Title
eng Amanqaku (IMVO_1885-06-10-i013)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
SubType of Article
eng News Summary
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-06-10
Identifier
eng IMVO_1885-06-10-i013
Word Count
eng 744
Print Page
eng IMVO-1885-06-10-p002
Page Spread
eng 2.3-2.4
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 3
eng 4
Coder
eng Sipile Nqiyama
ELINYE lamapepa alapa e Qonce lenza umsebenzi omhle ngokwalatisa u Rulumeni inkatazo edalwa kwelilizwe ngumteto apa ungezixobo. Ayinakuqondwa ngomnyama into yokuba kwesisitili lamteto uqiniswe ze kanti kwesinye uya- kuyekelelwa. U Rulumeni vena onga angahambisa into ezizizo, ubeya kuyalela ukuba upeliswe lomteto wezixobo onga- senamsebenzi kakade. Isiqu somteto sona silungile. Unokusetyenziswa xa ilizwe lipitizelayo, unokuba sifundo kubo bonke kuba ungasakuba mteto ngexesha loxolo, ulungile ngexesha lemfazwe. Ngezizizatuke singavuya u Rulumeni ete waseleupelisa kanye. EYONA ngxoxo engati iyakuba nkulu yale Palamente ihleliyo yaqalwa ngu Mr. Upington. inkulu yolaulo, ngolwesi-Ta- tu oludlulileyo, ngenteto epolileyo yobu- doda. Siyidelile kodwa indlela atete ngayo ngamanene alungileyo ase London ane- ntlanganiso yokumela ukuhamba koku- kanya nokupatwa kakuhle kwabantsundu, akade esinceda oko yena u Mr. Upington ebesiti, 'sizintshaba zemvelo zomhlope.' Kuyasitomalalisa ukufumana ukuba u Mr. Upington kwanolaulo lwake unga abamnyama angabapata ngemfanelo njengokuba sifumana bebehambisa ngelixesha ibingahlangene i Palamente, nanje- ngokuba zibonisa inteto zabo, bangahlala ngokonwaba besazi ukuba abantsundu bayakwazi ukumbulela obapete kakuhle. ELIPAKATI likulu lolaulo libalise entetweni yalo ngokukula kwabamnyama kususela kwimfazwe ka Hintsa kude kuze kwimini zika Sir George Grey. Uteke kuyimfanelo ukuba igwele elangeniswa ngalomadoda liyekwe lisebenze kulentla- ma ingabamnyama, ndawo isixakayo tina kulenteto yeyokuba u Mr. Upington emisa umda ati mabangadluli kuwo aba- mnyama. ' Okwesake isiqu ' utshilo, akanakubafundisa ababantu bantsundu bade baze kufikelela kwabamhlope. Into ayitetayo ngalamazwi asigqibi kuyiqonda, kodwa ngati iliyelenqe lokubabopa iza- ndla abamnyama endleleni yokusinga pambili. Lengxoxo ingokufundiswa kwabantsundu inteto sibona ukuba u Mr. Upington uyifundile. Uti ukuteta 'asi- mcimbi ka Rulumeni ukuxasa imfundiso yabantsundu yepiyane nenteto zasemzini ukuze bayekuzinika amakowabo.' Aku- ko umnyama ufundiswe ngu Rulumeni ukubeta ipiyane bambalwa abafundiswe inteto. Ngendawo yokumiselwa kwama- siko ngati bekusalungile ukuwayekela kubafundisi. U MR. UPINGTON utete ngevoti yetu ngokuti inokutengwa nangubani. Ngoko ke akacingi ukuba kufanelekile ukuba banikwe ilungelo lokuvota. Ute abo bapikele ukungenisa abantsundu eluvotweni banjengabantu abadlala ngerele elintlangoti mbini. Enkosi, Mr. Sprigg, wena wabavusaya abantu bakowetu, imini zokuvota ebumnyameni zidlule; nepakati eli elipatiswe imitelo maseliziguqula imvo zalo ngalendawo. U Mr. W. Ayliff uyikanyezile lenteto ka Mr. Upington ngokubazi abamnyama. Eteta ngengqondo ngobuciko esingazanga samva eteta ngabo umfo ka Elefu, ute 'unenkolo yokuba abantsundu bayaqala ukuluqonda uvoto. Bayayazi