink) bamba usiba olu ukuze sazi okokuba wena ungecala letu, zebuti ububi obusakuhlela wena bube buhlele tina, nobuhlele tina bube buhlele wena. Iteke lenkosi ukupendula, anditandi ukubala kabini, ndabala ku Mr. Rudolph, ngexesha lika Shepstone, ese Pitoliya. Zite ezinkosana hai, lowo asinguye wa- kuti. Ite inkosi ya Maswazi, wayekuni engeko e Natal, ndabalake, anditandi uku- bala kabini. Wawabuza ukuba ngumkwa mnina lo wenu Mabulu, ukuti umntu engatandi nimpikelele. Bati sifuna uku¬ba sibe banye sincedane kokubi. Impendulo yenkosi ya Maswazi, O, andinakuyingena lonto ibuqili. Impe¬ndulo ya Mabulu, uyawatanda Amangesi siyakubona. Yati inkosi ya Maswazi, bendizakubazonda bandona ngani ? Nani andinizondi, kanindixeleleke nina into endiyonileyo kuni. Ati Amabulu, siti bala ube ngecala letu ; yati inkosi ya Ma¬swazi, ndabala kade. Ati Amabulu uwa- temba Amangesi akangehlangule mntu. Ate elokuvalelisa ati, boti befika oyihlo bako ibe itshile indlu yako, sala uyicama- nga lonto, siyabuya kamsinyane. Ite inkosi ya Maswazi, nokokuba nindibulele ndabala. Emnkake Mhleli nkosi yam, anditeti ngenteto eninzi eyatetekayo ngo- koyikela ixesha nendawo kwelopepa eli- nqabileyo lamanene. Ke kubonakala ukuba Amabulu afuna ukutshabalalisa le nkosi, abeze kuyiqala izihlalele ezweni layo, kangelanike mawetu lonto yenziwa nga Mabulu. Ite inkosi ya Maswazi, mna ndibahlonele abelungu. Mandipele nkosi ngeliti zinjalo imeko zalapa ngoku, yazini ukuba ibuhlungu lento kuti, kuba Ama¬bulu afuna ukutshabalalisa izwe lase Swazini elingenatyala mntwini—mandipele. [Inkosi ya Maswazi ngu Mbadini.—ED. Imvo.}