Title
eng Ezababaleli (impato Yakwa Ndlovukazi) (IMVO_1885-06-03-i018)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Motaung, A. Isaac
SubType of Article
eng Housing
Language
Locations Mentioned
eng Tarkastad
Date
1 April 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-06-03
Identifier
eng IMVO_1885-06-03-i018
Word Count
eng 344
Print Page
eng IMVO-1885-06-03-p003
Page Spread
eng 3.1
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 1
Coder
eng Sipile Nqiyama
IMPATO YAKWA NDLOVUKAZI. NKOSI YAM,—Ndiyakubongoza ndifa- kele lamazwana tshawe lenene:—ngayo lenyangana u April, ndemnka apa e Zuur- fontein ngomcimbi ndaya kulalisa e Tarkastad, kwasa ndilifaka imikala iha- she ngo 8 o'clock a.m. ndisingisa ngaku Komani ngalomcimbi ndiwuhambelayo, imvula yandifumana endleleni nganeno kwe Queen's Town. Ndapambukela kwi fama ka McEwan, Esq. Ndanduluka ngo halfpast six p.m., kwangalomini, ndayakufika kwi hotele ka Flawa, latsho- nake igala. Mandinduluke apoke ndi- kumbule pezulu ku Ndlovukazi (Lessey- to), ndifike kona ngo 8 o'clock ngokuhlwa lisina nokuna, hai, mandicele indawoke kona esikolweni kanye; hai, abantu ba- lomzi bandigxota; bati, 'abanamcimbi nam.' Hayi, ndiye kwezinye izindlu bandityala nakona. Mandifike kwenye hai ndifike ndibulise, indoda leyo ibuze apo ndivela kona; mna hai ndivela e Skapa ndilandiseke nangalomcimbi ndi- ngawo apo. Haike ndicele indawo, ati yena akali, mandike ndiye kubaninimzi, ndime kwakona, afike omnye umfo anga- bisabuza ati, ' mnk' apa, unengqakaqa,' atsho emnke, nditi, nkosi andisateti na- ngam, senditeta ihashe lam ukuba liflle, seloko ndalikwelayo alikafumani nento, nokuba nifuna intlaulo ndizakusifaka isa- ndla empakatweni ndininike iqosha, se- ndizakulala etafeni paya nalo ukuze ni- ngalibambi, kuba ndoyika ukufane ndi- kulule ezweni labantu, kanti ndifanele ukucela ukuze ndikwazi nokudlisa iha¬she lam. Bati, 'nina bantu base Skapu aninangqakaqana ? ' Mna, hai, mnumze- tu, nati siyiva ngendaba ukuba ise Bur- ghersdorp nakwezinye izitili, njalo-njalo. Batsho bati, 'hamba wena asifuni ku- kwamnkela.' Ndakwela ngo halfpast nine ukubeka ku Komani, ndafika e Komani nge halfpast ten ebusuku, nda- lala ndinjalo ndingenayo nengubo, ingu- bo zilahlekile mhlaumbi zibiwe. Ke ndalala ezinqweleni zase Macibini, zize kutengisa nge nkuni. Ndacinga ukuba abantu bakwa Ndlovukazi abanabubele kanti kuko indlukazi ezimbini kona zi- zele zindwendwe, ndati ndakuhambisa ingcinga ndabona ukuba lilishwa lam noko. Kwasa ndibuya, ndesuka ngo 11 o'clock e Komani, ndaza kugqita kona e Lesseyton andabasapambukela ndaqo¬nda ukuba yimpi abantu bakona. Xa ndiwunika umva umzi ndafika kwenye indoda yakona, yandipata ngobubele obu- kulu, andayilibala londoda u Jeremiah ngegama, yandivela usizi kakulu, yati, 'kunganina ukuba umntu wase kaya agxotwe, kanti ngomnye wabazalwa na naye.' Nditi, aboyiki ngqakaqa, abafuni kwamnkela umntu. Ndegqita ndaya ndawa e Lututu, kwasa ndipinda ndibuya ndisiza ekayeni lam. Ndixolele Mhleli