into emayenziwe ngobameleyo, besazi ukumxelela ezonto banga angazenza.' U Mr. Ayliff utete inyaniso. YINTO esite nqa yiyo ukuba bati nook abantu baxelelwayo ukuba abantsundu bayisebenzisa ngengqondo ngoku ivoti, kube soloko kuko abayipikayo lonto. Seke sabonisa kulemihlati indlela acikidwa ngayo ngabamnyama amadoda afuna etunyelwe ngabo e Palamente. Mayipe-ndule i Cape Argus malunga neziqamo zovoto lwetu, iti ' inye into ecacileyo: lonto yile ivoti yabamnyama njengokuba basate bayisebenzisa idubule ekutunyelweni kwamadoda e Palamente angegxekwa bani. Asingababantu bamnyama abatumele amadoda anganqwenela umntu ukuba nge-engeko namhla e Palamente.' UGUQULO lolaulo kwela Besutu lube nengozi kwimicimbi yemfundo njengo- kuba sifumana kunjalo kwincwadi ka Rev. A. Mabille axela kuyo umsebenzi wabo wonyaka opelayo. Uti ' sifumene ku Rulumeni £850 kwisituba so July 1884 no July 1885, ekubeni ngapambi kwemfa- zwe elixabiso belingapindwa kane. Iti- tshala zetu zifumana intlaulwana encina- ne kuba iminikelo yeramente ingasivu- meli nokuba sizincamele ne £10 ukuba- nika intlaulo yonyaka. Kusinqabele uku- wuhambisa umsebenzi ngemalana engaka. U Col. Clarke akasiniki temba lokuba soyifumana nalo £850. Oku kuyasoyikisa kuyakunqaba ukuwuhambisa umsebenzi ngezizizatu. Andimohlwayi u Col. Clarke onga imfundo ingahambiseka. Imali asinika yona uyifumana eziratini kuba lemali irolwa yi koloni ihlaulelwa ulaulo lomhlaba. Irafuke isarolwa kodwa abantu babunqumnqesi nayo. SIKE saboniswa umteto omtsha wepasi opelisa yonke eyangapambili nowenzelwa ukupelisa ubusela. obenziwa zezizizwe:— Amaxosa, ama-Mfengu, aba-Tembu, abe- Sutu, ama-Zulu, ama Damara, ama Korana naba-Rolong nabanye abantu abanjalo, okupela ngapandle ama-Lawu, ama- Bastile nama-Koboka. Umisela ukuba wonke omnyama nokuba upina makabe neqaga, umhlaumbi ipasi umhlaumbi ipetshana eliyakumcaza, efunyenwe enge- nazo ezonto' umelwe yinyanga entolo- ngweni namanzi etyuwa okanye azikulule ngeponti. Ngapandle kwamapolisa umntu omnyama unokubuzwa ipasi na- ngubanina onomhlaba ati emfumene engenayo aqweqwedisele entolongweni. Yiyo leyoke into enzima ekohlakeleyo ku- lomteto, kuba impanga inkululeko wonke omnyama imbeka ezinyaweni zomntu wonke omhlope. Bubunzima obungena- kunyamezeleka obu. Siyayibona indawo yokuhlelwa kwabantu. Abafundisi, oti- tshala, abanezatifiketi ezipakamileyo ze (University) ikileliki, abanumzana, abanepulu nezipani nenqwelo, abafundiswe amashishini aba bayakuhamba bona ngamaqaga. Umhlaumbi omnye uyakuha- mba ngepasi vomda. Uyilibele ipasi ila- hlekile ulilifa'lentolongo ngokungahambi ngapasi, nokuba ungumfundisi uyititsha- la, ungopumelele ezimfundweni mauye kwaluswa nababanjwe! Yinile! ngani? Kupefiswa ubusela. Asiboni tina ukuba buyakupela ngalupina uhlobo. Siyavuya ukuva ukuba u Mr. De Wet uwubuyise umva lomteto ngo Mvulo, izizatu zoko singa singazazi—woba usincedile. KWINCWADI ezaziyitumele ku Dr. Dale ititshala zase Batenjini ngomcimbi waba- hloli-zikolo azifumananga mpendulo iyi- yo—u Dr. Dale usuke watuma isandla sake ukuba siti, ' ndineinbeko yokuti ndi- fumene incwadi yenu engomcimbi naba- hloli ndim Geo,~Makonaki,' Ziyatemba ukuba bofunda ukuba bangangeni kwinto zika Rulumeni yedwa.